UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha EyoMnga 2024
Uku Zalwa kukaYesu
Funda ngalo mboniso uqhelekileyo weKrisimesi kwaye nangendlela osinceda ngayo ukuba sigxile kuMsindisi.
Imizobo nguCaroline Vibbert
eBhetelehem
IBhetelehem ithetha “ indlu yesonka” ngesiHebhere. Maxa wambi ibizwa isixeko sikaDavide, ekuprofetwe ngaye ukuba kumnombo wakhe kuyakuvela uMesiya (bona Yeremiya 23:5; Yohane 7:42). USamuweli wamthambisa uDavide ukuba abe ngukumkani eBhetelehem (bona 1 Samuweli 16:1–13). Kwaprofetwa ukuba uMesiya wayeza kuzalelwa phaya (bona Mika 5:2).
Indlu yabahambi
Igama lesiGrike elithi indlu yabahambi linokuthetha nayiphi indawo yokuhlala yokwexeshana, kuquka igumbi leendwendwe. UMariya “wamlalisa [uMtwana uKrestu] emkhumbini wesitali; ngenxa enookuba babengenandawo endlwini yabahambi” (Luka 2:7). (Inguqulelo kaJoseph Smith ithi ”izindlu zabahambi.”) “Ukungabikho kwendawo” kunokuthetha ukuba bajikiswa okanye akukho ndawo ababenokuhlala kuyo eyayinendawo yokuzalela umntwana. Nangeyiphi na imeko, baya ndaweni ithile apha kwakukho umkhumbi.
Umkhumbi wesitali
Umkhumbi wesitali yibhokisi okanye umkhombe ophakamileyo ogcina ukutya kwezilwanyana KwelakwaYuda lamandulo, ezi uninzi lwazo zazenziwe ngamatye. Izindlu zabahambi zazineentendelezo ezisembindini nemikhumbi yezitali, yaye izindlu ezininzi kananjalo zazinemikhumbi yezitali kwigumbi elikhulu ukuze izilwanyana zigcinwe apho ubusuku bonke.
Ukusongela Eziqhiyeni
Oomama bebesongela iintsana ezisanda kuzalwa (bezisonga ngengubo okanye ilaphu) kangangamawaka eminyaka. Oku kuyabathoba kwaye kubathuthuzele emva komothuko wokuphuma esibelekweni. Ilaphu elasetyenziswa nguMariya lisenokuba lalinophawu olukhethekileyo kusapho.
UMariya noYosefu
Babengabantu abalungileyo nabangamalungisa, yaye bobabini babeyinzala kaDavide. Ngamnye watyelelwe yingelosi ekulungiseleleni ukuzalwa koMsindisi (bona UMateyu 1:18-25; ULuka 1:26–38). Bahamba imigama eyi100–140 km (60–90 iimayile) ukuya eBhetelehem. UMariya wayekhulelwe ngethuba lohambo.
Abalusi
Abalusi babesalusa imihlambi yabo kufuphi neBhetelehem. Ngokutsho kwezifundiswa, izimvu ezazilungele amadini asetempileni kuphela ezazivumelekile ukuba zifunyanwe kufuphi nesixeko. Ngoko aba balusi basenokuba babesalusa izimvu ezaziza kumela idini likaYesu Krestu ngenxa yethu (bona UMoses 5:6–7). Bayishiya imihlambi yabo ukuze babone uMesiya, lowo idini lakhe lentlawulelo lalizakuphelisa amadini ezilwanyana.
UMtwana uKrestu
UYesu Krestu ungoyena mntu uphambili kumboniso wokuZalwa kukaYesu—kunye nobomi bethu.
© 2024 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, December 2024. Xhosa. 19346 774