UMyalezo wabaNdwendweli Makhaya kweyoMdumbe 2017
Isicamagushelo sikaKrestu bubungqina bothando lukaThixo
Funda ngokuthandaza ezizinto kwaye uphandele impembelelo yokuba yintonina onokuyaba
Ukholo, Usapho, Uncedo
Ukuqonda ngokuba uBawo Osezulwini wancama uNyana Wakhe Oyintanda ukuze sibenokuvuka ekufeni kwaye sibenobomi obungunaphakade kusinceda sive uthando lukaThixo elungena siphelo kwaye olungaqondekiyo ngathi. UMsindisi wethu naye uyasithanda.
“Ngubani na oya kusahlula eluthandweni lukaKrestu?” …
“Kuba ndeyisekile kukuba nakufa, nabomi, nazithunywa zezulu, nazilawuli, naziphathamandla, nanto zikhoyo, nanto zizayo ”
“nabuphakamo, nabunzulu, nasinye isidalwa esisimbi, asiyi kuba nako ukusahlula thina eluthandweni lukaThixo, olukuye uKristu Yesu, iNkosi yethu” (Romans 8:35, 38–39).
Ngesicamagushelo sikaYesu Krestu, Umdala D. Todd Christofferson weQumrhu labaPostile Abalishumi Elinesibini wathi: “Ukubandezeleka koMsindisi eGetsemane kwaye netlungu yakhe emqamlezweni zisisindisa kwisono ngokuthi zisihlawulele iimfuneko zobulingisa. Usinika inceba kwaye uxolela abo baguqukayo.” Isicamagushelo sikaYesu Krestu sihlawula ityala ubulungisa obunalo kuthi ngokuthi lisiphilise kwaye lisibuyekeze ngabo bonke ubuhlungu esibunyamezelayo. “Kuba qaphelani, unyamezela iintlungu zabantu bonke, ewe,iintlungu zazo zonke izidalwa eziphilayo bekunye amadoda, abafazi, nabantwana abangabosapholuka-Adam.” (2 Nifayi 9:21; bona no Alma 7:11–12).”1
UKrestu usi “krolile phezu kwentende [z]ezandla za[khe]” (Isaiah 49:16). ULinda K. Burton, uMongameli Jikelele weQumrhu Lamanina, wathi: “Esasenzo sikhulu sothando kumelezeka ukuba sisisa emadolweni ngomthandazo othobekileyo sibulele uBawo wethu Osezulwini ngokusithanda ngokwaneleyo ade athumele uNyana waKhe oyiNtanda Ogqibeleleyo azokufela izono zethu, iintlungu zethu, kwaye konke okubonakala kungafanelekanga ezimpilweni zethu.”2
IziBhalo Ezongezelelweyo
UYohane 3:16; 2 Nifayi 2:6-7, 9; reliefsociety.lds.org
© 2017 ngo Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe Ishicilelwe-eUSA Isivumelo sesiNgesi: 6/16. Isivumelo Senguqulelo: 6/16. Inguqulelo Visiting Teaching Message, February 2017. Xhosa 97922 774
Cingisisa Oku
Singawubonisa umbulelo nothando njani kuThixo noYesu Krestu ngesipho sedini loMsindisi?