UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeNkanga 2024
Ukulandela uKrestu
Izicatshulwa
EPhilippines
Ukulandela uKrestu akuyonto yokuzonwabisa okanye yokuziqhelanisa ngamathub’ athile. Kukuzibophelela okuqhubekayo nendlela yobomi efanele ukusikhokela ngamaxesha onke nakuzo zonke iindawo. Iimfundiso zaKhe nomzekelo waKhe zichaza indlela yawo wonke umfundi kaYesu Krestu. …
Imithetho kaThixo inika isikhokhelo namandla azinzisayo ebomini bethu. …
Enye yeemfundiso zoMsindisi wethu ibonakala ifuna ugxininiso kwakhona kwiimeko zomhla wethu.
Eli lixesha lamazwi amaninzi arhabaxa nabuhlungu kunxibelelwano loluntu kwaye ngamanye amaxesha nakwiintsapho zethu. …
Yintoni abafanele bayifundise baze bayenze abalandeli bakaKrestu kweli xesha lonxibelelwano oluyityhefu? Zazithini iimfundiso nemizekelo yaKhe? …
… Kufuneka sithande kwaye senze okulungileyo kubo bonke. Kufuneka siphephe imbambano kwaye sibe ngabaxolisi kulo lonke unxibelelwano lwethu. Oku akuthethi ukuba siyalalanisa kwimigaqo yethu nezinto ezibalulekileyo kodwa kukuyeka ukuhlasela ngokurhabaxa abanye ngezabo. Yiloo nto kanye eyenziwa nguMzekelo wethu Ogqibeleleyo kubulungiseleli baKhe. Lowo ngumzekelo awawumiselayo thina njengoko Yena wayesimema ukuba simlandele Yena. …
Njengabalandeli bakaKrestu, sifundisa kwaye singqine ngoYesu Krestu, uMzekelo wethu Ogqibeleleyo. Ngoko ke masimlandele Yena ngokuyeka imbambano. Njengoko silandela imigaqo-nkqubo yethu esiyithandayo kwizenzo zoluntu, masifanelekele iintsikelelo zaKhe ngokusebenzisa ulwimi neendlela zabaxolisi. Kwiintsapho zethu nobunye ubudlelwane bobuqu masiphephe izinto ezirhabaxa nentiyo.
© 2024 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe e-USA. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, November 2024. Xhosa. 19345 774