Umyalezo wesiMongameli Sokuqala, Epreli 2010
Umsebenzi Omkhulu ka Thixo
Epreli 6, 1830
Kwiminyaka elikhulu elinamashumi asibhozo eyadlulayo, Joseph Smith, Oliver Cowdery, kunye nabanye abangangesandla esigcweleyo badibana bamisa kakuhle ICawa ka Yesu Krestu YabaNgcwele YeeNtsuku ZokuGqibela. Kuzo zonke imbaliso yayilula kodwa iyintlangano yomoya. UJoseph wabhala ukuba emva komthendeleko, “uMoya oyiNgcwele waphokozwa phezu kwethu kangangenqanaba elikhulu—abanye baprofeta, ngelixa sonke sadumisa iNkosi, savuya kakhulu ngokugqithisileyo.”1
Iziganeko zalemini zahamba zingaqwalaselwanga lihlabathi; zazingahambi neezihloko zamaphepha ndaba okanye neendaba ezibhengezwayo. Kodwa, indlela enoba amazulu agcoba ngayo kwaye azukisa uThixo—ngokuba ngaloo mini, iCawa kaYesu Krestu yabuyela emhlabeni!
Solomon Chamberlain
Ukusukela loo mini kuze kube koku, iimiliyoni zoonyana neentombi abagcwele lukholo baka Bawo wethu waseZulwini balandele iinkcukumiso zoMoya oyiNgcwele kwaye bangena emanzini angcwalisekileyo obhaptizo. Enye indoda efana naboo nguSolomon Chamberlain.
USolomon wayeyindoda yomoya kwaye wachitha iiyure ezininzi emthandazweni, ekhangela uhlanjululo lwezono zakhe kwaye ecenga uBawo waseZulwini ukuba amkhokelele enyanisweni. Ngelinye ixesha ngomnyaka ka1816, uSolomon wathenjiswa embonweni ukuba uyakuphila abone usuku xa iCawa kaKrestu iyakumiswa emva kokuba umgaqo wabapostile usekiwe kwakhona emhlabeni.
Emva kokudlula kweminyaka uSolomon wayehamba ngesikhitshana kufutshane neKhanada xa umkhumbi wakhe wama kwidolophana yase Palmyra, New York, eMelika. Apho wava amandla anyanzelayo emthundeza ukuba ame. Engayazi ukuba kutheni wayelapho, waqala wathetha nabantu balodolophu. Kwakungekabiphi phambi kokuba ave incoko ye “Bhayibhile egolide.” Wathi loo mazwi athumela “amandla afana nawombane [awa] hamba ukusuka kumantla entloko yakhe ayokutsho emazantsi enzwane zakhe.”
Imibuzo yakhe yamkhokelela kumzi wakwa Smith, apho wancokola khona nabo ababekhona ngeendaba ezimangalisayo zevangeli elibuyisiweyo. Emva kokuchitha iintsuku ezimbini apho kwaye wamkela ubungqina benyaniso, uSolomon waqhubekeka nohambo lwakhe oluya eKhanada, ehamba kunye naye namaphepha awayesandul’ukubhalwa, angadityaniswanga eNcwadi kaMormon. Kuyo yonke indawo awayehamba kuyo, wafundisa abantu, “abaphezulu kunye nabaphantsi, abazizityebi kunye namahlwempu, … ukulungiselela umsebenzi omkhulu kaThixo owayesesakuza phambili.”2
Umsebenzi Omkhulu kaThixo
Ukususela ngaloo mini ngoEpreli 1830, iimiliyoni ziyibonile inyaniso yevangeli elibuyisiweyo kwaye bawangenile amanzi obhaptizo. Ndiyangqina ukuba lo “msebenzi umkhulu kaThixo” usemhlabeni namhlanje. Ndiyangqina ukuba iNkosi iyayijonga iCawa Yayo kwaye uyayikhokela ngoMprofeti Wakhe, uMongameli Thomas S. Monson. Asiyo ntsikelelo iqhelekileyo ukuphila kwezintsuku zokugqibela. Laa ngamaxesha anozuko, abonwayo ngaphambili kokuba zenzeke ngabaprofeti bamandulo, kwaye andwendwelwe ngabantu abazingelosi, abajongayo. INkosi iyikhathalele iCawa Yayo. Kwaye ubakhathalele abo, abafana noSolomon Chamberlain, abalandela iimpembelelo zoMoya oyiNgcwele kwaye abadibana nabazalwana noodade babo ehlabathini bancede ukuzisa phambili lomsebenzi umkhulu kaThixo.
© 2010 yi Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Kubhalwe eUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/09. Isivumelo Sokuguqula: 6/09. Inguqulelo ka First Presidency Message, April 2010. Xhosa. 09364 774
Ukufundisa ngaloMyalezo
Personal example is one of the most powerful teaching tools we have” (Teaching, No Greater Call [1999], 18). Njengokuba usabelana ngebali lika Solomon Chamberlain, mema usapho ukuba lukhangele amaxesha awathi walandela ngawo iimpembelelo zoMoya. Xoxani ngokuba umzekelo wakhe ubancede njani abanye. Mema amalungu osapho ukuba abelane ngexesha apho umzekelo olungileyo womnye umntu obancede ngayo.