“Abathathi-nxaxheba beNdalo yoButhixo”, Liyahona,EyoMqungu 2026.
UMyalezo weNyanga Liyahona, EyoMqungu 2026
Abathathi-nxaxheba beNdalo yobuThixo
(Petros II 1:4)
Ulwazi lwecebo losindiso lubonelela ngombono oxabisekileyo, lutyebisa ulonwabo lwethu, kwaye luyasomeleza ukuba soyise imiceli mngeni neenkxwaleko.
Ukrestu Ubiza Abafundi Ababini, nguGary E. Smith
Umpostile uPetros usikhumbuza ukuba kubafundi bakaYesu Krestu “amandla akhe obuThixo asiphile zonke izinto ezisingise ebomini nasekuhloneleni uThixo, ngako ukumazi lowo wasibizayo ngozuko nesidima:
“Esithe ngazo saphiwa amadinga amakhulu ngokugqithisileyo anqabileyo ezithembiso ezixabisekileyo: ukuze ngawo ningaba ngabathathi-nxaxheba kwindalo yobuthixo” (Petros II 1:3–4; ugxininiso longeziwe).
Icebo likaBawo waseZulwini lichaza iinyaniso ezinkulu nezinexabiso ezigqithisileyo nezithembiso ezichaza ubuni bethu banaphakade nenjongo.
Njengoko kucacisiwe kulo ”USapho: ISibhengezo kwiHlabathi:
“Wonke umntu—indoda nomfazi—udalwe ngokomfanekiselo kaThixo. Ngamnye ungunyana okanye intombi yomoya ethandekayo yabazali besezulwini, kwaye, ngenxa yoko, ngamnye unendalo yobuthixo kunye nesiphelo. …
“Kwihlabathi langaphambili, oonyana neentombi zomoya zazimazi kwaye babemnqula uThixo njengo Bawo onguNaphakade kwaye balamkela icebo laKhe ababenokuthi ngalo abantwana baKhe bafumane umzimba wenyama kwaye bazuze amava asemhlabeni ukuze baqhubele kwimfezeko baze ekugqibeleni baqonde ikamva labo elingcwele njengeendlalifa zobomi obungunaphakade.”
UBawo waseZulwini uthembisa abantwana baKhe ukuba, ukuba balandela imiyalelo yecebo laKhe nomzekelo woNyana waKhe oyiNtanda, bagcine imiyalelo, kwaye banyamezele ngokholo kude kube sekupheleni, “baya kuba nobomi obungunaphakade, isipho esesona sikhulu kuzo zonke izipho zikaThixo” (IMfundiso neMinqophiso 18:10).
Umsebenzi kaThixo ugxile ekuqhubeleni phambili nasekuphakanyisweni kwabantwana baKhe. Yonke inkalo yecebo laKhe iyilelwe ukusikelela oonyana neentombi zaKhe kuba “ixabiso lemiphefumlo likhulu emehlweni [aKhe]. (IMfundiso neMinqophiso 18:10).
Icebo likaBawo
Kwibhunga langaphambili uBawo waseZulwini wanikezela kubantwana baKhe bomoya icebo laKhe lenkqubela phambili yabo yanaphakade nolonwabo.
“Siya kwenza ihlabathi abaya kuhlala kulo;
“Kwaye siya kubavavanya ngale ndlela, sibone ukuba baya kuzenza zonke izinto naziphina iNkosi uThixo wabo aya kubayalela zona;
“Kwaye abo bagcina imo yabo yokuqala iya kongezelelwa ngaphezulu; kwaye abo bangayigciniyo imo yabo yokuqala abayi kuba nalo uzuko ebukumkanini obufanayo nabo bagcina imo yabo yokuqala; kwaye abo bagcina imo yabo yesibini baya kuba nozuko olongezelelwe phezu kweentloko zabo ngonaphakade kanaphakade.
“Kwaye iNkosi yathi: Ndiya kuthuma bani? Kwaye omnye waphendula ofana noNyana woMntu: Ndikho, thuma mna. Kwaye omnye waphendula waza wathi: Ndikho, thuma mna. Kwaye iNkosi yathi: Ndiya kuthuma owokuqala.
“Kwaye owesibini waba nomsindo, kwaye akayigcina imo yakhe yokuqala; kwaye, ngaloo mhla, abaninzi bamlandela. (Abramam 3:24-28).
Qaphela ukuba linye icebo elathi lathiwa thaca kwibhunga langaphambili—icebo likaBawo. UBawo wethu waseZulwini akazange abuze umbuzo othi, “Singenza ntoni?” Akazange afune igalelo, acele iingcebiso, okanye acele izindululo. Endaweni yoko, Yena wabonisa iziseko ezingundoqo zecebo laKhe kwaye wabuza, “Ndiya kuthumela bani na?” Undoqo wombuzo waKhe wawugxile ekubeni ngubani na omakathunyelwe ukuphumeza imimiselo nemiqathango yecebo laKhe.
Iziphumo zokuvukela kotshaba nazo zichaziwe kwizibhalo.
“Ke ngoko, ngenxa yokuba uSathana wavukela ngokuchasene nam, kwaye wafuna ukutshabalalisa igunya lokuzikhethela lomntu, endamnika lona, kananjalo nokuba ndimnike awam amandla … , Ndenza ukuba aphoselwe ezantsi;
“Kwaye waba nguSathana, … umtyholi, uyise wabo bonke ubuxoki, ukulahlekisa nokumfamekisa abantu, nokubakhokelela ekuthinjweni ngentando yakhe, nkqu abasukuba bengaliphulaphulanga ilizwi lam” (Moses 4:3–4, ugxininiso longeziwe).
ULusifa akazange abonise icebo elavotelwa phantsi luninzi lwabathathi-nxaxheba kwibhunga langaphambili. Akangomntu onovelwano ophulukene nolonyulo. Yena wavukela! Ikratshi, ikratshi, nokuzingca kwaphembelela ukuvukela kwakhe ngokuchasene necebo likaBawo.
Icebo likaBawo neVangeli yoMsindisi
Icebo lichaza imisebenzi kaBawo noNyana eyenza kufumaneke kulo lonke uluntu iintsikelelo zobomi banaphakade.
Ivangeli kaYesu Krestu yesenza indlela esinokufumana ngayo iintsikelelo ezithenjisiweyo kwicebo likaThixo, nkqu imfundiso, imigaqo, imimiselo, neminqophiso amadoda nabafazi ekufuneka bayikholelwe kwaye bayilandele. “Akukho gama limbi linikiweyo phantsi kwezulu ngaphandle kwalo Yesu Krestu … abanokusindiswa ngalo” (2 Nifayi 25:20). Ngokwenene, iNkosi uYesu Krestu “uyindlela, inyaniso, nobomi: akukho namnye uzayo kuBawo, engezi [ngaYe] (Yohane 14:6
UMongameli Russell M. Nelson wacacisa:
“Icebo lalifuna iNdalo, kwaye oko kwakufuna zombini uKuwa neNtlawulelo. La ngamacandelo amathathu angundoqo ecebo. Indalo yesijikelezi-langa esiyiparadesi yavela kuThixo. Ubomi bokufa nokufa kweza ehlabathini ngokuwa kuka-Adam [bona 2 Nifayi 2:25;; Moses 6:48]. Ubomi obungenakufa nokwenzeka kobomi obungunaphakade zabonelelwa ngeNtlawulelo kaYesu Krestu [bona 2 Nifayi 2:21-28]. …
“… Siza emhlabeni ixesha elifutshane, sinyamezele uvavanyo nezilingo zethu, kwaye silungiselele ukuya phambili naphezulu ukuya kugoduka oluzukileyo [bona Indumiso116:15;; Alma 42:8]. Iingcinga zethu nezenzo zethu ngeli lixa [siphila emhlabeni] ngokuqinisekileyo ziya kuba nenjongo ngakumbi ukuba siyaliqonda icebo likaThixo kwaye sinombulelo kwaye sithobela imiyalelo yaKhe [bona IMfundiso neMinqophiso 59:20–21]
Izihloko zeCebo kwiNcwadi kaMormoni
Sifunda iinyaniso ezibalulekileyo ngokuchonga nokufunda izihloko ezininzi ezahlukeneyo zecebo likaBawo kwiNcwadi kaMormoni: Enye iTestamente kaYesu Krestu. Ngokomzekelo, qwalasela le sampuli elandelayo ekhethiweyo yezihloko:
“Icebo lenceba loMdali omkhulu” (2 Nifayi 9:6)
“Icebo likaThixo wethu” (2 Nifayi 09:13).
“Icebo losindiso” (Yaromi 1:2; Alma 24:14)
“Icebo lentlawulelo” (Alma 12:25, 26, 30, 32, 33); 42:11, 1).
“Icebo lobuyiselo“ (Alma 41:2).
“Isicwangciso solonwabo“ (Alma 42:16).
“Icebo elikhulu lenceba“ (Alma 42:31).
Ngasinye kwezi zihloko siyasinceda ukuba siqonde ngokucacileyo ngakumbi izithembiso ezixabisekileyo zecebo likaBawo kwaye sityebise imbono yethu ngeenjongo nentsingiselo yobomi bethu basemhlabeni.
Okubalulekileyo, esona sihloko sisetyenziswa rhoqo kwicebo likaThixo kwiNcwadi kaMormoni sigxile kwintlawulelo eyenziwa yabakho ngeNtlawulelo kaYesu Krestu.
UAlma wabhengeza, “Ukuba bekungekho ngenxa yecebo lenkululeko, elathi labekwa ukususela kwisiseko sehlabathi, ngelungekho uvuko lwabafileyo; kodwa bekukho icebo lenkululeko elibekiweyo, eliya kwenza uvuko lwabafileyo” (Alma 12:25).
Yena kananjalo wayala, “Qalisa ukukholelwa kuNyana kaThixo, ukuba uya kuza ukubakhulula abantu baKhe, nokuba uya kubandezeleka aze afe ukuze acamagushele izono zabo; nokuba uya kuvuka kwabafileyo, okuya kuzisa uvuko, ukuze bonke abantu beme phambi kwakhe, ukuze bagwetywe ngomhla wokugqibela nomgwebo ngokwemisebenzi yabo.” (Alma 33:22).
Indlela Ilungisiwe
Imiphefumlo yethu kufuneka iphuphume ngumbulelo njengoko siqwalasela icebo likaThixo losindiso, inkululeko, ubuyiselo, inceba, nolonwabo. Ulwazi lwecebo laKhe lubonelela ngombono oxabisekileyo, lutyebisa ulonwabo lwethu, kwaye luyasomeleza ukuba soyise imiceli mngeni neenkxwaleko.
UBawo waseZulwini ulangazelela ukuba sibuyele ekhaya kuYe. Yena uyamema kwaye athembise iintsikelelo, kodwa Yena akanakuze asinyanzele, okanye asinyanzele ukuba sisebenzise igunya lokuziphatha Yena awasinika lona. Kufuneka senze kwaye sikhethe ukubuyela kuYe ngokulandela umzekelo woNyana waKhe oyiNtanda.
ISandla Sakhe Soluliwe nangoku,, nguElizabeth Thayer
“Indlela ilungisiwe, kwaye ukuba siyakukhangela singaphila ngonaphakade” (Alma 37:46; ugxininiso longeziwe).
Ndiyangqina ngovuyo ukuba uBawo waseZulwini ungumbhali wecebo elingcwele labantwana baKhe. UYesu Krestu nguMkhululi kunye noMsindisi wethu. Kwaye njengomnye waBapostile beNkosi bemihla yokugqibela, ndiyangqina ukuba eneneni uyindlela, inyaniso, nobomi” (Yohane 14:6; ugxininiso longeziwe)
© 2026 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Umyalezo weNyanga weLiyahona, EyoMqungu 2026. Xhosa. 19932 774