2010
Siyakwazi UkuMbona na loo Khrestu?
Disemba 2010


UMyalezo wesiMongameli SokuQala, Disemba 2010

Siyakwazi na UkuMbona loo Khrestu?

Ngobunye ubusuku utatomkhulu wayefundela umzukulwana wakhe oyintombazana ibali xa waguquka wajonga phezulu kwaye wathi, “Tatomkhulu, jonga phezulu iinkwenkwezi!” Le ndoda endala yancuma ngobubele kwaye yathi, “Singaphakathi endlwini, sthandwa sam. Akukho nkwenkwezi apha.” Kodwa umntwana wayimela lento, “Uneenkwenkwezi egumbini lakho! Jonga!”

Utatomkhulu wajonga phezulu kwaye, ngokumangala kwakhe, wabona ukuba isilingi yayifafazeke sisinyithi esimenyezelayo. Kwakungabonakali ngamaxesha amaninzi, kodwa xa isibane sasikhanyise okukumenyezela ngendlela ethile, nyani yayibonakala ingathi libala leenkwenkwezi. Yathatha amehlo omntwana ukuba azibone, kodwa nazo ke zazi lapho. Ukususela kulaa mzuzu ukuya phambili, xa utatomkhulu wayengena kweligumbi kwaye ajonge phezulu, wayeyibina into awayengakwazanga ukuyibona ngaphambili.

Singena kwelinye ixesha leKhrismesi elingummangaliso eligcwele ngumculo kunye nezibane, imibhiyozo kunye nezipho. Kodwa kubo bonke abantu, thina njengamalungu ecawa ethwele ingama likaMsindisi kufuneka sijonge ngaphaya kwemihombiso yelixesha kwaye sibone inyaniso enomoya omnandi kunye nobuhle belixesha lonyaka.

Ndiyazibuza ukuba bangaphi na eBhetelehem ababesazi ukuba kanye kanye pha, kufutshane nabo, uMsindisi wayezelwe? UNyana kaThixo. ekwakudala elindiwe kwaye uMesiya owayethenjisiwe—Wayephakathi kwabo!

Niyayikhumbula into ingelosi eyabaxelela bona abalusi? “Kuni namhlanje kuyazalwa kwisixeko sikaDavide uMsindisi, onguKhrestu iNkosi.” Kwaye bathi phakathi kwabo bezithethela, “Masihambeni ngoku siye eBhetelehem, kwaye sibone lento yenzekayo” (Luka 2:11, 15).

Njengabalusi bamandulo, kufuneka sithi ezintliziyweni zethu, “Masiyibone lento yenzekayo.” Kufuneka siyilangazelele ezintliziyweni zethu. Masibone Loo Ongcwele waseIzirayeli esitalini, etempileni, entabeni, kwaye nasemnqamlezweni. Njengabalusi, masimzukise kwaye simdumise uThixo ngezindaba zovuyo olukhulu!

Ngamanye amaxesha ezona zinto zinzima ukuzibona zezo ebezisoloko ziphambi kwethu ixesha lonke. Njengotatomkhulu owahlulwa kukubona iinkwenkwezi esilingini, ngamanye amaxesh asikwazi ukubona okunokubonakala nje ngokucacileyo.

Thina abawuvileyo lo myalezo unozuko wokuza kukaNyana kaThixo, thina abathabathele phezu kwethu igama Lakhe kwaye senza umnqophiso wokuba sihambe endleleni Yakhe njengabalandeli Bakhe—kufanele ukuba singawi phantsi ukuvula iintliziyo zethu kunye neengqondo zethu kwaye simbone Yena ngokwenene.

Ixesha leKhrismesi liyamangalisa ngeendlela ezininzi. Lixesha lezenzo ezinothando zobubele kunye nothando lobuzalwane. Lixesha lokucingisisa ngobomi bethu kunye nangentsikelelo ezininzi ezi zezethu. Lixesha lokuxolela nelokuxolelwa. Lixesha lokuba sonwabele umculo kunye nezibane, iimibhiyozo kunye neziphiwo. Kodwa ukumenyezela kwelixesha akufuneki kwenze nkungu ukubona kwethu kwaye kusinqande ekuboneni ngokwenyaniso iNkosi yoXolo ebungangamsheni Bakhe.

Masenze ixesha leKhrismesi lalonyaka ixesha lokonwaba kwaye nelokuvuyisana, ixesha apho esivumayo ummangaliso wokuba uThixo wethu Onamandla wathumela uNyana Wakhe Ozelwe yedwa, uYesu Khrestu, azokukhulula ihlabathi!

Iingcebiso zokufundisa ngaloMyalezo

  1. “Iinkqubo zokugcina ezibanga umtsalane nokumamela zingasetyenziswa ukwenza umdla kwaye nokunceda abafundi ukuba bamamele ngokuzimisela batsolise kwisihloko sesisifundo. … Imifanekiso zizixhobo ezibaluleke kakhulu ekomelezeni amanqaku aphambili nabalulekilyo kwaye nokunceda abafundi ukuba bahlale bemamele.” (Ukufundisa, akukho bizo luphakemeyo [1999],160, 176). Xa uqala ukwabelana ngaloomyalezo, cinga ngokusebenzisa inkqubo okanye umdlalo njengokubonisa umfanekiso okanye wabelane ngesibhalo esingcwele kwaye ubuze usapho ukuba sivumelana njani na naloo myalezo.

  2. “Enye yeenjongo zakho ezibalulekileyo mayibe kukunceda abanye ukuba basebenzise imigago yevangeli kuzoo zonke iimeko ababanazo imihla ngemihla. … Nceda abafundi ukuba bafumane iintsikelelo eziza ngokuphila ivangeli” (Ukufundisa, akukho bizo luphakemeyo, 159). Emva kokwabelana ngalo myalezo, cinga ngokucela ilungu losapho ukuba labelane ngamava akhe awafumene ngokutsolisa kuMsindisi ngexesha leKhrismesi.