Yizani, Nindilandele 2024
Isihlomelo C: EyePrayimari—Imiyalelo yeXesha lokuCula noMboniso weNtlanganiso yoMthendeleko waBantwana


“Isihlomelo C: EyePrayimari—Imiyalelo Yexesha lokuCula noMboniso weNtlanganiso yoMthendeleko waBantwana,” Yizani, Ndilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“Isihlomelo C,” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026

abantwana becula

Isihlomelo C

EyePrayimari—Imiyalelo yeXesha lokuCula noMboniso weNtlanganiso yoMthendeleko waBantwana

Umculo ongcwele sisixhobo esinamandla sokunceda abantwana bafunde ngecebo lolonwabo likaBawo waseZulwini neenyaniso ezisisiseko zevangeli kaYesu Krestu. Njengokuba abantwana becula ngemigaqo yevangeli, uMoya oyiNgcwele uyakungqina ngobunyani yayo. Amazwi nomculo uya kuhlala ezingqondweni nasezintliziyweni zabantwana ubomi babo bonke.

Funa uncedo loMoya njengoko ulungiselela ukufundisa ivangeli ngomculo. Yabelana ngobungqina bakho beenyaniso ocula ngazo. Nceda abantwana babone ukuba umculo unxulumana njani noko bakufundayo nabakuvayo ekhaya nakwiiklasi zePrayimari.

Izikhokelo zoMboniso weNtlanganiso yoMthendeleko

Ngokukhokelwa ngubhishophu, umboniso weNtlanganiso yoMthendeleko waBantwana uqhele ukubanjwa kwikota yesine yonyaka. Njengobongameli bePrayimari nenkokeli yomculo, sebenza kunye nomcebisi kububhishophu owongamela iPrayimari ukucwangcisa umboniso.

Umboniso kufuneka uvumele abantwana ukuba babonise oko bona neentsapho zabo bakufundileyo kwiTestamente eNdala ekhaya nakwiPrayimari, kuquka iingoma zePrayimari abazicule apha enyakeni. Njengoko ucwangcisa umboniso, cinga ngeendlela onokunceda ngayo ibandla ukuba ligxile kuMsindisi neemfundiso zaKhe.

Amabandla anamanani amancinane abantwana anokuqwalasela iindlela amalungu osapho anokuthi athathe inxaxheba ngayo kunye nabantwana babo. Ilungu lobubhishophu linokuqukumbela intlanganiso ngamazwi amafutshane.

Njengoko ulungiselela umboniso, khumbula ezi zikhokelo zilandelayo:

  • Uqheliselo akufuneki luthathe ixesha elingeyomfuneko kude neeklasi zePrayimari okanye kwiintsapho.

  • Izinto ezibonakalayo, izinxibo, nemiboniso yeendaba azifanelekanga kwintlanganiso yomthendeleko.

Bona General Handbook: Serving in The Church of Jesus Christ of Latter-day Saints, 12.2.1.2, Ithala leeNcwadi zeVangeli.

abantwana becula

Imiyalelo yeXesha lokuCula

Imizuzu emi-5 (Ubongameli bePrayimari): Umthandazo wokuvula, isibhalo okanye isivumo sokholo, nentetho enye

Imizuzu eyi-20 (inkokeli yomculo): ixesha lokucula

Ubongameli bePrayimari nenkokeli yomculo bakhetha iingoma zenyanga nganye ukuqinisa imigaqo abantwana abayifunda kwiiklasi zabo nasekhaya. Uluhlu lweengoma ezibethelela le migaqo luqukiwe kwesi sikhokelo.

Njengokuba ufundisa abantwana iingoma, bameme ukuba babelane ngoko sele bekufundile ngamabali kunye nemigaqo yemfundiso efundiswa ziingoma. Mema abantwana babelane ngeengcinga neemvakalelo zabo ngeenyaniso ezifumaneka kwiingoma.

Hymns and Children’s Songs sisixhobo esisisiseko somculo ePrayimari. Amaculo akwincwadi yamaculo namaculo kwincwadi Umhlobo kananjalo afanelekile. Usenokusebenzisa iingoma ezisuka Hymns—For Home and Church. Ukusetyenziswa kwawo nawuphi na omnye umculo ePrayimari kufuneka kuvunywe bububhishophu (bona General Handbook, 12.3.4).

Umculo weXesha lokuCula

EyoMqungu

  • My Heavenly Father Loves Me,” Children’s Songbook, 228–29

  • I Will Follow God’s Plan,” Children’s Songbook, 164–65

EyoMdumba

  • Follow the Prophet,” Children’s Songbook, 110–11

  • A Child’s Prayer,” Children’s Songbook, 12–13

EyoKwindla

  • Kindness Begins with Me,” Children’s Songbook, 145

  • I Need Thee Every Hour,” Hymns, no. 98

UTshazimpuzi

  • Gethsemane,” Ithala leeNcwadi zeVangeli

  • Keep the Commandments,” Children’s Songbook, 146

UCanzibe

  • “Holy Places,” Ithala leeNcwadi zeVangeli

  • As I Search the Holy Scriptures,” Hymns, no. 277

Isilimela

  • I Will Be Valiant,” Children’s Songbook, 162

  • Love One Another,” Children’s Songbook, 136

EyeKhala

  • Search, Ponder, and Pray,” Children’s Songbook, 109

  • I Pray in Faith,” Children’s Songbook, 14

EyeThupa

  • Dare to Do Right,” Children’s Songbook, 158

  • I Feel My Savior’s Love,” Children’s Songbook, 74–75

EyoMsintsi

  • Teach Me to Walk in the Light,” Children’s Songbook, 177

  • Love Is Spoken Here,” Children’s Songbook, 190–91

EyeDwarha

  • Seek the Lord Early,” Children’s Songbook, 108

  • I Lived in Heaven,” Children’s Songbook, 4

EyeNkanga

  • Families Can Be Together Forever,” Children’s Songbook, 188

  • Choose the Right,” Hymns, inani. 239

EyoMnga

  • We’ll Bring the World His Truth,” Children’s Songbook, 172–73

  • The Hearts of the Children,” Children’s Songbook, 92–93

Ukusebenzisa Umculo ukuFundisa iMfundiso

Ixesha lokucula lenzelwe ukunceda abantwana bafunde iinyaniso zevangeli. Izimvo ezilandelayo zingakukhuthaza njengoko uceba iindlela zokufundisa imigaqo yevangeli efumaneka kumaculo neengoma zePrayimari.

Funda izibhalo ezinxulumeneyo. Kwiingoma ezininzi kwi Hymns and Children’s Songs kunye nencwadi yamaculo, iimbekiselo kwizibhalo ezinxulumene nazo zidwelisiwe. Nceda abantwana bafunde ezinye zezi zicatshulwa, kwaye bathethe ngendlela izibhalo ezihambelana ngayo nengoma. Ungadwelisa kananjalo iimbekiselo zezibhalo ezimbalwa ebhodini kwaye umeme abantwana ukuba batshatise imbekiselo nganye yengoma okanye umqolo wengoma.

Gcwalisa isikhewu. Bhala umqolo wengoma ebhodini unamagama angundoqo aliqela angekhoyo. Emva koko cela abantwana ukuba bacule ingoma, bemamele amagama avala izikhewu. Njengokuba bezalisa isikhewu ngasinye, xoxa ukuba yeyiphi imigaqo yevangeli oyifundayo kumagama angekhoyo.

abantwana becula

Ngqina. Nikela ngobungqina obufutshane ebantwaneni beenyaniso zevangeli ezifumaneka kwingoma yePrayimari. Nceda abantwana baqonde ukuba ukucula yenye yendlela abanokunika ngayo ubungqina kwaye bawuve uMoya.

Yima njengengqina Mema abantwana ukuba batshintshisane bemile kwaye besabelana ngoko bakufundayo kwingoma abayiculayo okanye indlela abaziva ngayo ngeenyaniso ezifundiswa engomeni. Babuze ukuba baziva njani xa becula ingoma, kwaye ubancede bachonge impembelelo yoMoya oyiNgcwele.

Sebenzisa imifanekiso. Cela abantwana bakuncede ufumane okanye wenze imifanekiso ehamba namagama abalulekileyo okanye amabinzana engomeni. Bameme ukuba babelane ngendlela imifanekiso enxulumana ngayo nengoma kwaye nento efundiswa yile ngoma. Ngokomzekelo, ukuba ufundisa ingoma “When He Comes Again” (Children’s Songbook, 82–83), unokubeka imifanekiso kwigumbi lonke ebonisa amagama abalulekileyo asuka kwingoma (anjenge iingelosi, ikhephu, kunye nenkwenkwezi). Cela abantwana ukuba baqokelele imifanekiso kwaye bayiphakamise ngokulandelelana kwayo njengoko nicula ingoma kunye.

Yabelana ngesifundo sento Unokusebenzisa into ukukhuthaza ingxoxo malunga nengoma. Ngokomzekelo, phambi kokuba ucule iculo ngothando luka Bawo waseZulwini, unokubonisa abantwana umfanekiso wezinto ezinjengentaka, imvula, okanye iintyatyambo. Oku kunokukhokelela kwingxoxo malunga nokuba singazifumana njani iimpawu zothando lukaBawo waseZulwini macala onke kuthi.

Mema ukwabelana ngamava obuqu. Nceda abantwana banxulumanise imigaqo efundiswa engomeni kunye namava abanawo nale migaqo. Ngokomzekelo ngaphambi kokuba ucule ingoma emalunga neetempile unokucela abantwana ukuba baphakamise izandla xa beyibonile itempile. Bameme, njengoko becula, ukuba bacinge ngendlela abaziva ngayo xa bebona itempile.

Buza imibuzo. Mininzi imibuzo onokuyibuza njengoko nicula iingoma. Ngokomzekelo, unokubuza abantwana ukuba bafunda ntoni kumqolo ngamnye kwingoma. Unokubacela kananjalo ukuba bacinge ngemibuzo ephendulwa yingoma. Oku kunokukhokelela kwingxoxo yeenyaniso ezifundiswa kwingoma.

Sebenzisa izenzo ezilula zezandla. Mema abantwana ukuba bacinge ngezenzo zezandla ezilula ukubanceda bakhumbule amagama nemiyalezo yengoma. Ngokomzekelo, xa ucula ingoma ethi “Search, Ponder, and Pray” (Children’s Songbook, 109), usenokucela abantwana bakhombe emehlweni abo njengokuba ngokuphengulula izibhalo, bakhombe kwiintloko zabo njengoko becula ngokucingisisa, basonge izandla zabo njengoko becula ngokuthandaza.