“Ndiza Kubaphilisa,” Liyahona, EyoMdumba 2025.
UMyalezo wangeNyanga weLiyahona, EyoMdumba 2025
“Ndiza Kubaphilisa ”
Ubufundisi boMsindisi busisandulela esingcwele kwaye kusisithembiso sempiliso engapheliyo yasenyameni nasemoyeni eyakuza kuthi sonke eluVukweni Kwabafileyo.
Ndisazikhumbula ngokucacileyo ezinye zeenqwelo-moya ezinde endandizihamba ngoxa ndandisebenza njengokapteni wenqwelo-moya.
Kwenye yazo, ndandidla ngokundulukela eJamani ngo-11:00 kusasa ndize ndiye eKhalifoniya ngeye-1:00 emini kwangalo suku. Xa kuthelekiswa amaxesha asekuhlaleni okunduluka nawokufika, kusenokubonakala ngathi uhambo ngenqwelo-moya lunqumla uLwandlekazi lwe-Atlantiki nelizwekazi loMntla Melika luthabatha iiyure ezimbini kuphela. IBoeing 747 yayikhawuleza, kodwa yayingakhawulezi kangako! Enyanisweni, kwasithatha malunga neeyure ezili-11, kuxhomekeka emoyeni, ukuhamba iikhilomitha ezingama-9000.
Ngenxa yokuba sasibhabhela ngasentshona, ilanga alizange litshone ngelixa sasibhabha. Sakonwabela ukukhanya kwemini yonke indlela ukusuka eJamani ukuya eKhalifoniya.
Ukubuyela eJamani, nangona kunjalo, kwakulibali elahluke ngokupheleleyo. Kwanaxa sinduluka ngenjikalanga, njengoko sasibhabha sisiya ngasempuma, kwafika ukutshona kwelanga ngokukhawuleza kunokuba bekuya kwenjenjalo, yaye ngaphambi kokuba singazi, ubusuku babuphezu kwethu.
Ngexesha lezi nqwelo–moya zinde, umphefumlo wam wawuhlala uzaliswe kukumangaliswa njengoko ndandicinga ngobuhle balo mhlaba nolungelelwano lwendalo kaThixo. Naxa ndandibhabha ebusuku, ebumnyameni obupheleleyo, ndazi ngokuqinisekileyo ukuba ilanga liya kuphuma kwakhona, oko kukhanya kuqaqambileyo kuya kubuya kuzise ukufudumala nobomi kusuku olutsha phambi kokuphela kohambo lwethu. Iimeko zokubhabha kwam yayingathi ilanga litshona ngokucotha okanye ngokukhawuleza, kodwa ndandisazi ukuba ilanga lihleli lingaguquki, liqinile, yaye lithembekile emazulwini.
Ndivakalelwa ngendlela efanayo ngoThixo. Ngenxa yokuba ndiqinisekile ngesiseko esinzulu sobulumko nenjongo kaThixo ngayo yonke indalo yaKhe, ndinokuva ithemba elivuyisayo noxolo oluhlala luhleli xa ndicinga ngobukho bethu basemhlabeni. Singabantwana bakaThixo. Yena uyasithanda. Yena uyazazi iimeko zethu. Yena ukulungele ukunceda. Ezi nyaniso azitshintshi, kwanaxa ezinye izinto ezisingqongileyo zibonakala zingazinzanga yaye zingalindelekanga.
Sonke sifumana amaxesha obumnyama, usizi, nokungaqiniseki okusongela uxolo lwethu. Ndinombulelo ongazenzisiyo ngomthombo othembekileyo noyinyani wenyaniso nokukhanya (bona IMfundiso neMinqophiso 88:6–11). UYesu Krestu ukukukhanya nobomi behlabathi. Ngenxa yaKhe nedini laKhe lokucamagushela, sinethemba lekamva, ukufikelela ekukhanyeni okungcwele ukuze kuqaqambise imihla yobumnyama yohambo lwethu, nesithembiso soloyiso lokugqibela esonweni nasekufeni.
“Yena Uyalithanda Ihlabathi”
UYesu Krestu wayekuphela komntu ofezekileyo owakhe wahamba emhlabeni. Ngenxa yobomi baKhe obufezekileyo, Yena wayengenatyala lobulungisa. Ngenxa yothando lwethu, Yena wanikela ngobomi baKhe kumntu ngamnye wethu kwaye bonke abantwana bakaThixo ngokuhlangeneyo ukuze avule umnyango wokungafi nobomi banaphakade.
Nokuba uSathana ufuna sikholelwe ntoni, akukho namnye kuthi ongaphaya kwamandla oMsindisi okusihlangula. Akukho namnye kuthi okhutshiweyo kubabalo loxolelo. Akukho namnye kuthi ongaphaya “kokurhangqwa jikelele ngonaphakade ezingalweni zothando lwaKhe” (2 Nifayi 1:15).
Esi sipho sikhulu kuzo zonke sivela kumandla okwenza kwaye akhululayo eNtlawulelo kaYesu Krestu. Ngenxa yokubandezeleka koMsindisi eGetsemane naseGologota, Yena uyayazi indlela yokusisindisa kwaye asincede nangayiphina kubo bonke ubulwelwe bethu (bona Alma 7:12).
“Ayenzi nayiphina into ngaphandle kokuba ibe iluncedo lwehlabathi; kuba iyalithanda ihlabathi, ngokude inikezele ngobomi bayo ukuze itsalele bonke abantu kuyo” (2 Nifayi 26:24
UYesu Krestu ungamandla ethu!
Yena wolula isandla saKhe.
Yena uyabuyisa.
Yena uyahlangula.
“Xa uMsindisi [wanikela ngedini laKhe lokucamagushela] kubo bonke abantu, Yena wavula indlela ukuze abo bamlandelayo Yena babe nokufikelela kwimpiliso yaKhe, ukomelezwa, namandla akhululayo,” watsho uMongameli Russell M. Nelson.
Loo mandla, njengelanga, ahlala ekho. Akazange agungqe. Ukhetho lokulandela emanyathelweni oMsindiso kufana nokuphuma emthunzini ungene ekukhanyeni kwelanga, apho sinokufumana iintsikelelo zokukhanya, ukufudumala, nothando lukaThixo. Ndiyazi ukuba ngenye imini, siya kujonga ngasemva kwaye sizaliswe ngumbulelo kuba senze isigqibo esibalulekileyo sanaphakade sokuthembela kuYesu Krestu nothando lwaKhe olunyulu ukuba asiphakamise kwaye asomeleze.
“Buyelani Kum”
INcwadi kaMormoni isixelela ngabantu abachitha iintsuku ezintathu kobona bumnyama bunzulu emva kokubethelelwa eMnqamlezweni koMsindisi. Ubumnyama bokwenyama obubangqongileyo bunokufuzisela ubumnyama bokomoya sonke esibufumana ngenxa yesono. Emva koko abantu beva ilizwi likaKrestu libamemela ukuba baphume ebumnyameni beze ekukhanyeni kwaKhe:
“Anisayi kuthi kaloku nje nibuyele kum kusini na, kwaye niguquke kuzo izono zenu, kwaye niguquke, ukuze ndibe nokuniphilisa?” (3 Nifayi 9:13).
“Kwaye niya kunikela njengedini kum intliziyo eyaphulikileyo nomoya otyumkileyo” (3 Nifayi 9:20).
“Guqukani nize nibuyele kum ngenjongo epheleleyo yentliziyo” (3 Nifayi 10:6).
UMsindisi udlulisela ezo zimemo zifanyo kuthi namhlanje xa sizifumana silahlekile ebumnyameni. Kanye njengokuba ukuphuma kwelanga ngalinye kuphawula ukuqala kosuku olutsha, sihlandlo ngasinye siguquka, sifumana isiqalo esitsha, isiqalo esitsha esiqaqambileyo.
Oko akuthethi ukuba kulula. Inguquko ithetha utshintsho, kwaye utshintsho alwenzeki ngokukhawuleza. Ngelixa kuluvuyo, inguquko iquka “ubuhlungu ngokobuthixo” (KwabaseKorinte II 7:10). Kufuna ukuba sivume size sivume iziphoso zethu, sicele ukuxolelwa nguThixo nakwabo sisenokuba sibenzakalisile. Ngaphezu kwako konke, kufuna ukuba sifune “uMoya weNkosi onaMandla Onke,” ukuze thina singaba namava “enguqu enzulu … ezintliziyweni zethu, kangangokuba asinawo umnqweno wokwenza izenzo ezibi, kodwa ukwenza okulungileyo lonke ixesha.” (Mozaya 5:2).
Olo hlobo lwenguqu luhambo olude, kodwa kamsinya nje wakuba uthatha inyathelo lokuqala, ”umhla wosindiso lwakho” uyaqala, kwaye “ngoko nangoko icebo elikhulu lenkululeko liya kuziswa nangakuni” (Alma 34:31).
Ngenguquko yethu enyanisekileyo, uThixo uthembisa ukuxolela kwaye akayi kuphinda azikhumbule izono zethu. Xa sinobunzima bokulibala izono zethu, masizame ukuthembela kwisithembiso seNkosi sokuxolela nokufunda ukuxolela abanye neziqu zethu.
“Imimoya yethu yonakele xa sisenza iimpazamo kwaye sisenza izono,” wafundisa uMongameli Boyd K. Packer (1942-2015). “Kodwa ngokungafaniyo nemeko yemizimba yethu enokufa, xa inkqubo yenguquko igqityiwe, akukho ziva ziseleyo ngenxa yeNtlawulo kaYesu Krestu.”
Ukuphilisa Indoda Eyimfama, nguCarl Heinrich Bloch
“Baziseni ngapha”
UMsindisi nguMphilisi oMkhulu. Omnye wemiboniso emihle kakhulu yamandla aKhe okuphilisa ufumaneka kwiNcwadi kaMormoni, kwingxelo yobufundisi baKhe buqu eMelika yamandulo:
“Ingaba ninabo na abagulayo phakathi kwenu?” Yena wabuza. “Baziseni ngapha. Ingaba ninabo na abaziziqhwala, okanye abazimfama, abazizilima okanye abalimeleyo, okanye abaneqhenqa, okanye abashwabene amalungu omzimba, okanye abazizithulu, okanye ababandezeleke nangaluphi na uhlobo? Baziseni ngapha kwaye ndiza kubaphilisa, kuba ndinemfesane ngani; izibilini zam zizaliswe yinceba. …
“Kwaye kwenzekile okokuba akuba ethethe njalo, sonke isihlwele, ngamxhelo mnye, saye sabheka phambili kunye nabagulayo baso nababandezelekileyo baso, neziqhwala zaso, kunye neemfama zaso, kunye nezimumu zaso, kunye nabo bonke abo babandezeleke nangaluphi na uhlobo; kwaye waye wabaphilisa bonke njengokuba babesiziswa ngaphambili kuye” (3 Nifayi 17:7, 9).
Ngalo lonke ixesha uMsindisi waphilisa nabani na “owayebandezekile nangaluphi na uhlobo,” kokubini ngaphambili nasemva koVuko lwaKhe, yayibubungqina bamandla Akhe okugqibela okuphilsa imiphefumlo yethu. Ukuphiliswa ngakunye okungummangaliso busisandulela esingcwele sesithembiso sempiliso engapheliyo yasenyameni nasemoyeni eyakuza kuthi sonke eluVukweni Kwabafileyo, nto leyo “isisenzo seNkosi esigqibeleleyo sokuphilisa.”
Liyinene elithi imithandazo yethu yokuphiliswa kobu bomi ayisoloko iphendulwa ngendlela esithemba ngayo, kodwa ayizange ingahoywa. Ixesha lokuphiliswa liya kufika, kanye njengokuba ubunyama basebusuku buhlala buvula indlela—ngexesha elifanelekileyo—lokuphuma kwelanga okuqaqambileyo.
Njengoko uMongameli Nelson wanika ubungqina: “Ukholo lwethu alunakuze lungatyiswa. Ndiyazi ukuba imbono kaBawo waseZulwini onobulumko bonke ibanzi kakhulu kuneyethu. Ngelixa sisazi iingxaki zethu zasemhlabeni neentlungu, Yena uyayazi inkqubela yethu yanaphakade namandla ethu. Ukuba sithandazela ukwazi intando yaKhe kwaye sizithobe kuyo ngomonde nangenkalipho, ukuphiliswa kwasezulwini kunokwenziwa ngendlela yaKhe nangexesha laKhe.”
Kutshanje inkosikazi yam, uHarriet, kunye nam siye saquka kwimithandazo yethu ithemba elikhethekileyo kwaye sibongozela abo sibathandayo. Sathandaza ukuba iqela labo lezempilo linikiwe isakhono esikhethekileyo sokunyanga izigulo zabo. Sachukumiseka ukuba songeze ukuba nokuba unyango olukhawulezileyo okanye ukuchacha akunakwenzeka, amandla okuphilisa oMsindisi angabazisela intuthuzelo noxolo. Impembelelo ephilisayo yamandla akhululayo oMsindisi inokuba nempembelelo enkulu ngakumbi kwimvakalelo yethu, ngokomoya, kwaye nakwimpilo yethu yasenyameni kunalo naluphi na unyango lwasemhlabeni esinokulufumana. UYesu Krestu nguMphilisi kobu bomi nakwiphakade.
Bazalwane noodade bam, bahlobo abathandekayo, ndiyangqina ukuba inceba yoMsindisi wethu yanele ukuphilisa amanxeba enu, ukunihlambulula esonweni, ukunomelezela izilingo ezizayo, kwaye inisikelele ngethemba, ubulumko, noxolo lwaKhe. Amandla aKhe ahlala ekho—yaye ethembekile—naxa, okwexeshana, siziva sikude kuthando lwaKhe, ukukhanya, nokufudumala.
Ndiyathandaza ukuba singaze siphulukane imvakalelo yoloyiko lwethu nombulelo ongazenzisiyo ngako konke oko uYesu Krestu asenzele kona. Nceda wazi ukuba uyathandwa ngokugqibeleleyo, kwaye ukhumbule oko uthenjiswe kona ngonaphakade.
“Kwaye ke wanga uThixo anganinika ukuba imithwalo yenu ibelula, ngovuyo loNyana wakhe,” uYesu Krestu (Alma 33:23).
© 2024 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe e-USA. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Liahona Message, February 2025.Xhosa. 19276 774