2024
Ukuzalwa kukaYesu
EyoMnga 2024


UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha EyoMnga 2024

Uku Zalwa kukaYesu

Funda ngalo mboniso uqhelekileyo weKrisimesi kwaye nangendlela osinceda ngayo ukuba sigxile kuMsindisi.

eBhetelehem

Imizobo nguCaroline Vibbert

eBhetelehem

IBhetelehem ithetha “ indlu yesonka” ngesiHebhere. Maxa wambi ibizwa isixeko sikaDavide, ekuprofetwe ngaye ukuba kumnombo wakhe kuyakuvela uMesiya (bona Yeremiya 23:5; Yohane 7:42). USamuweli wamthambisa uDavide ukuba abe ngukumkani eBhetelehem (bona 1 Samuweli 16:1–13). Kwaprofetwa ukuba uMesiya wayeza kuzalelwa phaya (bona Mika 5:2).

indlu yabahambi

Indlu yabahambi

Igama lesiGrike elithi indlu yabahambi linokuthetha nayiphi indawo yokuhlala yokwexeshana, kuquka igumbi leendwendwe. UMariya “wamlalisa [uMtwana uKrestu] emkhumbini wesitali; ngenxa enookuba babengenandawo endlwini yabahambi” (Luka 2:7). (Inguqulelo kaJoseph Smith ithi ”izindlu zabahambi.”) “Ukungabikho kwendawo” kunokuthetha ukuba bajikiswa okanye akukho ndawo ababenokuhlala kuyo eyayinendawo yokuzalela umntwana. Nangeyiphi na imeko, baya ndaweni ithile apha kwakukho umkhumbi.

Umboniso wokuzalwa kukaYesu

Umkhumbi wesitali

Umkhumbi wesitali yibhokisi okanye umkhombe ophakamileyo ogcina ukutya kwezilwanyana KwelakwaYuda lamandulo, ezi uninzi lwazo zazenziwe ngamatye. Izindlu zabahambi zazineentendelezo ezisembindini nemikhumbi yezitali, yaye izindlu ezininzi kananjalo zazinemikhumbi yezitali kwigumbi elikhulu ukuze izilwanyana zigcinwe apho ubusuku bonke.

Ukusongela Eziqhiyeni

Oomama bebesongela iintsana ezisanda kuzalwa (bezisonga ngengubo okanye ilaphu) kangangamawaka eminyaka. Oku kuyabathoba kwaye kubathuthuzele emva komothuko wokuphuma esibelekweni. Ilaphu elasetyenziswa nguMariya lisenokuba lalinophawu olukhethekileyo kusapho.

UMariya noYosefu

Babengabantu abalungileyo nabangamalungisa, yaye bobabini babeyinzala kaDavide. Ngamnye watyelelwe yingelosi ekulungiseleleni ukuzalwa koMsindisi (bona UMateyu 1:18-25; ULuka 1:26–38). Bahamba imigama eyi100–140 km (60–90 iimayile) ukuya eBhetelehem. UMariya wayekhulelwe ngethuba lohambo.

abalusi

Abalusi

Abalusi babesalusa imihlambi yabo kufuphi neBhetelehem. Ngokutsho kwezifundiswa, izimvu ezazilungele amadini asetempileni kuphela ezazivumelekile ukuba zifunyanwe kufuphi nesixeko. Ngoko aba balusi basenokuba babesalusa izimvu ezaziza kumela idini likaYesu Krestu ngenxa yethu (bona UMoses 5:6–7). Bayishiya imihlambi yabo ukuze babone uMesiya, lowo idini lakhe lentlawulelo lalizakuphelisa amadini ezilwanyana.

UMtwana uKrestu

UYesu Krestu ungoyena mntu uphambili kumboniso wokuZalwa kukaYesu—kunye nobomi bethu.

Amanqaku

  1. Joseph Smith Translation, Luke 2:7 (in Luke 2:7, footnote b).

  2. Bona Andy Mickelson,“An Improbable Inn: Texts and Tradition Surrounding Luke 2:7,” Studia Antiqua umthamo. 14, no. 1 (EyeCanzibe 2015).

  3. Bona Andy Mickelson, “An Improbable Inn.”

  4. Bona Russell M. Nelson, “The Peace and Joy of Knowing the Savior Lives,” Liyahona, EyoMnga. 2011, 19–20.

  5. Bona Alfred Edersheim, The Life and Times of Jesus the Messiah, 8th ed. (1907), 1:186.