“Iintlanganiso zeBhunga looTitshala—EyaBazali nooTitshala Ababiziweyo,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi: Eyabo Bonke Abafundisa eKhayeni naseBandleni (2022)
“Iintlanganiso zeBhunga looTitshala,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi
Iintlanganiso zeBhunga looTitshala—EyaBazali nooTitshala Ababiziweyo
Iwadi nganye kufuneka ibambe iintlanganiso zekota zebhunga lootitshala, zombini zabazali nootitshala ababiziweyo ewadini. Kwezi ntlanganiso, abazali nabanye ootishala banokucebisana ngemigaqo yemfundiso efana nekaKrestu (bona General Handbook: Serving in The Church of Jesus Christ of Latter-day Saints, 13.4, 13.5, 17.4, 17.5, Ithala leencwadi zeVangeli).
Zombini iindidi zeentlanganiso zebhunga lootitshala zibanjwa kanye ngekota ngexesha leklasi lemizuzu engama-50 ngeCawe.
Iintlanganiso zeBhunga looTitshala zaBazali.
Ngubani Okhokela Ezi Ntlanganiso? Ngokwesiqhelo, ilungu lobuBongameli beSikolo sangeCawe likhokela iintlanganiso zebhunga lootitshala zabazali. Nangona kunjalo, ububhishophu bunokwabela amanye amalungu ewadi ukuba akhokele iintlanganiso ngamaxesha athile.
Ibhunga lewadi, lincediswa bubongameli beSikolo sangeCawe, longamela iintlanganiso zebhunga lootitshala zabazali. Bacebisana kunye ngeemfuno zabazali neentsapho, kwaye basebenza kunye ukumisela ukuba yeyiphi imigaqo evela Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi eyakuthi ifezekise ezo mfuno ngokungcono.
Ngubani Ekumele Abekhona? Ibhunga lewadi lilo eligqibayo ukuba makumenywe na abazali abathile okanye lenze ukubakho kuvuleleke kubo bonke abafuna ukuthatha inxaxheba.
Kumele ziBanjwe Nini Ezi Ntlanganiso? Iintlanganiso zebhunga lootishala zabazali zingabanjwa nangeyiphi na iCawe, ngokumiselwe libhunga lewadi.
Iintlanganiso zeBhunga looTitshala zooTitshala Ababiziweyo
Ngubani Okhokela Ezi Ntlanganiso? Ngokwesiqhelo, ilungu lobuBongameli beSikolo sangeCawe likhokela iintlanganiso zebhunga lootitshala zootitshala ababiziweyo. Nangona kunjalo, ububhishophu bunokwabela amanye amalungu ewadi ukuba akhokele iintlanganiso ngamaxesha athile.
Ibhunga lewadi, lincediswa bubongameli beSikolo sangeCawe, longamela iintlanganiso zebhunga lootitshala. Bacebisana kunye ngeemfuno zootitshala nabafundi, kwaye basebenza kunye ukumisela ukuba yeyiphi imigaqo evela Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi eyakuthi ifezekise ezo mfuno ngokungcono.
Ngubani Ekumele Abekhona? Wonke umntu ofundisa iqumrhu okanye iklasi ewadini kufuneka azimase iintlanganiso zebhunga lootitshala. Iqumrhu nobongameli bombutho bayamenywa kananjalo.
Kumele ziBanjwe Nini Ezi Ntlanganiso? Ootitshala bazimasa iintlanganiso zebhunga lootitshala ngeCawe xa bengafundisi iklasi yabo yesiqhelo.
-
Ootitshala bequmrhu lobuBingeleli, boMbutho waManina, nabaMantombazana Amancinane banokuzimasa nokuba ngeCawe yokuqala okanye yesithathu, njengoko kumiselwe ziinkokeli zasekuhlaleni.
-
Ootitshala beSikolo sangeCawe bangakhona nokuba ngeyesibini okanye ngeyesine iCawe, ngokumiselwe ziinkokeli zasekuhlaleni.
-
Ootitshala bePrayimari bangakhona nokuba kungeyiphi na iCawe, ngokumiselwe bubongameli bePrayimari nobeSikolo sangeCawe bewadi. Ukuba bayanqwena, ootitshala bePrayimari banokudibana ngokwahlukeneyo kwabanye ootitshala ukuze bacebisane ngemiba eyodwa yokufundisa abantwana. Oku kungenzeka ngexesha lemizuzu engama-20 okucula, phambi okanye emva kweentlanganiso zesiqhelo zangeCawe, okanye ngolunye usuku lweveki. Ngaphezu kwenye intlanganiso yebhunga lootitshala inokubanjwa ngekota yooTitshala bePrayimari ukuze bangaphosi bonke kwiiklasi zasePrayimari kwiveki enye. (Qaphela: Kangangoko kuyimfuneko, ubongameli bePrayimari babela ootitshala ababambeleyo, badibanisa iiklasi, okanye benza amanye amalungiselelo ukuvumela ootitshala bePrayimari babekhona kwiintlanganiso zebhunga lootishala.)
Ukumila kweeNtlanganiso
Iintlanganiso zebhunga looTitshala—zombini zabazali nootitshala ababiziweyo—zilandela oku kumila
-
Yabelanani kwaye nicebisane kunye (malunga nemizuzu engama-20). Mema abazali okanye ootitshala ukuba babelane ngezinto ezisebenzayo xa befundisa ivangeli ekhaya okanye kwiiklasi zabo. Banokwabelana kananjalo imicelimngeni abajongene nayo okanye izinto abafuna ukuziphucula.
-
Fundani kunye (malunga nemizuzu engama-15). Xoxa nabazali okanye ootitshala ngenye yemigaqo ekuyo Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi. Yizani, Nindilandele ingasetyenziswa njengomthombo kwezi ngxoxo.
-
Cwangcisa kwaye umeme (malunga ne-10 imizuzu). Mema abazali okanye ootitshala ukuba babelane ngezinto abazifundileyo ngexesha lentlanganiso nendlela abaceba ukukusebenzisa ngayo.