UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeSilimela 2025
Ndingazi njani ukuba ndiguquke ngokwenene kwaye ndixolelwe?
Coming Full Circle [Ukubuyela kwiNdawo yokuQala], nguJenedy Page
Ithi iNkosi: “Lowo uthe waguquka ezonweni zakhe, onjalo uxolelwe, kwaye mna, iNkosi, andizikhumbuli kwakhona.
“Ngoko ke ninokwazi ukuba umntu uguqukile ezonweni zakhe—qaphelani, uya kuzivuma aze azilahle” (IMfundiso neMinqophiso 58:42–43).
Ngenguquko enyanisekileyo, singafumana uxolelo. “Xa uziva uthuthuzelekile nguMoya, yazi ukuba amandla oMsindisi ayasebenza ebomini bakho.” Kwaye ukuba sityibilika kwakhona, singaphinda siguquke, sixolelwe, kwaye sihlale sizama.
Ukongeza, uMdala Dieter F. Uchtdorf weQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini ufundise: “USathana uya kuzama ukusenza sikholelwe ukuba izono zethu azixolelwanga ngenxa yokuba si nako ukuzikhumbula. USathana ulixoki. … UThixo akazange athembise ukuba asi zuzikhumbula izono zethu. Ukukhumbula kuya kusinceda sikuphephe ukwenza iimpazamo ezifanayo kwakhona. Kodwa ukuba sihlala sinyanisekile kwaye sithembekile, inkumbulo yezono zethu iya kuthanjiswa ekuhambeni kwexesha.”
© 2025 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, June 2025. Xhosa. 19629 774