2012
Ubukhalipha bokumelana neSaqhwithi
Janyuwari 2012


ulutsha

UBukhalipha bokuMelana neSaqwhithi

Kubusuku besibini ekhempini yombutho waMantombazana yakwingingqi yam, sabanemvulakazi eyayinesaqhwithi kunye nenyikithi. Iwadi yam yayinamantombazana ayi 24 awayelapha kule khemp kunye neenkokheli ezimbini, kwaye sonke kwafuneka ukuba sanele kwenye yendlwana zekhemp ezazimbini ukuze sikhuseleke. Imvula yayisina ngamandla, kwaye nomoya wawuqinisa ukuza ngamandla. Kwakufuneka ndisoloko ndizikhumbuza ngomthandazo wokukhuselwa kamongameli wethu wenginqi yeewadi zeecawa awayewenzile ngaphambili. Iwadi yethu nayo yayenze umthandazo wayo kwindlu yayo yasekhempini, kwaye Ndenza eyam imithandazo ndodwa.

Amantombazana amaninzi ayesoyika, kwaye kwakulula ukubona ukuba kwakutheni kwakunjalo. Indlu yethu yayingaqinanga, kwaye sasikufutshane kanye kanye nomlambo. Kangangemizuzu engamashumi amabini isaqwhiti saye saba sibi kakhulu kwade iiwadi zengingqi zabaleka ezindlini zabo zaya kwezabacebisi, ezazime kumhlaba opezulu. Umongameli wengingqi yam wathandaza kwakhona, kwaye sacula amaculo, iingoma zasePrayimari, kunye nezasekhempini sizama ukuzithuthuzela. Ewe, sasisoyika, kodwa sasisiva ingathi yonke into yayizakulunga. Emva kwehafu yeyure kwalunga ukuba sibuyele ezindlini zeewadi zethu.

Ekuhambeni kwexesha safumanisa into eyenzekayo kwinyikithi ngobabusuku. Yaqhekeka yaba zizaqwhithi ezibini. Enye yezaqwhithi sajikeleza thina saya ngasekunene kwaye esinye saya ngasenxele. Thina esakuvayo yayiyindlalo nje!

Ndiyayazi ukuba uiThixo wayiva imithandazo yethu ngobabusuku kwaye Wasikhusela kwesona saqhwithi esasiyingozi. Kwakutheni ukuza inyikithi iqhekeke ngaphandle kokuba uThixo wayeyifuna yenzeke njalo? Ndiyayazi ukuba ezaqwhithini zobomi, singasoloko sithandaza kuBawo waseZulwini kwaye uyakusiva asiphendule, asinike ubukroti kunye nokhuselo esizisweleyo ukuze siphumelele ngokhuseleko.