2010
Ukuhlaziya Iminqophiso ngoMthendeleko
Juni 2010


Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, Juni 2010

Ukuhlaziya Iminqophiso ngoMthendeleko

Ngomthandazo fundisa ezi zibhalo zingcwele kunye nezicatshulwa okanye, ukuba kuyimfuneko, omnye umgaqo ozakusikelela oodade obafundisayo. Yabelana ngobungqina bemfundiso. Mema abo ubafundisayo ukuba bathethe ngoko bakuvileyo ezintliziyweni zabo kunye nabakufundileyo.

UYesu Krestu Waqala Umthendeleko

“uYesu wathatha isonka, wasisikelela kwaye wasiqhekeza, kwaye wasinika Abapostile bakhe, esithi, ‘Thathani, ityani’ (Matewu. 26:26). ‘Ngumzimba wam lo onikelwa ngenxa yenu: oku kwenzeni ukundikhumbula’ (Luka 22:19). Ngendlela efanayo wathatha indebe, eyayixutywa namanzi ngokwesiko ngoko, wayisikelela wabulela, kwaye wayidlulisela kwabo ebabemngqongile, wathi: ‘Le ndebe ingumnqophiso omtsha osungulwa kukuphalala kwegazi lam,’ ‘eliphalala… ngenxa yokuhlanjululwa kwezono.’ ‘Oku kwenzeleni ukundikhumbula.’ …

“Ukusukela loo mini yeso sehlo apho kwelo gumbi liphezulu phambi kosuku lwase Gethsemane naseGolgotha, abantwana besithembiso baphantsi komnqophiso wokukhumbula umnikelo kaKrestu ngale ndlela intsha, ingaphezulu, ingcwele ngakumbi kwaye echukumisayo umntu ngamnye.”1

UMdala Jeffrey R. Holland weQumrhu Labalishumi Elinesibini.

Sihlaziya Iminqophiso Yobhaptizo Lwethu ngoMthendeleko

“Xa sibhaptizwa, sithathela kuthi igama elingcwele likaYesu Krestu. Ukuthathela kuthi igama Lakhe yenye yamava anentsingiselo esibanawo ebomini. …

“Kwiveki nganye kwintlangano yomthendeleko sithembisa ukukhumbula umnikelo wentlawulo kaMsindisi xa sihlaziya umnqophiso wobhaptizo lwethu. Sithembisa ukwenza njengokuba uMsindisi esenza—ukuba sithobele uBawo kwaye sisoloko sigcina imithetho Yakhe. Intsikelelo esiyifumanayo ngako oko kukuba sisoloko SibanoMoya wakhe kunye nathi.”2

UMdala Robert D. Hales weQumrhu Labalishumi Elinesibini.

“Ndandikunye nomtwana oyintombazana oneminyaka esibhozo ngosuku lokubhaptizwa kwakhe. Ekupheleni kwemini wathi ngokuzithemba kwakhe konke, ‘Ndibhaptiziwe kangangesuku lonke, kwaye Andikoni nakanye!’ Kodwa imini yakhe egqibeleleyo ayizange ibe ngunaphakade, kwaye Ndiqinisekile ukuba uyafunda kude kube ngoku, njengokuba nathi sonke sifunda, njengokuba sizama nzima, asisoloko siphepha yonke imeko embi, nenketho engalunganga. …

“… Akunokwenzeka ukuba sitshintshe izinto ngeziqu zethu sodwa. Amandla wethu okuphila kwaye neenjongo zethu ezilungileyo azonelanga. Xa sisenza iimpazamo okanye sikhethe ngobuthathaka, kufuneka sibe noncedo loMsindisi wethu ukuze siphinde sibuyele endleleni. Sitya umthendeleko iveki emva kweveki ukubonakalisa ukholo lwethu emandleni Akhe okusiguqula. Sichaza isono zethu kwaye sithembise ukuziyeka.”3

Julie B. Beck, umongameli wajikelele woMbutho woMama.

Izikhumbuzo

  1. Jeffrey R. Holland, “This Do in Remembrance of Me,” Ensign, Nov. 1995, 67.

  2. Robert D. Hales, “The Covenant of Baptism: To Be in the Kingdom and of the Kingdom,” Liahona, Jan. 2001, 8.

  3. Julie B. Beck, “Remembering, Repenting, and Changing,” Liahona, May 2007, 110–11.

Uncedo lwabaNdwendweli Makhaya

Njengokuba usiye usazi udade kunye nosapho lwakhe, khangela iindlela onokumnceda ngazo ukuba ahlaziye iminqophiso yakhe ngomthendeleko. Ukuba akayi kwintlanganiso yomthendeleko, ungammema ukuba aye okanye uthembise ukumnceda ukuba aye (ngenqwelo, uncedo nabantwana, itshomi yokuhlala ecaleni, kwaye njalo njalo)?

Ukuzilungiselela

Luka 22:7–20

1 AbaseKorinte 11:23–28

3 Nefayi 18:1–12