2017
Amandla WeNcwadi KaMormoni
uCanzibe 2017


UMyalezo waBaNdwendweli Makhaya, uCanzibe 2017

Amandla WeNcwadi KaMormoni

UMongameli Thomas S. Monson.

Ndicenga omnye nomnye wethu ngokunyanisekileyo ukuba afunde ngokuthandaza kwaye acingisise ngeNcwadi kaMormoni yonke imihla.

Bazalwane noodade bam abathandekayo, ndiyanibulisa ngokufudumeleyo kakhulu njengoko sidibana kwakhona kulenkomfa yajikelele inkulu yeBandla likaYesu Krestu Labangcwele Bemihla Yokugqibela. Ngaphambili kokuba ndiqale ngomyalezo wam namhlanje ngokusesikweni, bendingathanda ukwazisa ngeetempile ezintlanu ezintsha eziyakuthi zakhiwe kwezindawo zilandelayo: Brasília, Brazil; Manila Enkulu, Philippines, indawo; Nairobi, Kenya; Pocatello, Idaho, USA; kunye neSaratoga Springs, Utah, USA.

Ngalentsasa ndithetha ngamandla weNcwadi kaMormoni kunye nesidingo esibalulekileyo esinaso njengamalungu weliBandla sokufunda, sokucingisisa, kunye nokusebenzisa iimfundiso zayo ebomini bethu. Ukubaluleka kokubano bungqina obuliqilima nobuqinisekileyo beNcwadi kaMormoni abungekhe bugxininiswe ngokugqithisileyo.

Siphila kwixesha lenkathazo enkulu kunye nobubi. Yintoni na eyakusikhusela esonweni kunye nasekungcoleni obugubungele ihlabathi namhlanje? Ndisatsho okokuba ubungqina obuqinileyo boMsindisi wethu uYesu Krestu, kunye nevangeli yaKhe buyakusinceda ukuba sibonelelela elukhuselweni. Ukuba awuyifundi iNcwadi kaMormoni yonke imihla, nceda wenze njalo. Ukuba uyakuyifunda ngokuthandaza kunye nangomnqweno onyanisekeliyo wokwazi inyaniso, uMoya oyiNgcwele uyakuyiveza inyaniso yayo kuwe. Ukuba iyinyaniso— ndiyangqina okokuba injalo ngoko ke uJoseph Smith wayengumprofethi owabona uThixo kunye noNyana waKhe, uYesu Krestu.

Ngenxa yokuba iNcwadi kaMormoni iyinyaniso, iBandla likaYesu Krestu Labangcwele Bemihla Yokugqibela liliBandla leNkosi emhlabeni, kwaye nobubingeleli obungcwele bukaThixo sebubuyiselelwe inzuzo kunye nentsikelelo yabantwana baKhe.

Ukuba awunabungqina obuzinzileyo bezizinto, yenza oko kufanelekileyo ukuze uzuze obunye. Kubalulekile kuwe ukuba ubenobungqina bakho kulamaxesha anzima, kuba ubungqina babanye buyakukuthwala okomganyana. Kunjalo nje, xa usowubuzuzile, ubungqina bufuna ukugcinwa busemandleni kwaye buphila ngentobeko eqhubekayo kwimithetho kaThixo kunye nangomthandazo wamihla le kunye nokufunda izibhalo.

Boogxa bam emsebenzini weNkosi, ndicenga omnye nomnye wethu ngokunyanisekileyo ukuba afunde ngokuthandaza kwaye acingisise ngeNcwadi kaMormoni yonke imihla. Njengoko sisenza njalo, siya kubasendaweni yokuva ilizwi loMoya, yokuchasana nesihendo, yokoyisa intandabuzo kunye noloyiko, kunye neyokufumana uncedo lwasezulwini ebomini bethu. Ndiyangqina kanjalo ngentliziyo yam yonke egameni likaYesu Krestu, amen.