2025
Lowo uThixo Angenguye
EyeThupha 2025


Umyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeThupha 2025

Lowo uThixo Angenguye

Iinyaniso ezi-5 ngoBawo Wethu oseZulwini

Sinokufunda lukhulu ngoThixo xa siqonda ukuba ungubani na.

Ipeyinti nebrashi yokupeyinta

Umfanekiso nguCamila Gray

Enye yeentsikelelo ezinkulu zoBuyiselo kukuba uThixo uphinde wazityhila Yena kunye nesimilo saKhe njengoBawo oseZulwini onothando. Kodwa ngamanye amaxesha sikhe sibe neengcinga okanye iingcamango ezibubuxoki ngoThixo. Xa oku kusenzeka, sinokufunda okuninzi ngokuba ngubani uThixo ngokuqonda ukuba ngubani na angenguye.

UThixo akanguye umntu ongaqhelekanga ohlala etroneni ekude.

UnguYise wethu, umangalisa ngakumbi kunoyena uyise wasemhlabeni ubalaseleyo unokumthelekelela. Nangona singenako ukukhumbula ubomi bethu obungaphambili kobu kunye naYe, Yena usazi ngamnye kwaye ngokugqibeleleyo. Unomzimba ogqibeleleyo wenyama namathambo, kwaye sifana naYe.

Ukuba kunzima ukuba nomfanekiso-ngqondewni woko uThixo akuko, kukho umzekelo ogqibeleleyo: uNyana waKhe, uYesu Krestu. UKrestu wathi, “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim nobomi: akukho namnye ozayo kuBawo, engezi ngam. Ukuba benindazile mna, ninge nimazile noBawo” (Yohane 14:6–7). Ngamanye amazwi, ukuba sifuna ukwazi ukuba unjani uBawo oseZulwini, sinokufunda malunga nokuba unjani na uYesu Krestu! Bamanyene ngokugqibeleleyo kwinjongo.

UThixo akanguye umntu oxakeke kakhulu ngokubhekisele kuwe.

Enyanisweni, ukukunceda ufumane ubomi obungunaphakade ngumsebenzi waKhe nozuko lwaKhe. Wena uyeyoku #1 agxile kuyo! Akabotshwanga lixesha ngendlela thina esibotshwe ngayo. Fikelela kuYe mgomthandazo nangaliphi na ixesha. Ngoko phulaphula iindlela ezininzi Aphendula ngazo.

UThixo akanguye umntu okunyanzela ukuba umlandele.

UMdala uDale G. Renlund weQumrhu labaPostile Abalishumi ElineSibini wakhe wafundisa, “Injongo kaBawo wethu oseZulwini ebuzalini ayikukuba abantwana baKhe benze oko kulungileyo; kukuba abantwana baKhe bakhethe ukwenza oko kulungileyo kwaye ekugqibeleni bafane kunye naYe.” Yena uyakumema, acebisane nawe, kwaye akufundise inyaniso, kodwa Yena akayi kulisusa igunya lakho lokuzikhethela ngokukunyanzela ukuba umlandele Yena.

UThixo akanguye umntu ozama ukukubamba usenza into engalunganga ukuze akohlwaye.

Endaweni yoko, njengokuba uMdala uPatrick Kearon weQumrhu labaPostile Abalishumi ElineSebini wayibeka, “UThixo ukusukela ngokungapheliyo,” ethetha ukuba Yena akasoze ancame ukuzama ukukunceda ubuyele kuYe. Uyazi ukuba sonke ngokwemvelo siya kujamelana nezinto ezinzima xa sisenza iimpazamo? Ngoko ke Yena ubonelela ngendlela yokuba sihlanjululwe esonweni kwaye sifumane amandla ngeNtlawulelo yoNyana waKhe.

UThixo akanguye umntu olindele ukuba “wanele” okanye “ugqibelele” ngaphambi kokuba akuthande.

Uthando lwaKhe kuwe alunasiphelo. Yena uyakuthanda ngoku, ungafezekanga unjalo! UMongameli uJeffrey R. Holland, uMongameli oliBambela leQumrhu labaPostile Abalishumi ElineSebini, unikela ngengcaciso enamandla ngale nyaniso: “’Yizani njengoko ninjalo,’ utsho uBawo onothando kuthi sonke ngamnye, kodwa Yena uyongezelela, ‘Musani ukuceba ukuhlala njengoko ninjalo.’ Siyancuma kwaye sikhumbule ukuba uThixo uzimisele ukusenza ngaphezu koko besicinga ukuba sinako.” Ngothando olugqibeleleyo kunye nenkuthazo, uBawo oseZulwini uzama ukukunceda ukuba ufane naYe kwaye wamkele konke anako, inyathelo elinye ngexesha.

Lowo uThixo Anguye

Eyona ndlela ingcono yokwazi uBawo wakho oseZulwini kukuhlala unamava kunye naYe. Kanjani? Funda ngaYe kunye noNyana waKhe kwizibhalo nakumazwi abaprofeti abaphilayo. Thandaza kuYe. Gcina imiyalelo yaKhe. Chitha elizolileyo, ixesha lakho lobuqu unqula Yena ebandleni, etempileni, nakwezinye iindawo ezingcwele. Yenza kwaye ugcine iminqophiso kunye naYe. Yena uya kukunceda wazi ukuba ungubani Yena kwaye uziva njani ngawe.

Amanqaku

  1. Bona IMfundiso neMinqophiso 130:22

  2. Bona For the Strength of Youth: A Guide for Making Choices2022), 23.

  3. Bona Moses 1:39.

  4. Dale G. Renlund, Inkomfa Jikelele yeDwarha 2018 (Ensignokanye Liahona, EyeNkanga. 2018, 104).

  5. Patrick Kearon, Inkomfa Jikelele kaTshazimpuzi 2024 (Ensign, Canzibe 2024, 87).

  6. Jeffrey R. Holland, Inkomfa Jikelele kaTshazimpuzi 2017 (Ensignokanye Liahona, Canzibe 2017, 51).