UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoMnga 2025
Yintoni esiyaziyo ngabelusi kwiKrismesi yokuqala?
Shepherds [Abelusi], nguBrian Call
Sazi izinto ezimbalwa ngabelusi kwiKrisimesi yokuqala.
Babekufutshane neBhetelehem. Abelusi babe “kwakwelo lizwe” apho uKrestu wazalelwa khona (Luka 2:8). Kwaye bakwazi ukufika eBhetelehem ngeenyawo ngelixa Yena wayeselapho (bona Luka 2:15–16).
Babesenza umsebenzi wabo. Aba belusi babe “hlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo” (Luka 2:8). Babengabelusi abalungileyo nabathembekileyo, njengoMsindisi—u Malusi Olungileyo (bona Yohane 10:11, 14).
Babezazi iziprofeto zikaMesiya. Kubonakala ukuba babesazi ukuba ingelosi yayithetha ngantoni xa yayivakalisa ukuzalwa “kukaKrestu iNkosi” (Luka 2:11), uMesiya owayeprofitiwe wakudala.
Babenesibindi kakhulu. Xa ingelosi yabaxelela “usana … lulele emkhumbini” (Luka 2:12), bahamba “ngobungxamo” ukuyombona Yena (Luka 2:16).
Babelana ngeendaba ezilungileyo. Bona “ba[ku]bhengeza” oko bakuvayo nabakubonayo malunga nomyalezo wengelosi ngokuzalwa kukaKrestu (Luka 2:17).
Bambulela baza bamdumisa uThixo. Emva kwako konke oku, bona “babuya bemzukisa bemdumisa uThixo, ngenxa yazo zonke izinto ababezivile nababezibonile” (Luka 2:20).
© 2025 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, December 2024.Xhosa19346 774