2025
Iminqophiso, Amandla, neziThembiso
EyeDwarha 2025 Liyahona


“Iminqophiso, Amandla, neziThembiso,” Liyahona, EyeDwarha 2025.

UMyalezo wangeNyanga weLiyahona, eyeDwarha 2025

Iminqophiso, Amandla, nezi Thembiso

Itempile isembindini wamandla nokhuseleko oluthenjiswe kwabathembekileyo ngaphambi kokuBuya kweSibini kweNkosi uYesu Krestu.

Umzobo kaJoseph Smith emi phambi kweTempile yaseKirtland

Umzobo kaJoseph Smith nguDan Burr

NgoCanzibe 1833, utatomkhulu wam wesine uAsahel Perry nabanye abahlobo bakhe bahamba besuka emantla eNew York ukuya eKirtland, eOhio. Babengengawo amalungu eBandla elitsha elibuyiseweyo, kodwa babefuna ukudibana noMprofeti uJoseph Smith. Bafika kanye ngexesha lokuzimasa ibhunga lokuqala elalibanjwe ukuxoxa ngokwakhiwa kweTempile yaseKirtland.

Emva kokuqalisa ibhunga, uMprofeti wabonisa umsebenzi wokwakha itempile. Emva koko wacela abo babekho ukuba bachaze indlela abavakalelwa ngayo ngokunxulumene nesi senzo sikhulu ngolo hlobo. Uninzi lwaphendula ngelithi iBandla lalilihlwempu kakhulu ukuba likwazi ukwenza umsebenzi onjalo. Lwacebisa ukuba kwakhiwe isakhiwo esincinane, esingabizi mali ininzi.

Ngexesha lengxoxo elandelayo, uTatomkhulu uPerry nabahlobo bakhe babuthelana, bakhupha imali yabo, baza bayidibanisa. Ngaba babenayo imali eyaneleyo yokuhlawula uhambo lwabo lokubuyela kwaye banikele ekwakhiweni kwetempile? Kwimizuzu embalwa kamva, utatomkhulu wam wasondela kuJoseph Smith, wakhupha ingqekembe yegolide yeedola ezintlanu, wayinika uMprofeti. (Ingqekembe enjalo namhlanje ingaxabisa amakhulu eedola!)

UJoseph wema phambi kwebhunga waze waphakamisa ingqekembe. Emva koko, ethetha ngamandla, wathi “umsebenzi wawuqalisiwe kwaye iNdlu [yeNkosi] yayiya kwakhiwa ngokomfuziselo owawunikiwe” yiNkosi uYesu Krestu.

Usapho lakwaPerry ngokukhawuleza lazimanya neBandla eKirtland, lafumana iintsikelelo zalo zetempile kwiminyaka embalwa kamva kwiTempile yaseNauvoo, kwaye kamva lawela amathafa ukuya eUtah.

Ngexesha iTempile yaseKirtland yayinikezelwa ngo-1836, yayincinane kakhulu ukuba ingabamba bonke abaNgcwele beMihla yokuGqibela ababefuna ukuzimasa ukunikezelwa kwayo. Njengoko iBandla lalikhula, enjenjalo nawo amanani abaNgcwele ekwakufuneka bazimase iintlanganiso ngaphandle. UMongameli James E. Faust (1920–2007), owakhonza njengomongameli wam westeyki ngethuba ndandisengumfana kwaye nanjengomcebisi xa ndandibizwe njengoGunyaziwe Jikelele ngo-2007, wenza oku kuqaphela malunga netempile yesibini yeBandla:

“Phambi kokuba iTempile yaseNauvoo igqitywe ngo-1846 abaNgcwele babedibana ngaphandle, rhoqo kufutshane netempile, ukuze beve uJoseph nezinye iinkokeli zeBandla zithetha. Maxa wambi amawaka ayesiya kwezo ntlanganiso”—maxa wambi kwanakwimozulu embi.

“Njengokuba [uMdala] uGeorge A. Smith waphawula ngendlela yakhe ehlekisayo, ‘Ngemihla yoMprofeti uJoseph … [iBandla] lachuma kakhulu ngaphandle kweminyango.’”

Sinombulelo ukuba kumhla wethu, IBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela liyachuma ngaphandle, ngaphakathi, nakwihlabathi liphela. Oko kuchuma kuquka ukwakhiwa kweetempile ngesantya esingazange sibonwe “ngokomfuziselo owawunikiwe”—umfuziselo obusoloko uquka iintsikelelo, ungcwaliso, ukholo nedini.

Umzobo weTempile yaseKirtland

A Glorious Light—Kirtland Temple [UkuKhanya Okuzukileyo—iTempile yaseKirtland], nguGlen S. Hopkinson, ayinakukotshwa

Kutheni iiTempile Ezininzi Kangaka?

“Abanduleli bethu baprofetile ukuba iitempile ziyakugcwala imbonakalo yelizwe loMntla noMzantsi Melika, iziqithi zePasifiki, eYurophu, nakwezinye iindawo,” uMongameli Ezra Taft Benson (1899–1994) watsho kumashumi eminyaka eyadlulayo. “Ukuba lo msebenzi wokuhlangula kufuneka wenziwe ngokomlinganiselo ekumele ukuba ube ngawo, amakhulu eetempile ayakufuneka.”

UMongameli uRussell M. Nelson wathi sakha iitempile ngesantya esingazange sibonwe namhlanje “ngokuba iNkosi iyalele ukuba senze njalo. Iintsikelelo zetempile zinceda ekuhlanganiseni uSirayeli kumacala omabini ekhuselo. Ezi ntsikelelo kananjalo zinceda ukulungiselela abantu abaya kunceda ekulungiseleleni ihlabathi ukuBuya kweSibini kweNkosi!”

Kumthandazo wakhe wokunikezela iTempile yaseKirtland, uJoseph Smith wathandaza ukuba “bonke abantu abaya kungena emnyangweni wendlu yeNkosibabe nokuva amandla ayo. …

”Kwaye sicela kuwe, Bawo oyiNgcwele, okokuba izicaka zakho zibe nokuya phambili ukususela kule ndlu zixhotyiswe ngamandla akho, nokokuba igama lakho libe nokuba phezu kwabo, nozuko lwakho lubangqonge, neengelosi zakho zibe noxanduva phezu kwabo” (IMfundiso neMinqophiso 109:13, 22; ugxininiso longeziwe; bona kananjalo ivesi 23).

Xa ndifunda ezo vesi, ndicinga ngombono kaNifayi wemihla yokugqibela. Qaphela amagama afanayo: ”Kwaye kwenzekile okokuba mna, Nifayi, ndiwabone amandla eMvana kaThixo, okokuba ehla phezu kwabangcwele bebandla leMvana, kwaye naphezu kwabantu bomnqophiso weNkosi, ababesasazwe phezu kwabo bonke ubuso bomhlaba; kwaye babexhotyiswe ngobulungisa nangamandla kaThixo ngobuqaqawuli obukhulu“ (1 Nifayi 14:14; ugxininiso longeziwe).

Ndiyakholwa ukuba iitempile zemihla yokugqibela zidlala indima ebalulekileyo ekuzalisekeni kwesiprofeto sikaNifayi kwaye zisembindini wokhuseleko namandla athenjiswe kwabathembekileyo phambi kokuBuya kweSibini.

Kwiminyaka emininzi edlulileyo, ngelixa ndandikhonza njengobhishophu wewadi yeyunivesithi, ndandichukumisekile kakhulu ngomnye umfazi osemtsha kwiwadi yam. Usandichukumisa nangoku. Nimazi njengo-Emily Belle Freeman, uMongameli Jikelele wamaNtombazana Amancinane. Kwintetho yamva nje yekomfa yajikelele, wafundisa ukuba ngetempile, uYesu Krestu usiphakamisela kwinqwelomoya ephezulu yokomoya.

“Ngalo lonke ixesha ndiwela umgubasi wendlu yaKhe, ndiba namava obudlelwane obunzulu bomnqophiso kunye naYe,” watsho uMongameli Freeman. “Ndiya ngcwaliswa nguMoya waKhe, ndinikwe amandla aKhe, kwaye ndibekelwa bucala ukwakha ubukumkani baKhe.”

Amandla Athenjisiweyo

UMongameli Nelson uthethe rhoqo ngamandla kaYesu Krestu afumaneka ngeminqophiso yetempile. ”Ukuzibopha isiqu sakho noMsindisi kuthetha ukuba uyafikelela kukomelela kwaKhe namandla okuhlangula,” yena utshilo. UMongameli Nelson ufundisile kananjalo:

Njengoko sigcina iminqophiso yethu yetempile, sifumana ukufikelela okukhulu ngakumbi kumandla omelezayo eNkosi. Etempileni, sifumana ukhuseleko kwiimbandezelo zehlabathi.

“Imimiselo [yoMsindisi] ebalulekileyo isibophelela kuYe ngeminqophiso yobubingeleli obungcwele. Emva koko, njengokuba sigcina iminqophiso yethu, Yena usinika amandla aKhe aphilisayo, nawomelezayo. Kwaye owu, indlela esiyakuwadinga ngayo amandla aKhe kwiintsuku ezizayo.”

“Amandla okuziphatha namandla omoya abantu bethu abawadingayo ngoku nakwiintsuku ezizayo ngamandla kaThixo uBawo noNyana waKhe, uYesu Krestu. Sizuza ukufikelela kumandla aBo ngokwenza nokugcina iminqophiso kunye naBo.”

Amandla asezulwini abalulekile, bazalwana noodade, kuba siphila kwihlabathi elingendawo kakhulu. Ngaphandle kwaloo mandla, asiyi kukwazi “uyinyamezela imini yokuza kwakhe” okanye “ukuma ekubonakaleni kwakhe” (Malaki 3:2). Asazi ukuba iya kuba nini na loo mini, kodwa umthunywa waKhe sele ethunyelwe ukuba “agece indlela” yokuza kwaKhe (Malaki 3:1). Okwangoku, ihlabathi alihambi ngokuzolileyo ukuya kuloo mini.

Sidinga amandla athenjiswe kwabathembekileyo ukuze asincede:

  • Sivumele uThixo oyise ebomini bethu.

  • Siguquke kwaye sisondele kufuphi eNkosini.

  • Sisikelele, sithuthuzele, sikhokele, kwaye silungiselele.

  • “Simelane nezilingo zethu, izihendo, neentlungu zentliziyo ngcono” (bona Mozaya 3:19).

  • Sifumane uxolo novuyo kuKrestu njengoko sihamba indlela yomnqophiso.

  • Silungiselele “ngokuchasene nemini yokutsha” kunye “nentlekele yabakhohlakeleyo” (IMfundiso neMinqophiso 109:46).

  • Siphumeze umsebenzi weNkosi phambi koKubuya kwaYo kweSibini.

Itempile yaseTucson eArizona

Ifoto yenqebesha yeTempile yaseTucson Arizona nguJames Whitney Young

Abalindi boSindiso

Umsebenzi kaBawo waseZulwini nozuko kukubase “kwenzeni kubekho ukungafi nobomi obungunaphakade bomntu” (uMoses 1:39). Itempile nganye ime njengomlindi wasemhlabeni wecebo likaThixo losindiso, isalatha kwindima esembindini yoMsindisi kulo msebenzi nozuko.

Ixhotyiswe ngamandla aKhe, yonke indoda nomfazi engumgcini mnqophiso—etshatileyo okanye engatshatanga—egcina iminqophiso yetempile ngokuthembeka bayakusikelelwa kobu bomi nakubomi obuzayo.

UMongameli Nelson uthembisile: “Isiphelo apho omnye nomnye wethu azabalazela kona kukuba sinikwe amandla endlwini yeNkosi, sitywinwe njengeentsapho, sithembeke kwiminqophiso eyenziwa etempileni esenza ukuba sifanelekele esona sipho sikhulu sikaThixo—eso sobomi banaphakade. Imimiselo yetempile neminqophiso oyenzayo pha zisisitshixo ekomelezeni ubomi bakho, umtshato wakho nosapho lwakho, namandla akho okuxhathisa uhlaselo lotshaba. “Unqulo lwakho etempileni nenkonzo yakho pha yezinyanya zakho iya kukusikelela ngesityhilelo esongezelelweyo sobuqu kunye nangoxolo kwaye kuyakomeleza ukuzinikela kwakho ekuhlaleni endleleni yomnqophiso.”

NjengoMpostile weNkosi uYesu Krestu, ndiyangqina ukuba ezi zinto ziyinyani.

Amanqaku

  1. Bona Stephen C. Perry letter to Wilford Woodruff, Nov. 21, 1884, Church History Library, catalog.ChurchofJesusChrist.org.

  2. James E. Faust, “Salt Lake Tabernacle Rededication,” Liahona, uCanzibe 2007, 39.

  3. The Teachings of Ezra Taft Benson (1988), 247.

  4. Russell M. Nelson, “INkosi uYesu Krestu IyakuBuya Kwakhona,” Liahona, EyeNkanga 2024, 121.

  5. Emily Belle Freeman, “Walking in Covenant Relationship with Christ,” Liahona, EyeNkanga 2023, 79.

  6. Bona kananjalo Russell M. Nelson, “Ukweyisa iHlabathi kwa nokuFumana ukuPhumlaLiahona, EyeNkanga 2022, 97 .

  7. Russell M. Nelson, “INkosi uYesu Krestu IyakuBuya Kwakhona,” 121.

  8. Russell M. Nelson, “The Temple and Your Spiritual Foundation,”Liahona, EyeNkanga 2021, 94.

  9. Russell M. Nelson, in Kevin W. Pearson, Utah Area Broadcast, Nov. 20, 2024, utah.ChurchofJesusChrist.org.

  10. See Neil L. Andersen, “Spiritual Whirlwinds,” Liahona, uCanzibe 2014, 18.

  11. Russell M. Nelson, “Ukweyisa iHlabathi kwa nokuFumana ukuPhumla,” 96.

  12. Russell M. Nelson, “As We Go Forward Together,” Liahona, Tshazimpunzi 2018, 7.