2022
Ungalindi! Yiba Njengabalusi
EyoMnga 2022


“Ungalindi!” Yiba Njengabalusi, Okwenzelwe Ukomeleza Ulutsha EyoMnga 2022.

UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza Ulutsha, EyoMnga 2022

Luka 2:8–20

Ungalindi! Yiba Njengabalusi

abalusi

Ngobusuku obuzolileyo kudala, abalusi babeyigade ngenkuthalo imihlambi yabo.

iigusha

Abalusi babenomsebenzi obalulekileyo. Iigusha zazifuna ukutya, amanzi nokukhuselwa kwingozi.

ingelosi

Ngesaquphe, kwavela ingelosi!

“Musani ukoyika, kuba yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu. … Ngokuba nizalelwe namhlanje …uMsindisi, onguKrestu iNkosi.”

ingelosi

Ingelosi yabaxelela abalusi ukuba bayakufumana usana lusongelwe eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali eBhetelehem.

ikwayara yeengelosi

Ikwayara yeengelosi yasigcwalisa isibhakabhaka yangenelela ingelosi idumisa uThixo.

“Uzuko kuThixo enyangweni, uxolo emhlabeni, inkolelo ebantwini.”

abalusi

“Masiye kwelase Bhetelehem siyobona oko sikwazisiweyo yiNkosi.”

abalusi balandela inkwenkwezi

Abalusi abazange balinde. Oku kwakubaluleke kakhulu! Beza “ngobungxamo” kwelase Bhetelehem.

Abalusi emkhumbini wesitali

Abalusi bamfumana uYesu esongelwe eziqhiyeni, elele emkhumbini wesitali, njengoko ibitshilo ingelosi.

usana olunguYesu

Nguye lo uMesiya owathenjiswayo ukuba uyakuza abe nguMsinidisi noMkhululi wehlabathi azise uvuyo oluyinyaniso!

abalusi

Abalusi babechwayitile! Babelana ngoko bakuvileyo nabakubonileyo.

“UMsindisi wehlabathi uzelwe!”

“UMesiya ude wafika!”

umfana omncinane efunda izibhalo

Abalusi beza “ngobungxamo” kuYesu. Nawe unakho!

Ungafunda ngaYe.

umfana omncinane echeba ingca

Unga mkhonza ngoku khonza abanye.

Intombi encinane isabelana ngeNcwadi kaMormoni  nomfana omncinane

Ungangqina ngaYe.