2025
Silandela uYesu Krestu ngokuManyana naYe eMsebenzini waKhe
EyeSilimela 2025


“Silandela uYesu Krestu ngokuManyana naYe eMsebenzini waKhe,” Liyahona, eyeSilimela 2025.

UMyalezo weNyanga weLiyahona, EyeSilimela 2025

Silandela uYesu Krestu ngoku Manyana naYe eMsebenzini waKhe

Sithatha inxaxheba kumsebenzi woMsindisi njengoko sigxila kwiinjongo zaKhe, sigcina imiyalelo yaKhe, kwaye sithandane.

UKrestu noMlawuli Oselula Osisityebi

Inkcukacha ivela ‌Christ and the Rich Young Ruler [UKrestu noMlawuli Oselula Osisityebi], nguHeinrich Hofmann

Xa sibhaptizwa, siqala inkqubo yokuzithabathela kuthi igama likaYesu Krestu. Inxalenye yale nkqubo ixela ukuba simanyana noMsindisi emsebenzini waKhe. ”UMongameli Dallin H. Oaks, Umcebisi wokuQala kuBongameli bokuQala, wabhala, “Enye yeentsingiselo ezibalulekileyo yokuthabethela phezu kwethu igama likaKrestu [ku]kuvuma nokuzinikela ekuthabatheleni phezu kwethu umsebenzi woMsindisi nobukumkani baKhe.”

Umsebenzi woMsindisi kubase “kwenzeni kubekho ukungafi nobomi obungunaphakade bomntu” (uMoses 1:39). Ukungafi sisipho esingenamiqathango uYesu Krestu asele esiqinisekisile ngoVuko lwaKhe. Ubomi obungunaphakade, noko ke, abufani nokungafi. Ubomi obungunaphakade sesona sipho sikhulu uThixo anokusinika uluntu (bona IMfundiso neMinqophiso 14:7). Kukuphila ngonaphakade njengeentsapho ebukhoneni baKhe. Ukuze sifumane ubomi obungunaphakade, kufuneka sibe ngabafundi abathembekileyo bakaYesu Krestu. Oku kuthetha ukuba sifumana ivangeli ebuyisiweyo ngokuba nokholo kuMsindisi neNtlawulelo yaKhe, ukuguquka, ukubhaptizwa, ukufumana isipho soMoya oyiNgcwele, ukwenza nokugcina iminqophiso yetempile, kwaye nokunyamezela kude kube sekupheleni. Ukunyamezela kude kube sekupheleni kubandakanya ukuzimanya noMsindisi emsebenzini waKhe.

Ukuxhinela ekuzinikezeleni

Sithatha inxaxheba kumsebenzi woMsindisi njengoko sinceda abantwana bakaThixo nabo babe ngabafundi abathembekileyo bakaYesu Krestu. Oku kuquka ukwabelana ngevangeli yaKhe, ngaloo ndlela eqokelela uSirayeli osasaziweyo, ngokuzalisekisa uxanduva kwiBandla loMsindisi kwaye nangokuzama ukuba njengaYe. “Impumelelo yethu [emsebenzini waKhe] ayixhomekekanga kwindlela abanye abakhetha ukusabela ngayo [kuthi], kwizimemo [zethu], okanye kwizenzo [zethu] ezinyanisekileyo zobubele.” UMongameli uRussell M. Nelson waqinisekisa, “Nanini na usenza nantoni na enceda nabani na—ngapha nangapha komkhusane—athabathe inyathelo lokwenza iminqophiso noThixo kwaye afumane imimiselo yabo ebalulekileyo yokubhaptizwa neyasetempileni, uyanceda ekuhlanganiseni amaSirayeli.”

Ukwenza umsebenzi woMsindisi umsebenzi wethu, sigxila kwiinjongo zaKhe, sigcina imiyalelo yaKhe, kwaye sithandane. Ngelixa sisenza umsebenzi waKhe ngendlela yaKhe (bona IMfundiso neMinqophiso 51:2), ezinye izinto zishiyelwe ukuba sizicingele ngokwethu. UMsindisi waxelela abaNgcwele ababehlanganisene eKhawunti yaseJackson, eMissouri:

“Kuba qaphelani, akufanelekanga ukuba ndiyalele kuzo zonke izinto; kuba lowo unyanzelwayo kwizinto zonke, onjalo ulivila aze angabi sisicaka esilumkileyo; ngako oko akafumani mvuzo.

“Inene ndithi, abantu mabaxhinele ukuzinikela kwinjongo elungileyo, baze benze izinto ezininzi ngokwentando yabo ekhululekileyo, baze bazise ubulungisa obungakumbi;

“Kuba amandla akubo, apho baziarhente zeziqu zabo. Kwaye njengokuba abantu besenza okulungileyo abasayi kuphulukana nomvuzo wabo nangayiphina indlela” (IMfundiso Neminqophiso 58:26–28).

Njengokuba silandela uMsindisi, simanyana naYe emsebenzini waKhe, kwaye sinceda abanye ukuba babe ngabafundi baKhe abathembekileyo, sifundisa oko Ebenokufundisa. Kuba asigunyaziswanga ukuba sifundise nantoni na eyenye (bona IMfundiso neMinqophiso 52:9, 36), sigxila ngokungagungqiyo kwimfundiso yaKhe (bona IMfundiso neMinqophiso 68:25). Ukongeza, sinikela ingqalelo ekhethekileyo kwabo bangamahlwempu, abasweleyo, nababuthathaka (bona IMfundiso neMinqophiso 52:40). Ezi ngxininiso zenziwa zacaca xa uMsindisi wacaphula ku-Isaya kwindlu yesikhungo eNazarete:

“UMoya weNkosi uphezu kwam, ethe ngenxa yoko yandithambisela ukushumayela iindaba ezilungileyo kumahlwempu; indithume ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo, ndivakalise inkululeko kubathinjwa, nokubuyiselwa kokubona kwabaziimfama, ndindulule abaqobekileyo bekhululekile,

“Ndivakalise unyaka owamkelekileyo weNkosi” (Luka 4:18–19; bona kananjalo Isaya 61:1–2).

Unyaka owamkelekileyo weNkosi ubhekisela kwixesha apho zonke iintsikelelo zomnqophiso kaThixo ziya kufunjwa phezu kwabantu baKhe. Silandela uYesu Krestu ngokumema abanye ukuba bamkele iintsikelelo zokwenza nokugcina iminqophiso noThixo nokukhathalela abo bangamahlwempu okanye abasweleyo.

Ukumanyana noYesu Krestu emsebenzini waKhe kuyavuyisa kuba imisebenzi yaKhe, uyilo, kunye neenjongo “azinakuphazanyiswa, zingenako ukuphuthiswa” (IMfundiso neMinqophiso 3:1). Kwabo baziva bedangele, iNkosi yacebisa: “Ke ngoko, musani ukudinwa kukwenza okulungileyo, kuba niseka isiseko somsebenzi omkhulu. Kwaye kwizinto ezincinane kophuma oko kukhulu” (IMfundiso neMinqophiso 64:33). Sivumela iNkosi ixhalabele isivuno, kwaye senza nje indima yethu.

Intliziyo neNgqondo Evumayo

Ukwenza indima yethu kulula kunokuba sicinga ngenxa yokuba akuyomfuneko ukuba sizise iitalente okanye ubuchule obukhethekileyo kumsebenzi weNkosi. Imfuno yaKhe kukuzinikela nokuzimisela nje. INkosi yathi kwabaNgcwele eKirtland, e-Ohio, “Qaphelani, iNkosi ifuna intliziyo nengqondo ezithandelayo” (IMfundiso neMinqophiso 64:34). INkosi iyakwazi ukwenza ovumayo ukuba abe nako, kodwa akanako okanye akayi kwenza onako avume. Ngamanye amazwi, ukuba sizimisele kwaye siyavuma, Unokusisebenzisa. Kodwa nokuba sinesiphiwo esingakanani na, Akasayi kusisebenzisa ngaphandle kokuba sizinikele kumsebenzi waKhe kwaye sizimisele ukumnceda Yena.

USamuweli no-Anna-Maria Koivisto babonise ukuzinikela nokuzimisela. Kungekudala emva komtshato wabo, abakwaKoivisto bafuduka eJyväskylä, eFinland, baya eGöteborg, eSweden, besiya kufuna umsebenzi. Emva kokufika, uMzalwana uKoivisto wamenywa ukuba atyelele noMongameli Leif G. Mattsson, umcebisi kumongameli weNgqokelela yamaSebe aseGöteborg eSweden. Kuba uSamuweli wayengasithethi isiSwedish, udliwano-ndlebe lwenziwa ngesiNgesi.

Emva kotyelelo olufutshane,UMongameli Mattsson wacela uSamuel ukuba asebenze njengenkokeli yewadi kwiWadi yaseUtby. USamuweli wachaza ngokucacileyo: “Kodwa andisithethi isiSwedish.”

UMongameli Mattsson wangqiyama phezu kwedesika yakhe wabuza ngokungqalileyo, “Ndikhe ndabuza ukuba uyakwazi na ukuthetha isiSwedish, okanye uzimisele ukukhonza iNkosi?”

Wathi uSamuweli: “Ubuzile ukuba ndiyavuma na ukuyikhonza iNkosi. Kwaye ndiyavuma.”

USamuweli walwamkela ubizo. No-Anna-Maria naye walwamkela ubizo. Bobabini bakhonza ngokuthembeka baza bafunda ukuthetha isiSwedish esihle endleleni.

Ukuzinikela nokuzimisela ekukhonzeni iNkosi kubonakalise ubomi bukaSamuweli no-Anna-Maria. Bangamaqhawe aqhelekileyo eBandleni. Baye bakhonza ngokunyanisekileyo ngalo lonke ixesha beceliwe. Bandifundise ukuba xa sikhonza, sisebenzisa iitalente esinazo (bona IMfundiso neMinqophiso 60:13), kwaye ke iNkosi iyasinceda ukuba sifezekise iinjongo zaYo.

Xa sikulungele ukukhonza, sizabalazela ukuba singakhalazi okanye simbomboze, kuba asifuni kungcolisa inkonzo yethu nangayiphi na indlela. Ukukhalaza kusenokuba luphawu lokuzibophelela okuxegaxegayo, okanye uthando lwethu kuMsindisi alukho ngendlela ekumele luyiyo. Ukungakhange kuthintelwe, ukumbombozela kunokuphumela ekuvukeleni iNkosi. Le nkqubela-phambili ibonakala kubomi buka-Ezra Booth, owaguqukela kwangoko eBandleni e-Ohio owabizwa njengomfundisi wevangeli eMissouri.

Njengoko wayeshiya i-Ohio ngeyeSilimela 1831, uEzra wayecatshukiswa kukuba abanye abavangeli basemazweni babekwazi ukuhamba ngenqwelo ngexa wayehamba kubushushu eshumayela. Wambombozela. Ukufika kwakhe eMissouri, waziva engenanto. IMissouri yayingeyiyo le wayeyilindele. Kunoko, walaqaza waza waphawula ukuba “ithemba lavela limfiliba ngandlel’ ithile.”

U-Ezra waya ethanda ukujonga, ukuphoxisa nokugxeka. Ekundulukeni kwakhe eMissouri, kunokuba aye kushumayela njengoko wayecelwe ukuba enze, wabuyela e-Ohio ngokukhawuleza kangangoko wayenako. Ukumbombozela kwakhe kwaqala kwajika kwathi ekugqibeleni waphulukana nokuzithemba kumava akhe akwamoya angaphambili. Kungekudala u-Ezra walishiya iBandla waza “ekugqibeleni ‘wabushiya ubuKrestu waza waba ngumntu othi uThixo akekho.’”

Kunokwenzeka okufanayo nakuthi ukuba asilumkanga. Ukuba asigcini imbono kanaphakade, sizikhumbuza ukuba ngumsebenzi kabani na lo, sinokukhalaza, sixengaxenga, size ekugqibeleni siphulukane nokholo esinalo.

Ndiyathandaza ukuba singakhetha ukulandela uYesu Krestu ngokumanyana naYe emsebenzini waKhe. Njengoko sisenjenjalo, sinikwa “amadinga amakhulu anqabileyo” (2 kaPetrosi 1:4). Ezi ntsikelelo ziquka uxolelo lwesono (bona IMfundiso neMinqophiso 60:7; 61:2, 34; 62:3; 64:3), usindiso (bona IMfundiso neMinqophiso 6:13; 56:2), nokuphakanyiswa (bona IMfundiso neMinqophiso 58:3–11; 59:23). Ngokwenene, sithenjiswa esona sipho sikhulu uThixo anokunika sona—ubomi obungunaphakade.

Amanqaku

  1. U‌Dallin H. Oaks, His Holy Name (1998), 37.

  2. Ukuhlanganisa uSirayeli kuthetha ukumema bonke ukuba babe ngamakholwa okwenene kuYesu Krestu.

  3. Preach My Gospel: A Guide to Sharing the Gospel of Jesus Christ (2023), 13, Ithala Leencwadi zeVangeli

  4. URussell M. Nelson, “Hope of Israel” (worldwide youth devotional, June 3, 2018), Ithala Leencwadi zeVangeli.

  5. Bona uMatthew McBride, “Ezra Booth and Isaac Morley,” in Revelations in Context: The Stories behind the Sections of the Doctrine and Covenants (2016),130–36.