2017
Ningoyiki Ukwenza Okulungileyo
eyeNkanga 2017


UMyalezo woBongameli bokuQala, eyeNkanga 2017

Ningoyiki Ukwenza Okulungileyo

INkosi iyasixelela ukuba xa sima ngokholo phezu kulwalwa lwaYo, intandabuzo kunye noloyiko luyaphela; umnqweno wokwenza okulungileyo uyakhula.

Boodade nabazwalwane bam ababekekileyo, ndiyathandaza ngokuzithoba okokuba uMoya weNkosi uya kuba nathi njengoko ndithetha namhlanje. Intliziyo yam izele ngumbulelo eNkosini, eyona Bandla layo ileli, ngenxa yempembelelo esithe sayiva kwimithandazo evuthayo, kwiintshumayelo eziphembelelweyo, kunye nokucula kweengolosi kule nkomfa.

KwekaTshazimpunzi odlulileyo, uMongameli Thomas S. Monson wanikeza umyalezo owachukumisa iintliziyo kwihlabathi jikelele, kuquka neyam. Yena wayethetha ngamandla weNcwadi kaMormoni. Waye wasibongoza ukuba sifunde, sicingisise, kwaye sisebenzise iimfundiso zayo. Yena wathembisa okokuba ukuba besinokunikela ixesha ngalanga ngalinye lokufunda nokucingisisa kunye nokugcina imithetho iNcwadi kaMormoni eyiqulathileyo, besinokuba nobungqina obubalulekileyo benyaniso yayo, kwaye ubungqina bukaKrestu ophilayo obuba sisiphumo bebunokusiqhubela elukhuselweni ngamaxesha wenkathazo. (Bona “The Power of the Book of Mormon,” Liyahona, uCanzibe 2017, 86–87.)

Njengoninzi lwenu, ndaweva amazwi womprofethi njengelizwi leNkosi kum. Kwaye, njengoninzi lwenu futhi, ndaye ndagqiba kwelokuthobela loo mazwi. Ngoku, ukusukela ngoko ndandiseyinkwenkwana, ndaye ndabuva ubungqina bokuba iNcwadi kaMormoni ililizwi likaThixo, ukuba uBawo kunye noNyana bavela kwaye bathetha noJoseph Smith, kwaye ukuba abaPostile bamandulo baza kuMprofethi uJoseph ukubuyisa izitshixo zobubingeleli kwiBandla leNkosi.

Ngabo obobungqina, ndiye ndayifunda iNcwadi kaMormoni yonke imihla kangangexesha elingapha kweminyaka engama 50. Ngoko ke mhlawumbi ndandinokucinga okokuba amazwi kaMongameli Monson ayenzelwe omnye umntu. Kodwa, njengoninzi lwenu, ndaye ndeva inkuthazo yomprofethi nesithembiso sakhe sindimema ukuba ndenze umzamo omkhulu ngakumbi. Uninzi lwenu lwenze into endithe ndayenza: nathandaza ngenjongo eyandileyo, nacingisisa isibhalo ngengonjo engakumbi, kwaye nazama kanzima ukusebenzela iNkosi kunye nabanye.

Isiphumo esonwabisayo kum, kwakunye nakuninzi lwenu, siye saba yinto umprofethi ayithembisileyo. Abo bethu bathe bathabathela ingcebiso yakhe ephembelelweyo entliziyweni bawuvile uMoya ngokucacileyo. Sithe safumana amandla amakhulu wokuchasana nohendo kwaye siluvile ukholo olukhulu kuYesu Krestu owavuka kwabafileyo, kwivangeli yaKhe, kwakunye nakwiBandla laKhe eliphilayo.

Kwilixa lomonakalo awandayo ehlabathini, oko kwanda ebungqineni kuye kwaqhubela intandabuzo noloyiko ngaphandle kwaye kusizisele iimvo zoxolo. Ekugcinenni ingcebiso kaMongameli Monson kuye kwaba neziphumo ezimbini ezizezinye kum: Okokuqala, uMoya awayewuthembisile uye wavelisa ukuziva ndinethemba ngoko kusezayo, nangona njengoko nesidubedube ehlabathini sibonakala sisanda. Kwaye, okwesibini, iNkosi indiphile mna—nawe— uluvo olukhulu ngakumbi lothando lwaKhe kwabo basembandezelweni. Thina sikuvile ukwanda emnqweneni wokuya kuhlangulo lwabanye. Loo mnqweno ubusentliziyweni yolungiselelo nemfundiso kaMongameli Monson.

INkosi yathembisa uthando kwabanye kunye nenkalipho kuMprofethi Joseph Smith no-Oliver Cowdery xa imisebenzi eyayiphambili kwabo yayinokubonakala ibagubungela. INkosi yatsho ukuba inkalipho eyayidingeka yayiza kuphuma kukholo lwabo kuYo njengolwalwa lwabo:

“Ningoyiki ukwenza okulungileyo, boonyana bam, kuba nayiphina into eniyihlwayelayo, kanjalo niya kuvuna kwayona; ukuba niyihlwayela okulungileyo kanjalo niya kuvuna okulungileyo kube ngumvuzo wenu.

“Ke ngoko, ningoyiki, mhlambi omncinane; yenzani okulungileyo; yekani umhlaba nesihogo zidibane ngokuchasene nani, kuba xa nakhelwe phezu kolwalwa lwam, aziyi kunoyisa.

“ Qaphelani, andinigwebi; yiyani kwiindlela zenu nize ningoni kwakhona; sebenzani ngengqondo ephilileyo umsebenzi endiniyalele wona.

“Khangelani kum kuyo yonke ingcinga; ningathandabuzi, ningoyiki.

“Qaphelani amanxeba agqobhoze icala lam, kananjalo imivumbo yezikhonkwane esezandleni zam nasezinyaweni; thembekani, nigcine imiyalelo yam, kwaye niya kubudla ilifa ubukumkani bezulu” (Iimfundiso&Neminqophiso 6:33–37).

INkosi yaxelela iinkokheli zaYo zoBuyiso, kwaye Yona iyasixelela, ukuba xa sima ngokholo phezu kolwalwa lwaYo, intandabuzo noloyiko ziyanciphiseka; umnqweno wokwenza okulungileyo uyanda. Njengoko sisamkela isimemo sikaMongameli Monson sokuhlwayela ezintliziyweni zethu ubungqina bukaYesu Krestu, siye sizuze amandla, nomnqweno, kunye nenkalipho yokuya kuhlangulo lwabanye ngaphandle kokuxhalela iimfuno zethu.

Ndakhe ndalubona oloo kholo kunye nenkalipho emaxesheni amaninzi xa abaNgcwele Bemihla yokuGqibela abakholwayo babejongene neembandezelo ezoyikekayo. Umzekelo omnye, ndandise-Idaho xa Idama laseTeton laligqabhuka ngomhla wesi-5 EyeSilimela 1976. Udonga lwamanzi lwawela phantsi. Amawaka-waka afuduka emakhayeni wawo. Amawaka-waka wamakhaya kunye namashishini atshatyalaliswa. Ngommangaliso, kwaye kwasweleka abantu abambalwa kune-15.

Into endayibona apho, ndayibona ukuba nanini na xa abaNgcwele Bemihla yokuGqibela beme ngokuzinzileyo phezu kolwalwa lobungqina bukaYesu Krestu. Kuba bengenantandabuzo Yena uyabagada, abanaloyiko. Bona abanaki iimbandezelo zabo ekuyeni kuncedo lwabanye. Kwaye benza kanjalo ngenxa yothando lwabo lweNkosi, kwaye bengaceli mvuzo.

Ngokomzekelo, xa Idama laseTeton laligqabhuka, isibini sabaNgcwele Bemihla yokuGqibela sasihamba-hamba, imigama ekude kwikhaya laso. Sathi sakuva iindaba kamsinya kunomathotholo, saye saxheshela emva eRexburg. Endaweni yokuba siye ekhayeni laso saya kubona ukuba lalitshatyalalisiwe, saye sahamba sayokukhangela umveleli waso. Yena wayekwisakhiwo esasisetyenziswa njengeziko lokuchacha. Yena wayenceda ngokulawula amawaka-waka wamavolontiya awayefika ngeebhasi zesikolo ezityheli.

Isibini saye saya kumveleli kwaye sathi, “Sigqib’ ukubuya. Mveleli, singaya phi siyo kunceda?” Yena wasinika amagama wosapho. Eso sibini saye sahlala sisusa udaka kunye namanzi ekhayeni ngalinye emva kwelinye. Saye sasebenza ukusukela ekuseni kwade kwamnyama iintsuku. Ekugqibeleni saye sathabatha ikhefu saya kubona ikhaya laso. Lona lalihambe nesikhukhula, zange sishiye kwanto yokuba bayicoce. Ngoko ke saye sajika kamsinya sabuyela kumveleli waso. Sona sabuza, “Mveleli, ingaba ukhona omnye umntu esingamnceda?”

Loo mmangaliso wenkalipho ethulileyo kunye nothando lokwenene—uthando olumsulwa lukaKrestu— lwaye lwaphindwa-phindwa eminyakeni kunye nasehlabathini jikelele. Wona wenzekakala ngeentsuku ezimbi zotshutshiso kunye neembandezelo zexesha likaMprofethi Joseph Smith eMissouri. Wona wenzekakala njengoko uBrigham Young wayekhokela imfuduko eyayiphuma eNauvoo kwaye waye wabiza abaNgcwele ebabizela kwiindawo zasentlango kulo lonke elasentshona Melika, ukuba bancedisane ekudaleni iZiyoni yeNkosi.

Ukuba uyazifunda iincwadi zembali zoovulindlela, uye ubone ummangaliso wokholo wokuqhubela ngaphandle intandabuzo noloyiko. Kwaye ufunda ngabaNgcwele beshiya izinto zabo abazithandayo beyokunceda omnye besenzela iNkosi, phambi kokuba babuyele kwizimvu zabo okanye kwiintsimi zabo ezazingalinywanga.

Ndiye ndawubona loo mmangaliso ufanayo ezintsukwini ezimbalwa ezigqithileyo ngelixa lesaqhwithi Irma ePeuerto Rico, eSaint Thomas, naseFlorida, apho abaNgcwele Bemihla yokuGqibela baye babambisana namanye amabandla, amaqela asekuhlaleni, kunye nemibutho yakazwelonke ukuba baqalise iinzame zokucoca.

Njengabahlobo bam eRexburg, esinye isibini esasingengomalungu webandla eFlorida saqwalasela ekuncedeni nokuba sisebenze endlwini yaso. Xa oomakhelwane babaNgcwele Bemihla yokuGqibela banikela ngokunceda ngemithi emibini emikhulu eyayivale indlela yaso, isibini saye sachaza okokuba sasigutyungelwe kwaye sasisele sijikele ekuncedeni abanye, sinokholo lokuba iNkosi iya kusipha uhlangulo esasiludinga ekhayeni laso. Umyeni waye wabelana ngokuba ngaphambili kokuba amalungu weBandla lethu afike noncedo, isibini sasihleli emthandazweni. Sasifumene impendulo yokuba uncedo lwaluya kuza. Lwaye lwafika ngeeyure zaloongqinisekiso.

Ndikhe ndeva ingxelo yokuba abanye abantu baye baqala ukubiza abaNgcwele Bemihla yokuGqibela ababenxibe izikipa ezityheli zeHelping Hands “Iingelosi Ezityheli.” Omnye wabaNgcwele Bemihla yokuGqibela wathatha inqwelo yakhe wayisa kulungiso, kwaye indoda eyayimnceda yachaza “amava womoya” awayenawo xa abantu ababenxibe izikipa ezityheli bathi basusa imithi eyadini yayo kwaye ngoko ke, yona yathi, bona “babendiculela ingoma eyayimalunga nokuba ngumntwana kaThixo.”

Omnye umhlali waseFlorida—naye ongengowayo inkolo yethu—wabalisa okokuba abaNgcwele Bemihla yokuGqibela beza ekhayeni lakhe xa wayesebenza eyadini yakhe eyayitshatyalalisiwe kwaye eziva egutyungelwe, etshiswe kakhulu, kwaye enyembezana. Amavolontiya adala, ngokwamazwi wakhe, “ummangaliso omsulwa.” Wona ayengancedi ngokuzimisela nje qha kodwa ngokuhleka nangoncumo, ayengayamkeli kwanto tu engumvuzo.

Ndikhe ndayibona leyo nyameko kwaye ndakuva oko kuhleka xa, ebusuku ngomgqibelo, ndandindwendwele neqela labaNgcwele Bemihla yokuGqibela eFlorida. Amavoluntiya aye ema ngomsebenzi wawo wokucoca evumela ukuba ndiwaxhawule izandla. Wona athi ukuba amalungu angama-90 wengqokelela yamasebe wawo aseGeorgia ayedale icebo lokungenelela uhlangulo eFlorida ngezolo.

Asuka eGeorgia ngo 4:00 ekuseni, eqhuba iiyure, esebenza ilanga lonke kwade kwase busuku, kwaye acebela ukusebenza kwakhona ngemini elandelayo.

Wona andichazela konke ngoncumo kunye nolonwabo oluhle. Ingxaki enye qha endandiyibona kukuba ayefuna ukuyekwa ngokubulelwa khon’ ukuze abuyele emsebenzini. Umongameli wengqokelela yamasebe wayesele eqalile ngesarha yakhe kwaye wayesebenza kumthi owawusele uwile kwaye nomveleli wayesusa amahlahla womthi njengoko sasingena kwinqwelo yethu sisingise kwiqela lohlangulo elilandelayo.

Kwangaphambili ngaloo mini, njengoko sasidontsa kwenye indawo, kwakunendoda eyayisondele enqweleni, yathula umnqwazi wayo, kwaye yasibulela ngamavoluntiya. Yona yathi, “Mna andilolungu lebandla lenu. Andikholelwa ngento enithe nasenzela yona. UThixo anisikelele.” Ivoluntiya lase-LDS elalime ecaleni kwayo ngesikipa salo esityheli laye lancuma kwaye lahlikihla amagxa walo ngokungathi wayengafanelwanga yindumiso.

Xeshikweni amavoluntiya awayebuya eGeorgia ayeze kunceda le ndoda eyayingakukholelwa oko, amakhulu-khulu wabaNgcwele Bemihla yokuGqibela awayephuma kuloo ndawo yenkxwaleko yaseFlorida ayehambe imigama engamakhulu-khulu kumazantsi wenye indawo yaseFlorida apho ayevile okokuba abantu bakhona babengxhwelerhekile kakhulu.

Ngaloo mini ndaye ndakhumbula kwaye ndawaqonda kangcono amazwi wesiprofetho kaMprofethi Joseph Smith: “Umntu ozele luthando lukaThixo, akoneli ngokusikelela usapho lwakhe kuphela, kodwa uzula-zula ihlabathi lonke, exhalela ukusikelela uhlanga lomntu wonke” (Iimfundiso zooMongameli beCawa: Joseph Smith [2007], 426).

Siyalubona uthando olunjalo ebomini babaNgcwele Bemihla yokuGqibela kuyo yonke indawo. Ngalo lonke ixesha xa kunesiganeko sentlekele naphi na ehlabathini, abaNgcwele Bemihla yokuGqibela baye banikele kwaye bavolontiye kwiinzame zenkonzo yohlangulo yeBandla. Isicelo asidingeki kumaxesha amaninzi. Eneneni, kweminye imicimbi, siye sicele abo bafuna ukuba ngamavoluntiya ukuba bame phambili kokuba baye kwindawo yohlangulo kude abo baphethe umsebenzi bazilungiselele ukubamkela.

Loo mnqweno wokusikelela usisiqhamo sabantu abazuza ubungqina bukaYesu Krestu, yevangeli yaKhe, yeBandla laKhe elibuyisiweyo, kunye nangoMprofethi waKhe. Yiyo loo nto abantu beNkosi bengathandabuzi kwaye bengoyiki. Yiyo loo nto abafundisi bevangeli bezinikela kwinkonzo kuzo zonke iikona zehlabathi. Yiyo loo nto abazali bethandaza nabantwana babo bethandazela abanye. Yiyo loo nto iinkokheli zinika umcelingeni kulutsha lwazo ukuba luthabathe isicelo sikaMongameli Monson sokuzitshonisa kwiNcwadi kaMormoni entliziyweni. Isiqhamo asizi ngokubongozwa ziinkokheli kodwa siza ngolutsha kunye nangamalungu asebenzisa ukholo. Olo kholo, lubekwe kwisenzo, kwaye ludinga idini lokuzinikela buqu, luzisa inguqu yentliziyo ethi ibavumele ukuba bave uthando lukaThixo.

Iintliziyo zethu, kodwa, zihlala ziguqulwa qha njengoko siqhubeka ekulandeleni ingcebiso yomprofethi. Ukuba siyayeka emva kogqabhuko lwenzame enye, inguqu iya kuphela.

AbaNgcwele Bemihla yokuGqibela abanyanisekileyo baye bandisa ukholo lwabo eNkosini uYesu Krestu, eNcwadini kaMormoni njengelizwi likaThixo, kunye nasekubuyisweni kwezitshixo zobubingeleli eBandleni laKhe lenyaniso. Obo bungqina bandileyo buye basinika inkalipho enkulu kunye nokuvelana nabanye babantwana bakaThixo. Kodwa imicelimngeni kunye namathuba angaphambili aya kudinga okuninzi kakhulu.

Asinakukwazi ukubona iinkcukacha ezingaphambili, kodwa siyawazi umfanekiso omkhulu. Siyazi ukuba ngeentsuku zokugqibela, ilizwe liya kubasesidubedubeni. Thina siyazi ukuba embindini wayiphi na ingxaki ezayo, iNkosi iya kukhokela abaNgcwele Bemihla yokuGqibela abanyanisekileyo ukuba bathabathe ivangeli kaYesu Krestu bayise kuzo zonke izizwe, uluntu, iilwimi, kunye nabantu. Kwaye siyazi okokuba abafundi abanyanisekileyo beNkosi bayakufanela kwaye balungele ukumfumana Yena xa Yena esiza futhi. Asidingi ukoyika.

Ngoko ke, njengoko sesakhe ukholo kunye nenkalipho ezintliziyweni zethu, iNkosi ilindele lukhulu kuthi—kunye nakwizizukulwana ezilandela emva kwethu. Ziya kudinga ukuba zomelele kwaye zihlakaniphe kakhulu kuba ziya kukwenza okukhulu kunye nezinto ezinzima kunezo esithe sazenza thina. Kwaye ziya kujongana nenkcaso eyandayo ephuma kutshaba lwemiphefumlo yethu.

Indlela eya kwintembeko njengoko sisiya phambili sayinikwa yiNkosi. “Khangelani kum kuyo yonke ingcinga; ningathandabuzi, ningoyiki” (Iimfundiso&Neminqophiso 6:36). UMongameli Monson usixelele ukuba sikwenza kanjani oko. Kufuneka ukuba sicingisise kwaye sisebenzise iNcwadi kaMormoni kunye namazwi wabaprofethi. Thandaza rhoqo. Kholelwa. Sebenzela iNkosi ngentliziyo yethu yonke, ngako konke esinako, nangengqondo, kunye namandla. Kufuneka sithandaze ngamandla entliziyo yethu onke ngenxa yothando lwenene, uthando olumsulwa lukaKrestu (bona Moronayi 7:47–48). Kwaye ngaphezu kwako konke, kufuneka singaguqu-guquki kwaye sithi gqolo ekulandeleni ingcebiso yesiprofetho.

Xa indlela ibanzima, singathembela kwisithembiso seNkosi—isithembiso uMongameli Monson athe wasikhumbuza ngaso xa ecaphula rhoqo la mazwi woMsindisi: “Kwaye lowo unamkelayo, apho kanjalo ndiya kubakho, kuba ndiya kuhamba phambi kobuso benu. Ndiya kuba sekunene kwenu nasekhohlo kwenu, kwaye uMoya wam uya kuba sezintliziyweni zenu, neengelosi zam ziningqonge, zinixhase” (Iimfundiso&Neminqophiso 84:88).

Ndiyangqina okokuba iNkosi ihamba phambi kobuso bakho nanini na xa usemsebenzini waYo. Ngamanye amaxesha uya kuba yingelosi iNkosi ethi iyithumele ukuba ifunqule abanye. Ngamanye amaxesha uya kuba nguye ongqongwe ziingelosi ezithi zikufunqule. Kodwa rhoqo uya kuhlala unoMoya waKhe entliziyweni yakho, njengoko uthenjisiwe kuyo yonke inkonzo yomthendeleko. Wena kufuneka ugcine imithetho yaKhe kuphela.

Iintsuku ezimnandi ngakumbi zingaphambi kwethu zobukumkani bukaThixo emhlabeni. Inkcaso iya komeleza ukholo lwethu kuYesu Krestu, njengoko kudala isenza njalo kusukela ngeentsuku zikaMprofethi uJoseph Smith. Ukholo luhlala luloyisa uloyiko. Ukuma sonke kuvelisa umanyano. Kwaye imithandazo yakho yabo basweleyo iyavakala kwaye iyaphendulwa nguThixo onothando. Yena akayokozeli okanye alale.

Ndinika ubungqina bam bokuba uThixo uBawo uyaphila kwaye ufuna wena ukuba uze ekhaya kuYe. Eli liBandla eliyinyaniso leNkosi uYesu Krestu. Yena uyakwazi; Yena uyakuthanda; Yena uyakugada. Yena wahlawulela izono zakho nezam kunye nezono zabantwana bonke bakaBawo Osezulwini. Ekumlandeleni ebomini bakho kunye nakwinkonzo yakho kwabanye yiyo indlela kuphela eya ebomini banaphakade.

Ndingqina kanjalo kwaye ndikushiya nentsikelelo yam kunye nothando lwam. Egameni elingcwele likaYesu Krestu, amen.