“INyaniso yoBomi Bethu,” Liyahona, EyeThupha 2025.
UMyalezo weNyanga weLiyahona, EyeThupha 2025
INyaniso yoBomi Bethu
UBawo wethu oseZulwini onothando usityhilele iinyaniso malunga nexesha elidlulileyo lethu, elangoku, kunye nekamva lethu, kuquka nendlela yokufumana esona sipho sikhulu sazo zonke.
Phezulu kwezitepsi kwigumbi elincinane, elizele qhu ngaphezu kwevenkile kaNewel K. Whitney eKirtland, Ohio, ngomhla wama-22 eyoMqungu, 1833, abadala beBandla bahlanganisana kunye noMprofeti uJoseph Smith. NgeyoMnga kunyaka ongaphambili, uJoseph waye wafumana isityhilelo esimyalela ukuba aseke isikolo ukuze alungiselele abazalwana kubuthunywa.
“Ndininika umyalelo,” iNkosi yabhengeza, “okokuba niya kufundisana imfundiso yobukumkani.
“Fundisani ngenkuthalo kwaye ubabalo lwam luya kuninceda, ukuze nibe niyalelwe ngakumbi ngokugqibeleleyo kwinkcazo eyingcingane, emgaqweni, emfundisweni, emthethweni wevangeli, ezintweni zonke ezinxulumene nobukumkani bukaThixo, ezifanelekileyo kuni ukuba niziqonde; …
“Ukuze nibe nokuzilungiselela ezintweni zonke xa ndiya kunithumela kwakhona ukwandisa ubizo lwalapho ndinibizele khona, nomsebenzi endinigunyazisele wona” (IMfundiso neMinqophiso 88:77–78, 80).
Esi “Sikolo SabaProfeti,” njengoko sasibizwa njalo, sanikela uthululo olumangalisayo lokomoya. Iinkokeli ezininzi zantlandlolo zeBandla zafundiswa apho. Namhlanje ihlabathi yindawo eyahluke ngokupheleleyo, kodwa isikhokelo esanikelwa yiNkosi ngoko sisasebenza ngendlela emangalisayo. Nathi, kufuneka sifune ulwazi nenyaniso “[ye]zinto njengoko zinjalo, nanjengoko zazinjalo, nanjengoko ziya kuza” (IMfundiso neMinqophiso 93:24).
Ukukhangela Kwethu Inyaniso
Kwelixesha siphila kulo, ulwazi olungakumbi lufumaneka kuthi kunangaphambili. Ngaphambili, ukuba wawufuna ukwazi into ethile, kwakufuneka uye kwithala leencwadi uze uyikhangele. Namhlanje i-intanethi kunye nezixhobo eziphathwa ngesandla zibonelela ngokufikelela kulwazi olungenasiphelo esinokulufumana ngokukhawuleza.
INkosi iyakholiseka xa sizisebenzisa ngobulumko izixhobo esizifumanayo, kodwa isinike esi siluleko singaphelelwa lixesha: “Funani ngenkuthalo nize nifundisane omnye nomnye amazwi obulumko; ewe, funani kwezona zilungileyo iincwadi amazwi obulumko, funani ukufunda, nkqu ngokufunda nzulu nangokholo kanjalo” (IMfundiso neMinqophiso 88:118). Yena uyasikhuthaza ukuba sifunde ngehlabathi elisingqongileyo (bona IMfundiso neMinqophiso 88:79; 93:53), kodwa ekufuneni kwethu inyaniso, kufuneka sijonge kuThixo, “uqiqa zonke izinto, kwaye zonke izinto ziphambi kwakhe, … yaye ungaphezu kwezinto zonke, … kwaye zonke izinto zingaye, nangokwakhe” (IMfundiso neMinqophiso 88:41).
Phakathi kweenyaniso uThixo asinike zona, enye yezo zisisiseko ngokubalaseleyo kubomi bethu emhlabeni kukuba unguBawo wethu oseZulwini. Singoonyana neentombi zaKhe zomoya. Yena uyasazi kwaye uyasithanda ngokugqibeleleyo. Kwaye njengabantwana baKhe bomoya, sinendalo yobuthixo kunye nesiphelo sobuthixo. Ukuqonda nokwamkela ezi nyaniso zanaphakade kusinika ubuni, ixabiso, kunye nenjongo eyasisikelela kwaye yasikhokela kubomi bethu bangaphambili kwaye iya kuqhubeka isenza njalo ngoku nangonaphakade.
Sasikho kunye noBawo Ekuqalekeni
Njengokuba sifuna ubunyani bezinto, “njengoko zazinjalo,” sifumana la mazwi kuMsindisi wethu, uYesu Krestu: “Kwaye ngoku, inene ndithi kuni, ndandikho ekuqalekeni kunye noBawo, kwaye ndiliZibulo,” kananjalo “nanikho ekuqalekeni kunye noBawo” (IMfundiso neMinqophiso 93:21, 23).
Phambi kobomi bethu basemhlabeni, sazimasa ibhunga ezulwini apho uBawo wethu oseZulwini wabonisa icebo laKhe elikhulu lolonwabo. UMprofeti uJoseph Smith wafundisa ukuba inkuthazo kaThixo ngecebo laKhe kukusinika “inyhweba yokuqhubela phambili nje ngaye [kwaye] … siphakanyiswe kunye naye.” Umsebenzi waKhe nozuko lwaKhe “kukwenza kubekho ukungafi nobomi obungunaphakade bomntu” (Moses 1:39).
Sasebenzisa igunya lethu lokuzikhethela kwaye sakhetha ukulandela icebo likaBawo oseZulwini. Sisikelelwe ukuba sizalelwe kobu bomi, apho siqhubekeka ukuba nenkululeko yokuzikhethela kwaye sibe namava obomi basemhlabeni, sifunde, kwaye siqhubele phambili sibheke kubomi banaphakade.
Ngexesha lohambo lwethu lwasemhlabeni, siya kuba nemingeni kunye nezithintelo. Kodwa akuyomfuneko ukuba sijamelane nobunzima bobomi sisodwa. UJoseph Smith wafundisa ukuba uBawo oseZulwini, “uMzali oMkhulu wendalo iphela[,] ujonga lonke usapho loluntu ngenyameko yobubawo nentlonelo yobutata.”
UBawo wethu oseZulwini, “uYise onenceba, uThixo wentuthuzelo yonke,” uya kusisikelela, asiphakamise, aze asithuthuzele “kuyo yonke imbandezelo yethu, ukuze sibe nako ukubathuthuzela abakwinto yonke eyimbandezelo, ngayo intuthuzelo esithuthuzelwa ngayo nathi nguye uThixo” (II abaseKorinte 1:3–4 Njengenxalenye ebalulekileyo yecebo laKhe, uBawo oseZulwini usinike indlela yokuba sibuyele kuYe.
Indlela Eya kuBawo Wethu
Inyaniso “yezinto njengoko zinjalo” (Yakobi 4:13) icacile: asinako ukufikelela kwisakhono sethu esipheleleyo njengabantwana bakaBawo wethu oseZulwini sisodwa. UYesu Krestu, uNyana oliZibulo likaBawo ngokwasemoyeni, wenza umnqophiso wokuba nguMsindisi noMkhululi wethu.
UYesu Krestu, “oKuphela koZelweyo kaBawo, ezaliswe lubabalo nenyaniso, nkqu uMoya wenyaniso, … oweza waza wahlala phakathi kwethu (IMfundiso neMinqophiso 93:11).” Weza ukuze asibonise indlela yokufumana ulonwabo, intsingiselo, kunye novuyo kobu bomi nakunaphakade.
“Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade.
“Kuba uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini, ukuze aligwebe ihlabathi; kodwa ukuze ihlabathi lisindiswe ngaye” (uYohane 3:16–17).
Amava asemhlabeni oMsindisi abalulekile. ”Akafumananga okokuzaliseka ekuqaleni, kodwa wafumana ubabalo ngobabalo” (IMfundiso neMinqophiso 93:12). Wakhula de “wafumana ukuzaliseka kozuko lukaBawo” kunye “onke amandla, kunye ezulwini nasemhlabeni, nozuko lukaBawo lwalukunye naye, kuba wahlala kuye” (IMfundiso neMinqophiso 93:16–17). UMsindisi wafundisa:
“Ndininika ezi ntetha ukuze nibe nokuqonda nokwazi ukuba kunqulwa njani, nokwazi ukuba unqula ntoni, ukuze nibe nokuza kuBawo egameni lam, kwaye ngexesha elifanelekileyo nifumane ukuzaliseka kwakhe.
“Kuba xa nigcina imiyalelo yam niya kufumana ukuzaliseka kwakhe, nize nizukiswe kum njengoko ndikuye uBawo; ke ngoko, ndithi kuni, niya kufumana ubabalo ngobabalo” (IMfundiso neMinqophiso 93:19–20).
Emyezweni waseGetsemane nasemnqamlezweni, uYesu Krestu wathabathela kuYe izono zehlabathi kwaye weva lonke usizi “neentlungu, neembandezelo nezihendo zazo zonke iindidi” (Alma 7:11). Oku “kwenza ukuba [Yena], … onguyena mkhulu wabo bonke, angcangcazele ngenxa yentlungu, kwaye ophe kwiintunja zonke“ (IMfundiso neMinqophiso 19:18). KungoYesu Krestu kuphela neNtlawulo yaKhe kunye noVuko Ekufeni apho usindiso kunye nokuphakanyiswa kuba nako ukwenzeka.
Ngobabalo loMsindisi nedini lentlawulelo, sinokukhula side sifumane ukuzaliseka kwaye sibenako ukuziswa kwimfezeko ngenye imini. Ukuba siyakulandela umzekelo woMsindisi kwaye sithobele imiyalelo yaKhe, Yena uya kusikhokela kwaye asinqwanqwade kwindlela yethu ebuyela kubukho bozuko lukaBawo wethu oseZulwini.
Christ on the Road to Jerusalem [UKrestu Endleleni eya eYerusalem], nguMichael Coleman, ayinakukhutshelwa
Uya Kusamkela IsiphosaKhe?
Phakathi kweenyaniso “zezinto njengoko ziya kuba njalo ngokwenene” (Yakobi 4:13), sifunda ukuba amava ethu kunaphakade aya kumiselwa lukhetho lwethu lokulandela uYesu Krestu kwaye samkele izipho Yena anikezela ngazo. Izibhalo zifundisa ukuba siya “kuvuyela oko [thina] sifuna ukukufumana.” Okulusizi, kukuba abanye “[abazokufuna] ukuvuyela oko [bebemele] ukukufumana” (IMfundiso neMinqophiso 88:32).
Umongameli wam wobuthunywa, uMdala uMarion D. Hanks (1921–2011), owasebenza njengoGunyazisiweyo Jikelele wabaMashumi Asixhenxe, wafundisa abafundisi bakhe ukuba ukucela into esizimisele ukuyifumana kwaye sonwabe yindlela esinokugweba ngayo ukuba siphi na kuhambo lwethu lwasemoyeni. “Kuba kumnceda entweni na umntu ukuba uphiwe isipho, aze angasifumani?” Njengokuba sifumana izipho zoMsindisi ngokumfuna ngokunyanisekileyo kunye nokumlandela Yena, siyakuvuyela ethembeni lobomi obungunaphakade kunye “nalowo ungumniki wesipho” (IMfundiso neMinqophiso 88:33). Esi sipho kuphiswe ngaso ngothando “sesona sikhulu ngakumbi kuzo zonke izipho zikaThixo” (IMfundiso neMinqophiso 14:7).
UThixo unguBawo wethu oseZulwini. Uyasazi kwaye uyasithanda. Njengoko siphendukela kuYe ekufuneni kwethu inyaniso, singabambelela kubukrelekrele, samkele ubulumko, samkele inyaniso, sithande ubunyulu, kwaye sibambelele ekukhanyeni okuvela kuYe (bona IMfundiso neMinqophiso 88:40). Siqhubekeke ke ubomi bethu bonke kude kube kanti “imini iya kuza xa [si]ya kuqiqa nkqu uThixo, sidliswa ubomi kuye nanguye” (IMfundiso neMinqophiso 88:4).
Iyakuba yeyona mini izukileyo enovuyo.
© 2025 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Liahona Message, August 2025. Xhosa. 19613 774