UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeKhala 2025
Emva Kobu Bomi
Iimpendulo kweMinye Imibuzo
Icebo likaBawo waseZulwini lingasinika umbono noxolo malunga nobomi emva kokufa.
Umfanekiso nguThomas Arnaud
Kwenzeka ntoni emva kokuba sifile?
Mhlawumbi lo ngu mbuzo kuzo zonke iinkolo. Iimpendulo esinazo ngoYesu Krestu kunye nevangeli yaKhe zinamandla. Obu bomi ayisosiphelo. Ngenxa yokuba uYesu Krestu wavuswayo kwabafileyo, imimoya yethu iya kuphinda ihlangane nemizimba yethu, kwaye sonke siya kuvuswa ngenye imini.
Ewe, kukho ezinye iinkcukacha ngobomi emva kokufa ezithe zafika kuthi ngesityhilelo sale mihla ezinokuphendula eminye imibuzo esinokuba nayo. Nantsi imibuzo embalwa enjalo, kunye neempendulo ezimfutshane.
Injani imizimba yomoya?
Umoya luhlobo lwento, kuphela “ucoceke ngakumbi okanye umsulwa” (IMfundiso neMinqophiso 131:7). Imizimba yomoya ibonakala njengemizimba yabantu abadala.
Liphi ilizwe lemimoya?
Kwenzeka ntoni kwilizwe lemimoya?
Phakathi kwezinye izinto, imimoya eye yamkela ivangeli ilungelelaniselwa ukushumayela ivangeli koomoya abangayamkelanga ivangeli. Loo mimoya isenokukhetha ukuyamkela okanye iyale.
Injani imizimba evusiweyo?
Imizimba evusiweyo ayinakufa, iyinyama namathambo, yaye ifezekile. Yona inozuko kwaye mihle. “Akukho nto intle inokubonwa ngaphezu kwendoda okanye umfazi ovusiweyo.”
Kwenzeka ntoni kubukumkani baselestiyali?
Abo bakwiqondo eliphezulu lobukumkani beselestiyali bafana noBawo wethu waseZulwini kwaye bafumana uvuyo olupheleleyo. Bafumana konke oko anako uBawo. Bathatha inxaxheba kumsebenzi nozuko lwaKhe. Babetywinelwe emtshatweni ngonaphakade kwaye ngoku bahlala kwiintsapho zanaphakade, benabantwana bomoya banaphakade abangabo.
Kuthekani ngabantu abangazange batshate kobu bomi?
UBawo waseZulwini unobulungisa ngokugqibeleleyo kwaye unenceba. “INkosi ithembisile ukuba emaphakadeni akukho ntsikelelo iya kuvinjwa oonyana neentombi zakhe ezigcina imiyalelo, zinyanisekile kwiminqophiso yabo, kwaye zinqwenela oko kulungileyo.”
Abazali bam babetywinelwe etempileni, kodwa ngoku baqhawule umtshato. Nditywinwe kubani?
Usenokuba “wazalelwa emnqophisweni” (oko kukuthi, wazalwa emva kokuba abazali bakho betywinwe etempileni), okanye mhlawumbi wawutywiniwe kubazali bakho etempileni emva kokuba betywinwe komnye nomnye. Enoba kuyintoni na, iintsikelelo zakho zihlala zikhona nokuba abazali bakho bakhetha ukuqhawula umtshato kuze kucinywe ukutywinwa kwabo.
Ukhetho lwabazali bakho aluzichaphazeli iintsikelelo zakho. Into ebalulekileyo kukuba uhlale uthembekile kwaye uzifunele iintsikelelo zetempile. Ngokuphathelele ubudlelwane bosapho lwakho, kufuneka “ukholose ngeNkosi kwaye ufune intuthuzelo yaYo,” usazi ukuba “uBawo waseZulwini uya kuqinisekisa ukuba umntu ngamnye ufumana zonke iintsikelelo ezivunyelwa ngumnqweno wakhe nokhetho lwakhe.”
Kwenzeka ntoni kubantu abazibulalayo?
Asazi ukuba kwenzekani kubantu abafa ngokuzibulala, kwaye asikwazi ukubagweba (njengabo bonke abantu, ekugqibeleni). “Ngaphandle kwemizamo emihle yabantu esibathandayo, iinkokeli neengcali, ukuzibulala akusoloko kuthintelwa.
“Akulunganga ukuba umntu azibulale. Nangona kunjalo, nguThixo kuphela okwaziyo ukugweba iingcinga zomntu, izenzo, nenqanaba lokuziphendulela (bona Usamuweli I 16:7; IMfundiso neMinqophiso137:9). …
“Abo baphulukene nabantu ababathandayo ngenxa yokuzibulala banokufumana ithemba nokuphiliswa kuYesu Krestu nakwiNtlawulo yaKhe.”
© 2025 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe e-Amerika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, July 2025. Xhosa. 19618 774