Ulutsha
Ukuthandazela uxolo
Umbhali uhlala e-Arizona, USA.
Abazali bam babesoloko bezimasa iintlanganiso emveni kwecawa, mna ndihlale nabantakwethu kwaye ndenze isidlo sasemini-nangona babenobulali obufutshane kwaye belambile. Ngokuqhelekileyo ukuba baqale ukulwa, ndandikwazi ukusombulula ingxaki ezincinci msinyane. Kodwa ngamanye amaxesha kwakunzima ukwenza uxolo xa umlo sewuqalile ngoba ndandidikwa.
Ngenye injika langa, abantakwethu babenexesha elinzima ukuvana. Ndafumanisa ukuba imizamo yam yokwenza uxolo yenza izinto zigqithisele ngoba ndandinomsindo. Ndavela ndenza esam isidlo sasemini ndayeka ukuthetha. Ekugqibeleni, Ndaxela, “Ndizokuthandaza. Singa zola umzuzwana?” Emveni kokuba bethule, Ndathandazela isidlo. Phambi kokuba ndigqibe ukuthandaza, ndongeza, “Kwaye ndicela usincede sibengabenzi boxolo.”
Ekuqaleni, kwabonakala ngathi abavanga baqalisa ukulwa kwakhona. Ndandidikiwe kodwa ndandiyazi ukuba ndandidinga ukubanothando kwaye ndizole ngokwaneleyo ngoba ndandigqibo kuthandazela uxolo. Emveni komzuzu, ndaziva ndinenzolo. Ndatya ngaphandle kokuthetha nto, aza amakhwenkwe avela ayeka ukulwa. Ndaqonda ukuba oluxolo ndaluvayo yayiyimpendulo kumthandazo owawulula. Ndandithandazele ukuba ngumdali woxolo, kwaye uBawo oseZulwini waye ndincedile ukuba ndihlale ndizolile ngexesha lokulingeka ukuba mandingxole. Ndiyayazi ngokwenyaniso ukuba angasinika uxolo.