UMyalezo wangenyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoMdumba 2025
Uncedo oluvela Kumthombo Ogqibeleleyo
Nokuba yeyiphi na imizabalazo ojongene nayo, uYesu Krestu uyakukunceda xa ubuyela kuYe.
The Pattern [Indlela], nguJeanette Bourup
Ngaxesha lithile sonke sifuna uncedo oluncinci. Ngamanye amaxesha uncedo oluninzi. Inyaniso yeyokuba, ubomi ngokuqhelekileyo buhamba ngcono xa ungazami ukubuhamba wedwa.
UYesu Krestu ungumthombo ogqibeleleyo woncedo, ithemba, nokomelela kwakho. Unokukunceda ekukutshintsheni ube ngcono—mhlawumbi nangeendlela obungacingi ukuba unakho.
UTshintsho lweNtliziyo
Ngaba wakhe wathandazela ukuba uThixo azithambise iintliziyo zeentshaba zakho? Ukuba kunjalo, ukwindawo elungileyo (bona 3 Nifayi 12:44; Moronayi 7:48). Nokuba awunazo iintshaba ezifana ngokwalo ngqiqo yeNcwadi KaMormoni (uyazi, iintshaba zixhobe ngezixhobo kwaye zikulungele ukuhlasela), mhlawumbi uye wathandaza ukuba uThixo angayithambisa intliziyo yomntu ongakuphathi kakuhle.
Kodwa ngaba ukhe wacinga ukuthandaza kwaye ucele uThixo ayithambise intliziyo yakho? Mhlawumbi ukufumanisa kunzima ukuxolela umntu. Okanye uhlala ucaphuka, nangona ungafuni. Okanye ufuna ukuba ukuva ububele ngakumbi kwizalamane zakho nangona bekucaphukisa ngamanye amaxesha.
“[UYesu Krestu] uya kuyitshintsha intliziyo yakho nobomi bakho. Kancinci kancinci, uya kukhula ufane naYe ngakumbi. Uqhagamshelo lwakho lomnqophiso kunye naYe luya kukuzisela ukufikelela okukhulu kumandla aKhe” (For the Strength of Youth: A Guide for Making Choices [2022], 8, ugxininiso longeziweyo).
Ayisosithembiso esikhulu na eso? Nokuba yintoni na ozamana nayo, nkqu nentliziyo, uYesu Krestu angakunceda. Unokubuyela njani kuYe namhlanje?
© 2024 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe e-USA. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, February 2025.Xhosa19276 774