“UJoseph Smith kunye Namacwecwe eGolide,” Umhlobo, EyoMqungu 2021, 42–44.
Amabali Ezibhalo Ezingcwele
UJoseph Smith kunye Namacwecwe eGolide
Imizobo ngu–Apryl Stott
UJoseph Smith wayengumprofeti. Wanceda uYesu abuyisele iBandla laKhe kwakhona ehlabathini.
UJoseph wathandazela ukufumanisa ukuba yeyiphi inkonzo amakayihambe. UYesu wathi angahambi nakweyiphi na inkonzo. Kwakungekho nanye eyayiliBandla laKhe.
Ingelosi uMoronayi yatyelela uJoseph Smith. UMoronayi wamxelela ngencwadi ekhethekileyo ebhalwe kumacwecwe egolide. Yayingcwatywe kwinduli ekufutshane.
Ngoncedo lukaBawo OseZulwini, uJoseph waguqulela izibhalo ezazisemacwecweni. Ezi zizibhalo zaba yiNcwadi kaMormoni!
Ngoku siyakwazi ukufunda iNcwadi kaMormoni. Kwaye siyakwazi ukuya kwiBandla likaYesu Krestu!