“Isihlomelo C: EyePrayimari—Imiyalelo yeXesha Lokucula noMboniso weNtlanganiso yoMthendeleko waBantwana,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: IMfundiso neMinqophiso 2025 (2025)
“Isihlomelo C,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: 2025
Isihlomelo C
EyePrayimari—Imiyalelo yeXesha Lokucula noMboniso weNtlanganiso yoMthendeleko waBantwana
Umculo ongcwele sisixhobo esinamandla sokunceda abantwana bafunde ngecebo likaBawo waseZulwini lolonwabo neenyaniso ezisisiseko zevangeli kaYesu Krestu. Njengokuba abantwana becula ngemigaqo yevangeli, uMoya oyiNgcwele uyakungqina ngobunyani bayo. Amazwi nomculo uya kuhlala ezingqondweni nasezintliziyweni zabantwana ubomi babo bonke.
Funa uncedo loMoya njengoko ulungiselela ukufundisa ivangeli ngomculo. Yabelana ngobungqina bakho beenyaniso ocula ngazo. Nceda abantwana babone ukuba umculo unxulumana njani noko bakufundayo nabakuvayo ekhaya nakwiiklasi zePrayimari.
Izikhokelo zoMboniso weNtlanganiso yoMthendeleko
Ngokukhokelwa ngubhishophu, umboniso wentlanganiso yomthendeleko wabantwana uqhele ukubanjwa kwikota yesine yonyaka. Njengobongameli yePrayimari nenkokeli yomculo, sebenza kunye nomcebisi kububhishophu owongamela iPrayimari ukucwangcisa umboniso.
Umboniso kufuneka uvumele abantwana ukuba babonise oko bona neentsapho zabo bakufundileyo kwiMfundiso neMinqophiso ekhaya nasePrayimari, kuquka neengoma zasePrayimari abazicule apha enyakeni. Njengoko ucwangcisa umboniso, cinga ngeendlela onokunceda ngayo ibandla ukuba ligxile kuMsindisi neemfundiso zaKhe.
Amabandla anamanani amancinane abantwana anokuqwalasela iindlela amalungu osapho anokuthi athathe inxaxheba ngayo kunye nabantwana babo. Ilungu lobubhishophu linokuqukumbela intlanganiso ngamazwi amafutshane.
Njengoko ulungiselela umboniso, khumbula ezi zikhokelo zilandelayo:
-
Uqheliselo akufuneki luthathe ixesha elingeyomfuneko kude neeklasi yePrayimari okanye kwiintsapho.
-
Izinto ezibonwayo, izinxibo, kunye nemiboniso yeendaba azifanelekanga kwintlanganiso yomthendeleko.
Bona General Handbook: Serving in The Church of Jesus Christ of Latter-day Saints, 12.2.1.2, Ithala leeNcwadi zeVangeli.
Imiyalelo yeXesha lokuCula
Imizuzu emi-5 (Ubongameli bePrayimari): Umthandazo wokuvula, isibhalo okanye isivumo sokholo, nentetho enye
Imizuzu eyi-20 (inkokeli yomculo): Ixesha lokucula
Ubongameli bePrayimari nenkokeli yomculo bakhetha iingoma zenyanga nganye ukuqinisa imigaqo abantwana abayifunda kwiiklasi zabo nasekhaya. Uluhlu lweengoma ezibethelela le migaqo luqukiwe kwesi sikhokelo.
Njengokuba ufundisa abantwana iingoma, bameme ukuba babelane ngoko sele bekufundile ngamabali nemigaqo yeemfundiso ezifundiswa ngamaculo. Mema abantwana babelane ngeengcinga neemvakalelo zabo ngeenyaniso ezifumaneka kwiingoma.
Amaculo neeNgoma yePrayimari zizixhobo ezizisiseko somculo ePrayimari. Amaculo akwincwadi yamaculo kunye amaculo kwincwadi Umhlobo kananjalo afanelekile. Ukusetyenziswa kwawo nawuphi na omnye umculo kwiklasi yePrayimari kufuneka kuvunywe ngubhishophu (bona General Handbook, 12.3.4).
Umculo weXesha lokuCula
EyoMqungu
EyoMdumba
EyoKwindla
UTshazimpuzi
UCanzibe
Isilimela
EyeKhala
EyeThupha
EyoMsintsi
EyeDwarha
EyeNkanga
EyoMnga
Ukusebenzisa Umculo ukuFundisa iMfundiso
Ixesha lokucula lenzelwe ukunceda abantwana bafunde iinyaniso zevangeli. Izimvo ezilandelayo zingakukhuthaza njengoko uceba iindlela zokufundisa imigaqo yevangeli efumaneka kumaculo neengoma yePrayimari.
Funda izibhalo ezinxulumeneyo. Kwiingoma ezininzi kuwo Amaculo neengoma yePrayimari kunye nencwadi yamaculo, iimbekiselo kwizibhalo ezinxulumene nazo zidwelisiwe. Nceda abantwana bafunde ezinye zezi zicatshulwa, kwaye bathethe ngendlela izibhalo ezihambelana ngayo nengoma. Ungadwelisa kananjalo iimbekiselo zezibhalo ezimbalwa ebhodini kwaye umeme abantwana ukuba batshatise imbekiselo nganye yengoma okanye umqolo wengoma.
Gcwalisa isikhewu. Bhala umqolo wengoma ebhodini unamagama angundoqo aliqela angekhoyo. Emva koko cela abantwana ukuba bacule ingoma, bemamele amagama avala izikhewu. Njengokuba bezalisa isikhewu ngasinye, xoxa ukuba yeyiphi imigaqo yevangeli oyifundayo kumagama angekhoyo.
Ngqina. Nikela ngobungqina obufutshane ebantwaneni beenyaniso zevangeli ezifumaneka kwingoma yePrayimari. Nceda abantwana baqonde ukuba ukucula yenye yendlela abanokunika ngayo ubungqina kwaye bawuve uMoya.
Yima njengengqina. Mema abantwana ukuba batshintshisane bemile kwaye besabelana ngoko bakufundayo kwingoma abayiculayo okanye indlela abaziva ngayo ngeenyaniso ezifundiswa engomeni. Babuze ukuba baziva njani xa becula ingoma, kwaye ubancede bachonge impembelelo yoMoya oyiNgcwele.
Sebenzisa imifanekiso. Cela abantwana bakuncede ufumane okanye udale imifanekiso ehamba namagama abalulekileyo okanye amabinzana engomeni. Bameme ukuba babelane ngendlela imifanekiso enxulumana ngayo nengoma kwaye nento efundiswa yile ngoma. Ngokomzekelo, ukuba ufundisa ingoma “When He Comes Again” (Children’s Songbook, 82–83), unokubeka imifanekiso kwigumbi lonke ebonisa amagama abalulekileyo asuka kwingoma (anjenge iingelosi, ikhephu, kunye nenkwenkwezi). Cela abantwana ukuba baqokelele imifanekiso kwaye bayiphakamise ngokulandelelana kwayo njengoko nicula ingoma kunye.
Yabelana ngesifundo sento. Unokusebenzisa into ukukhuthaza ingxoxo malunga nengoma. Ngokomzekelo, xa kuculwa ingoma “‘Give,’ Said the Little Stream” (Children’s Songbook, 236), ungabonisa abantwana umfanekiso wezinto ezifana nomjelo, ingca, imvula, kunye neentyatyambo. Oku kunokukhokelela kwingxoxo malunga nokuba nezenzo ezincinci zenkonzo zingabasikelela njani abanye ngeendlela ezibalulekileyo.
Mema ukwabelana ngamava obuqu. Nceda abantwana banxulumanise imigaqo efundiswa engomeni kunye namava abanawo nale migaqo. Ngokomzekelo, phambi kokuba ucule iculo elingeetempile, ungacela abantwana ukuba baphakamise izandla ukuba bayibonile itempile. Bameme, njengoko becula, ukuba bacinge ngendlela abaziva ngayo xa bebona itempile.
Buza imibuzo. Mininzi imibuzo onokuyibuza njengoko nicula iingoma. Ngokomzekelo, unokubuza abantwana ukuba bafunda ntoni kumqolo ngamnye kwingoma. Unokubacela kananjalo ukuba bacinge ngemibuzo ephendulwa yingoma. Oku kunokukhokelela kwingxoxo yeenyaniso ezifundiswa kwingoma.
Sebenzisa izenzo ezilula zezandla. Mema abantwana ukuba bacinge ngezenzo zezandla ezilula ukubanceda bakhumbule amagama nemiyalezo yengoma. Ngokomzekelo, xa ucula “Search, Ponder, and Pray” (Children’s Songbook, 109), ungamema abantwana bakhombe emehlweni abo njengokuba becula malunga nokuphengulula izibhalo, bakhombe kwiintloko zabo njengoko becula ngokucingisisa, kwaye basonge iingalo zabo njengoko becula ngokuthandaza.