UMyalezo weNyanga Okwenzelwe uKomeleza uLutsha, EyoKwindla 2025
Siphila njani kwihlabathi kwaye “[sibekele] bucala izinto zelihlabathi”?
The Disciples Whom He Had Chosen [Abafundi awayeBakhethile Yena], nguCasey Childs
INkosi yathi, “Wena uya kubekela bucala izinto zelihlabathi, kwaye ufune izinto [zeli]ngcono” (IMfundiso neMinqophiso 25:10). Oku akuthethi ukuba asizinaki izinto zenyama nezinto esizidingayo, kodwa ithetha ukuba asiseki intliziyo zethu kubutyebi, amandla, isikhundla, okanye ukunconywa lihlabathi. Nantsi imigaqo esiyifundisiweyo malunga nokuphila ehlabathini:
Beka izinto zikaThixo ekuqaleni. “Funani ke tanci ubukumkani bukaThixo, nobulungisa bakhe” (Mateyu 6:33). Kwintliziyo zethu nakubomi bethu, imiyalelo kaThixo neminqophiso yethu naYe iyingqalelo kuthi.
Funa ukufunda. “Njengoko ufunda malunga nehlabathi elikungqongileyo, funda nakwangoMsindisi. … Xa ufunda ngakumbi, unganceda ngakumbi ekwakheni ubukumkani bukaThixo kwaye uliphembelele kokulungileyo ihlabathi” (For the Strength of Youth: A Guide for Making Choices [2022], 31, 32).
Umsebenzi. “Umsebenzi ungumgaqo obalulekileyo wevangeli. Wona ukhuthaza ukukhula kwaye uyasiphuhlisa. … Inkosi ayifuni ukuba sondle iintsapho zethu kodwa ‘[si]xhinele ukuzinikela kwinjongo elungileyo’ [IMfundiso neMinqophiso 58:27]” (“Employment,” IziHloko neMibuzo, iThala leeNcwadi zeVangeli).
© 2025 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, March 2025. Xhosa. 19628 774