2025
Yintoni esiyaziyo ngabelusi kwiKrismesi yokuqala?
EyoMnga 2025 Liyahona


UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoMnga 2025

Yintoni esiyaziyo ngabelusi kwiKrismesi yokuqala?

intombazana encinane

Shepherds [Abelusi], nguBrian Call

Sazi izinto ezimbalwa ngabelusi kwiKrisimesi yokuqala.

Babekufutshane neBhetelehem. Abelusi babe “kwakwelo lizwe” apho uKrestu wazalelwa khona (Luka 2:8). Kwaye bakwazi ukufika eBhetelehem ngeenyawo ngelixa Yena wayeselapho (bona Luka 2:15–16).

Babesenza umsebenzi wabo. Aba belusi babe “hlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo” (Luka 2:8). Babengabelusi abalungileyo nabathembekileyo, njengoMsindisi—u Malusi Olungileyo (bona Yohane 10:11, 14).

Babezazi iziprofeto zikaMesiya. Kubonakala ukuba babesazi ukuba ingelosi yayithetha ngantoni xa yayivakalisa ukuzalwa “kukaKrestu iNkosi” (Luka 2:11), uMesiya owayeprofitiwe wakudala.

Babenesibindi kakhulu. Xa ingelosi yabaxelela “usana … lulele emkhumbini” (Luka 2:12), bahamba “ngobungxamo” ukuyombona Yena (Luka 2:16).

Babelana ngeendaba ezilungileyo. Bona “ba[ku]bhengeza” oko bakuvayo nabakubonayo malunga nomyalezo wengelosi ngokuzalwa kukaKrestu (Luka 2:17).

Bambulela baza bamdumisa uThixo. Emva kwako konke oku, bona “babuya bemzukisa bemdumisa uThixo, ngenxa yazo zonke izinto ababezivile nababezibonile” (Luka 2:20).