2025
Uncedo oluvela kuYesu Krestu: Isizathu neNdlela
Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha Tshazimpuzi 2025


UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, Tshazimpuzi 2025

Uncedo oluvela kuYesu Krestu: Isizathu neNdlela

Qonda ukuba kutheni uYesu Krestu eyimpendulo nendlela Yena akunceda ngayo.

UYesu Krestu

Imizobo nguDan Wilson

“Ndiziva ngathi ndiqhubeka ndimosha. Kunzima ukuqhubeka uzama.”

“Imeko yam inzima. Andiqinisekanga ukuba ndingaqhubela njani phambili.”

“Ndixhalabele ikamva. Andazi nokuba ndinayo na into efunekayo ukuze ndiphumelele.”

“Ndidiniwe, kodwa kusekho into ekufuneka yenziwe.”

Ngaba ukho kuyo nayiphi na kwezi ngxaki? Umongameli uRussell M. Nelson ufundise, “Nokuba yeyiphi na imibuzo okanye iingxaki onazo, impendulo isoloko ifumaneka kubomi neemfundiso zikaYesu Krestu” (“The Answer Is Always Jesus Christ,” Tshazimpuzi 2023 inkomfa yajikelele [Liahona. uCanzibe 2023, 127]).

Kulula ukuthi, “UYesu Krestu yimpendulo.” Kuthatha umzamo omncinci ngakumbi ukuqonda isizathu nendlela ayimpendulo.

Kutheni uYesu Krestu eyimpendulo?

Xa Yena wayenyamezele idini laKhe lentlawulelo, uMsindisi wenza izinto ezintathu ezibalulekileyo:

  1. Yena woyisa ukufa, evumela thina ukuba sivuke ekufeni.

  2. Yena wahlawula ixabiso lazo zonke izono, esenzela ukuba sikwazi ukuguquka, sikhule, size sibuyele kuThixo. Oko kananjalo kusinceda ukuba sibaxolele abanye xa besona, kuba uKrestu wazithabathela kuYe izono zabo.

  3. Yena weva zonke iintlungu, iimbandezelo, izilingo, izigulo, nobulwelwe (bona Alma 7:11–13). Oko kuthetha ukuba Yena uyayazi kakuhle indlela yokukunceda nokukuphilisa kwaye unokukomeleza ukuze unyamezele izilingo kwaye uzame ukuba ngcono.

Khetha nayiphi na ingxaki, kwaye unokuqhagamshela isisombululo kwenye okanye ngaphezulu kwezo nyaniso zintathu.

Ubuhlwempu? Ngokuba uYesu Krestu wabanamava kuzo zonke izinto, Yena uyakwazi kanye ukuba kunjani. Yena akasoloko ewususa umqobo, kodwa Yena unako ukomeleza abantu abathwele loo mthwalo (bona Mozaya 24:15).

Ukusilela? Ngenxa yokuba uKrestu wasoyisa isono, ukusilela kwakho akufuneki kuhlale kuhleli. Inguquko iquka ukuphucuka nokuba ngumntu ngakumbi Yena asaziyo ukuba sinokuba nguye.

Ukugula? Ngokuba Yena ekoyisile ukufa, sizovuka ekufeni sinemizimba efezekileyo ekhululekileyo ekuguleni neentlungu. UKrestu kananjalo “[wathabathela] kuye … izifo” (Alma 7:11, imenza Yena umntu ogqibeleleyo wokunikela intuthuzelo nenkxaso.

Unceda Njani UKrestu?

Kodwa nangona sisazi isizathu uMsindisi eyimpendulo (ngenxa yokuba ungubani na kwaye yintoni Yena asenzele yona), kusafuneka sazi indlela esilufumana ngayo uncedo namandla kuYe. Nazi iindlela ezimbalwa:

Umthandazo. Ngokuthandaza egameni likaYesu Krestu, abantu abangagqibelelanga njengathi banokuthetha noThixo ogqibeleleyo. Sinokuthandazela amandla esiwafunayo kuyo nayiphi na imeko, yaye uThixo uya kusiphendula—kungekhona ngendlela esifunayo okanye esilindele ngayo, kodwa ngendlela eya kusisikelela. Isimemo soMsindisi siyinyaniso: ”Celani, kwaye niya kuphiwa” (Yohane 16:24; 3 Nifayi 27:29; IMfundiso neMinqophiso 4:7.)

ISipho soMoya oyiNgcwele. UBawo waseZulwini, uYesu Krestu, noMoya oyiNgcwele bamanyene ngenjongo. Basebenza kunye! Nanini na usiva inkokhelo okanye intuthuzelo evela kuMoya oyiNgcwele, ungayiqonda lo nto njengoKrestu ekunceda nawe.

Ukugcina iMinqophiso. Umdala uDale G. Renlund weQumrhu labaPostile Abalishumi ElineSebini ufundise: “Igama elithi indlela yomnqophiso libhekisa kuthotho lweminqophiso apho siza kuKrestu kwaye siqhagamshelane naYe. Ngeli qhina lomnqophiso, sinokufikelela kumandla aKhe angunaphakade” (Apr. 2023 general conference [Liahona, UCanzibe 2023, 36]).

Ubabalo. Xa sisebenzisa ukholo kuYesu Krestu size siguquke, sinokufumana uncedo elongezelelekileyo namandla (kananjalo abizwa ubabalo) okuphumeza izinto ebesingenakukwazi ukuzenza ngokwethu (bona iSikhokelo kwiZibhalo, “Ubabalo”). La mandla, okanye ubabalo, zingeza ngeendlela ezininzi: ukusuka kuMoya oyiNgcwele, umhlobo, umntu wasemzini, imvakalelo. Ngokusiseko, nantoni na elungileyo ivela kuKrestu (bona Moronayi 7:22). Xa ufumana unyamezelo oluthe chatha, amandla angaphezulu kancinane, nokomelela okuthe kratya kokunyamezela, yiqonde loo nto njengokuba nguKrestu okuncedayo.

Khumbula Isizathu neNdlela

Ke kwixesha elizayo xa ufuna impendulo kumbuzo okanye ingxaki, khangela kuKrestu. Khumbula ukuba ngenxa yokoyisa kwaKhe isono, ukufa, nayo yonke eminye imingeni yasemhlabeni, akukho nto inokungenzeki. Khangela indlela Yena anokukusikelela, kwaye uya kuyibona impembelelo yaKhe ebomini bakho. Yena ukuthanda ngokunzulu!