2023
Getsemane
EyeSilimela 2023


“Getsemane,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, Tshazimpuzi 2023.

Iindawo ukusuka kwiziBhalo

Getsemane

Funda ngakumbi ngendawo apho iimbandezelo zoMsindisi ngenxa yethu zaqala khona.

igcume lomnquma

Iphi?

Kwithambeka leNtaba yemiNquma, kwimpuma yeYerusalem (ekunene kulo mzekeliso, kuphawulwe ngomthi omkhulu kakhulu).

imephu yeYerusalem yamandulo

Umfanekiso wemephu yaseYerusalem nguJim Madsen

Yintoni Eyayilapho?

Igcume lemithi yomnquma mhlawumbi nesixovulelo sokufumana i-oli kwiminquma.

isixovulelo somnquma

Kwenzeka Ntoni Apha?

Emva kweSidlo sangokuhlwa sokuGqibela, uYesu Krestu wahamba nabaPostile baKhe abalishumi elinanye ukuya eGetsemane. Yena emveni koko waya ecaleni eyokuthandaza kwaye wathatha uPetros noYakobi noYohane kunye naYe.

“Waqalisa ukukhwankqiswa kakhulu, kunye nokuba nzima kakhulu.” Wathi, “Umphefumlo wam ubuhlungu ngokunzulu, ngokokude ube sekufeni” (Marko 14:33–34).

Yena wathandaza, “Bawo, ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe kum: kodwa makungabi kukuthanda kwam, kodwa okwakho okwenzekayo.

“Yaye kwabonakala ke kuye isithunywa esivela ezulwini, simomeleza.

“Uthe ke, eneminzunzu, kwaba kukhona athandaza enyamekile; yaye ukubila kwakhe kwaba njengamathontsi egazi esiwa emhlabeni.” (Luke 22:42–44).

Emva koku kubandezeleka kabukhali koMsindisi, Wangcatshwa nguYudas waza wabanjwa ngamagosa angamaYuda kunye neqela lamajoni aseRoma.

UYesu Krestu eGetsemane

Gethsemane [Getsemane], nguMichael Malm

Amanqaku

  1. IsiKhokhelo kwiZibhalo, “Gethsemane.”

  2. Bona D. Todd Christofferson, EyeDwa. 2016 ikomfa yajikelele (Ensign okanye Liyahona, EyeNkanga. 2016, 50).