“Ukusikelela Zonke iiNtsapho zeHlabathi,“ Liyahona, EyoKwindla. 2026.
Umyalezo weNyanga Liyahona, EyoKwindla 2026
Ukusikelela Zonke iiNtsapho zeHlabathi
Ukuba silandela kwaye sabelane ngecebo likaBawo wethu waseZulwini ngeentsapho, Yena uya kuba nathi, asixhase, aze azimanye nathi kuhambo lwethu lokubuyela kuYe.
Jacob’s Dream at Bethel [Iphupha likaYakobi eBheteli], nguJ. Ken Spencer
Kutshanje, mna noDade Uchtdorf siye saya kubhaptizo lwesinye sesizukulwana sethu. Njengoko besibukele izizukulwana ezininzi zibhiyozela esi siganeko ngovuyo, saziva sinombulelo onzulu kuBawo wethu waseZulwini ngecebo laKhe losindiso labantwana baKhe. Sive indlela usapho neminqophiso engcwele ebebaluleke ngayo kuYe ukususela ekuqaleni.
Oko kubaluleka kunokubonwa kwingxelo yeTestamente eNdala kaYakobi othembekileyo, owathabatha uhambo olude nolunzima ukuze afumane umfazi, atshate emnqophisweni, aze aqalise usapho. Ngobunye ubusuku, uYakobi wema ukuze aphumle ubusuku bonke kodwa wafumana amatye odwa ukuze abenomqamelo. Umele ukuba wayediniwe kakhulu kuba wakwazi ukulala—waza waphupha.
Eneenjongo ezifanelekileyo zakhe zomnqophiso womtshato nosapho ngokuqinisekileyo engqondweni yakhe, uYakobi wabona “ileli, imisiwe emhlabeni, intloko yayo iye yafika emazulwini; nazo izithunywa zikaThixo zinyuka, zisihla ngayo.
“Nanko uYehova emi phezu kwayo, wathi, NdinguYehova, uThixo ka-Abraham uyihlo, uThixo kaIsake.” (Genesis 28:12–13).
Emva koko iNkosi yenza izithembiso ezibalulekileyo zomnqophiso kuYakobi—izithembiso Yena awayezenzile kananjalo noyise kaYakobi, uIsake, noyisemkhulu, uAbraham, kuquka:
-
Izithembiso zokuba uYakobi uyokuba nguyise “[we]sikhungu sezizwe” (Genesis 28:3; bona kananjalo umqolo 14).
-
Izithembiso zomhlaba kwinzala kaYakobi (bona Genesis 28:4, 13).
-
Izithembiso zokuba ngoYakobi kunye “nembewu yakhe zisikelelwe ngawe nangembewu yakho zonke izizwe zehlabathi” (Genesis 28:14; ugxinisiso longeziwe).
Amava kaYakobi ayengcwele kangangokuba wathi: “Inene iNkosi ikule ndawo. … Asikuko nokuba iyoyikeka le ndawo; yindlu kaThixo, lisango lamazulu eli” (Genesis 28:16-17). Kwaye ke, uYakobi wathiya indawo Betheteli, ithetha “indlu kaThixo.”
Iintsikelelo ezithenjisiweyo ezinikwe ephupheni likaYakobi zazifuna ukuba uYakobi enze ukunyuka okuthile ngokomfuziselo ebomini bokwenyani. NjengabaNgcwele beMihla yokuGqibela, akukhonzima ukubona uqhagamshelwano phakathi kwephupho lika Yakobi, iminqophiso yeNkosi, nendlu yeNkosi. Iitempile zifana kakhulu neleli eyabonwa nguYakobi. Iimfundiso, imimiselo, kunye neminqophiso yendlu yeNkosi zidibanisa izulu nomhlaba. Iminqophiso inokuthelekiswa neenqwanqwa kwilele ezisisondeza ngakumbi eNkosini. Kwaye, ngenkonzo engcwele esiyinikelayo kwiitempile ezingcwele, sisikelela “zonke iintsapho zomhlaba”—ezadlulayo, ezangoku, nezexesha elizayo.
“Okona Ukufunyanwa!”
UMdala uBruce C. Hafen, ilungu eliphumayo leqela lamashumi asixhenxe, wakha wafumana umnxeba ovela kumhleli wemagazini yeendaba yesizwe. Umhleli wayefuna ukuthetha ngencwadi yakutshanje ehlola imbali yeenkolelo malunga nezulu kwiinkonzo ezahlukeneyo.
“Ababhali bafumana ukuba uluntu jikelele luvakalelwa kukulangazelela izulu—kunye neentsapho ezulwini,” uMdala uHafen ubhalile. Kodwa nangona uninzi lwabantu besakholelwa kubomi emva kokufa, uthando olungunaphakade, kunye nokudibana kwakhona kweentsapho zasezulwini, “uninzi lwamabandla amaKrestu awaniki mpendulo ingako kule ndlala yangaphakathi”— ngaphandle kwento enye: IBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela.
eBandleni loMsindisi elibuyisiweyo, sine tempile ezingcwele. KwiBandla loMsindisi elibuyisiweyo, sineetempile ezingcwele. Sinesithembiso sekamva elingunaphakade nabantu esibathandayo kubukho boYise noNyana. Kunikwe konke oku, ababhali bagqiba ukuba ingcamango yezulu yabaNgcwele beMihla yokuGqibela yeyona ipheleleyo—kwaye, ndingongeza, eyona ivuyisayo.
“Okona Ukufunyanwa!” UMdala uHafen uqaphele. Uninzi lwabantu namhlanje lulangazelela iintsapho ezingunaphakade, kwaye [ivangeli ebuyiseweyo kaYesu Krestu] uzalisekisa loo mnqweno ngaphezu kwayo nayiphi na enye ingcinga eyaziwayo [okanye iinkolelo zonqulo]. Ndingathanda ukuba ihlabathi lonke live abantwana [bethu] becula iindaba ezimnandi: ‘Families can be together forever.’”
Iintsapho azilolungiselelo nje lwentlalo elula. Zingufuzisele wezulu lanaphakade. Zona “lubaluleke kakhulu kwicebo loMdali lolwazelelo lwanaphakade lwabantwana baKhe.“ Njengoko uMongameli uRussell M. Nelson (1924–2025) wasifundisa: “[INkosi] yadala umhlaba [ukuze] sikwazi ukufumana imizimba ebonakalayo size sakhe iintsapho. Yona yaseka iBandla laYo ukuphakamisa iintsapho. Yona ibonelela ngeetempile ukuze iintsapho zibe kunye ngonaphakade.”
Kodwa umdla wethu weentsapho ezomeleleyo awuphelelanga esiphelweni esingunaphakade kuphela. Usapho ludlala indima ebalulekileyo kulonwabo lwethu lwasemhlabeni kananjalo. UBawo wethu waseZulwini, owazi ngokugqibeleleyo into ezisa ulonwabo ngoku nangonaphakade, uthumela abantwana baKhe kwiintsapho—nangona zingafezekanga—kwaye usimema ukuba sakhe kwaye sondle iintsapho ezomeleleyo. Ewe kunjalo, “ukhubazeko, ukufa, okanye ezinye iimeko zingenza kube yimfuneko yokuba niziqhelanise nazo ekukhathaleleni usapho.” Kodwa akukho nto inokuthabatha indawo yeembopheleleko ezibalulekileyo nezimiselwe nguThixo zendoda nomfazi, utata nomama.
Uphando “ngeentsapho zebhayoloji, ezidibeneyo, nezinabazali ababini“ luyaqhubeka lubonisa ukuba usapho lubaluleke kakhulu ekugcineni “ulwalamano oluqinileyo lothando nothando.“ Iyiyo “indawo ephambili yokufukama abantu abazinzileyo, abalungeleleneyo nabanomdla kuluntu.”
AbaKhuseli abaKhuthaleyo boSapho
Kakade ke, akufanele kusimangalise ukuba into ebaluleke kangaka kwicebo likaThixo iya kujongana nenkcaso. USathana akazange abe nobuhlobo neentsapho, kwaye imizamo yakhe iya isiba nongxamiseko ngakumbi kuba “esazi nje ukuba ixesha analo lincinane” (Isityhilelo 12:12). Njengoko uMongameli M. Russell Ballard (1928–2023), uMongameli oBambeleyo weQumrhu labaPostile abalishumi elinambini, wathi, “USathana uyazi ukuba indlela eqinisekileyo nesebenzayo yokuphazamisa umsebenzi weNkosi kukunciphisa ukusebenza kakuhle kosapho nobungcwele bekhaya.”
Ukwazi esikwaziyo ngosapho lukaThixo lwanaphakade, icebo laKhe ngabantwana baKhe, nentsingiselo engunaphakade yobudlelwane bentsapho, sifanele sibe phakathi kwabona bakhuseli behlabathi abakhutheleyo bosapho.
Sikwenza njani oku?
UMongameli uDallin H. Oaks unikele le ngcebiso: “IsiBhengezo sosapho … kukugxininisa kweNkosi iinyaniso zevangeli esizidingayo ukuze zisixhase kwiingxaki zangoku kusapho.”
Kubomi bethu bobuqu, singenza “[i]zinto ezincinane nezinto ezingenamsebenzi“ (Alma 37:6) eziqinisa ubudlelwane bosapho. Oku kuquka ukulandela imigaqo yeentsapho ezinempumelelo nemitshato echazwe kwisibhengezo sosapho: “ukholo, umthandazo, inguquko, uxolelwano, intlonipho, uthando, imfesane, umsebenzi kunye nemisebenzi yokuzonwabisa enempilo.“ Nokuba imeko yethu yentsapho injani na ngoku, sinokubonisa ngezenzo zethu ukuba ubudlelwane bentsapho bubaluleke ngonaphakade kuthi.
Nje “ngabemi abanoxanduva“ ekuhlaleni, singakhuthaza loo manyathelo awacwangciselwa ukugcina nokomeleza usapho.“
Singabantu beNkosi bomnqophiso bomihla wokugqibela. Sizindlalifa zezithembiso ezenziwa kuAbraham, kuIsake nakuYakobi—izithembiso ezinento yokwenza yonke neentsapho. Ezo zithembiso ziza kunye nobizo olungcwele lokusikelela “zonke iintsapho zehlabathi.“ Kwaye enye indlela ebalulekileyo esikwenza ngayo oko kukuphila, ukukhusela, nokwabelana ngenyaniso engunaphakade “imimiselo neminqophiso efumaneka kwiitempile ezingcwele zenza kube nokwenzeka ukuba abantu ngabanye babuyele kubukho bukaThixo kwaye iintsapho zimanyane ngonaphakade.”
“Ndikunye Nawe“
Xa uDade uUtchdorf nam sibukele amalungu osapho lwethu esenza iminqophiso engcwele kunye noBawo waseZulwini ongunaPhakade, iintliziyo zethu zigcwala luvuyo nombulelo. Asigcobi ebantwaneni bethu kuphela nabantwana babo kodwa nasebazalini bethu nabazali babo. Sicingisisa nzulu ngothando olubanzi indlela iminqophiso yevangeli esimanya ngayo sonke kuzo zonke izizukulwana. Ngamava angafaniyo nokubona “ileli, imisiwe emhlabeni, …intloko yayo [ifikelela] emazulwini; nazo izithunywa zikaThixo zinyuka, zisihla ngayo” (Genisis 28:12).
Iintsikelelo iNkosi eyazithembisa kuYakobi ephupheni lakhe zifikelela kubo bonke abantwana baYo bomnqophiso—kuquka mna nawe. Njengoko iNkosi yenzela uYakobi, iya kusiphendula “ngomhla wokubandezeleka [kwethu]“ (Genesis 35:3) ukuba singakhetha Yena.
“Yabona,” yatsho iNkosi, “Ndinawe, ndiya kukugcina naphi apho uya khona, … ngokuba andiyi kukushiya” (Genesis 28:15).
NjengoYakobi, sonke sinentlango ekufuneka siyinqumle. Ngamanye amaxesha iintsikelelo esizithenjisiweyo zikhangeleka zikude. Xa iingxaki ezinkulu okanye imiceli mngeni isiza, singaluthandabuza uthando lweNkosi. Sisenokuvakalelwa kukuba uThixo usilahlile. Nangona sizama ngamandla ethu onke kubufundi, singaziva ngokungathi asizifumani iintsikelelo esizinqwenelayo.
Bazalwana noodade, bahlobo abathandekayo, indlela yomnqophiso yindlela evuyisayo, nangona ngamanye amaxesha inokuba nechaphaza leenyembezi. Ukuba uvakalelwa kukuba iinxalenye zecebo lolonwabo azizalisekanga ebomini bakho ngoku, nceda uthembe ukuba iNkosi ikukhathalele kwaye iya kukusikelela ngexesha laYo elifanelekileyo, ngokobulumko baYo.
Ukholo kuYesu Krestu nezithembiso zaKhe zisikhuthaza ukuba sijonge phambili, hayi ngasemva. Ngenxa yaKhe, ikamva lethu akufuneki libanjwe yinto eyenzekileyo kwixesha elidlulileyo okanye ethintela umbono wethu ngoku. Ewe, sonke siyalimala, okanye siya kuyenzakala, ngandlela ithile. Kodwa sikholelwa kuMphilisi Omkhulu. Siyamthemba Yena—kangangokuba, eneneni, samkela izithembiso zaKhe, “siqinisekile ngazo” ngokupheleleyo, nangona “zisekude”(AmaHebere 11:13).
“Sonke masikhumbule ukuba, ngendlela nangexesha leNkosi, akukho ntsikelelo iya kuthintelwa kubaNgcwele baYo abathembekileyo,” utshilo uMongameli uNelson. “INkosi iya kugweba ize ivuze umntu ngamnye ngokweminqweno yakhe nezenzo zakhe.”
Ndiyathembisa ukuba njengoko silandela kwaye sabelane ngecebo likaBawo wethu waseZulwini ngeentsapho, Yena uya kuba nathi, asixhase, aze azimanye nathi kuhambo lwethu. Yena akasoze asishiye sodwa, ingakumbi xa izilingo zisiza kuthi okanye kubantu esibathandayo. Yena uya kusithwala, asiphakamise, aze asise kwilizwe lesithembiso elizele luvuyo kunye naYe, noNyana waKhe, uYesu Krestu, kunye neentsapho zethu—ngonaphakade.
© 2025 ngu Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Liahona Message, March 2025. Xhosa. 19937 774