2024
Ilula Imfundiso kaYesu Krestu
EyeNkanga 2024


UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeNkanga 2024

Ilula Imfundiso kaYesu Krestu

Izicatshulwa

izalamane zincume kunye

eColombia

Ilizwi likaThixo liyimfundiso efundiswa nguYesu Krestu kunye nabaprofeti baKhe. …

… Le mfundiso yeyokuba ukholo kwiNkosi uYesu Krestu, inguquko, ubhaptizo, ukufumana isipho soMoya oyiNgcwele, kwaye nokunyamezela kude kube sekupheleni isikelela bonke abantwana bakaThixo.

Njengokuba sifundisa le migaqo kwabo sibathandayo, uMoya oyiNgcwele uyakusinceda ukuba siyazi inyaniso. Ngenxa yokuba sidinga iimpembelelo zoMoya oyiNgcwele, kufuneka siphephe intelekelelo okanye utoliko lobuqu oludlula ukufundisa imfundiso eyinyani.

… Enye yendlela eziqinisekileyo zokuphepha ukusondela kwimfundiso eyimposiso kukuba ukhethe ukufundisa ngendlela elula necacileyo. …

Ukufundisa ngokulula kusivumela ukuba sabelane ngemfundiso esindisayo kwangethuba, ngelixa abantwana behlala bengachatshazelwa zizilingo zomkhohlisi eziya kuthi kamva bajamelane nazo, kudala ngaphambi kokuba iinyaniso ekufuneka bezifundile zikhukuliswe yingxolo yamajelo onxibelelwano, oontanga, kunye nemizabalazo yabo. …

Njengoko sisenza konke okusemandleni ethu ukufundisa abo sibathandayo ngemfundiso kaYesu Krestu, abanye basenokungaphenduli. Iintandabuzo zingafika engqondweni yakho. … Unganikezeli kwezo nthandabuzo. Guqukela kuThixo ukuze ufumane uncedo. …

… Uya kukhuthala kwaye uze kade umsindo. Kwaye ke unokwazi ukuba wenze konke onako ukunceda abo ubathandayo kunye nabo ubathandazelayo ukuba baqhubele ngapha kwelinge likaSathana lokubalahlekisa.