UMbutho waManina neQumrhu laBadala
Ukufundisa, Ukufunda, nokuSebenzisa iMiyalezo evela kwiNkomfa Yajikelele


Uze, Undilandele

Ukufundisa, Ukufunda, nokuSebenzisa iMiyalezo evela kwiNkomfa Yajikelele

Amaqumrhu abadala kunye neMibutho yaManina adlala indima ebalulekileyo emsebenzini wosindiso nowokuphakanyiswa. Ngexesha leentlanganiso zabo zangeCawe, baxoxa ngendlela yokusebenzisa iimfundiso kwimiyalezo yenkomfa yajikelele yakutsha nje kwiinzame zabo kulo msebenzi. Abongameli bequmrhu labadala kunye naboMbutho waManina bakhetha umyalezo wenkomfa ukuba bafunde kuwo ngexesha lentlanganiso nganye yangeCawe, ngokusekelwe kwiimfuno zamalungu kunye nesikhokelo esivela kuMoya. Ngamanye amaxesha, ubhishophu okanye umongameli wengingqi angacebisa umyalezo. Ngokwesiqhelo, iinkokeli kufuneka zikhethe imiyalezo kumalungu oBongameli bokuQala kunye neQumrhu labaPostile abaLishumi elineSibini. Kodwa ke, nawuphi na umyalezo osuka kweyona nkomfa yajikelele yakutsha nje unokuxoxwa.

Ootitshala bagxila kwindlela yokunceda amalungu ukuba asebenzise iimfundiso kwimiyalezo yenkomfa yajikelele ebomini babo. Iinkokheli kunye nootitshala bafumana iindlela zokukhuthaza amalungu ukuba afunde imiyalezo ekhethiweyo phambi kweentlanganiso.

Ngolwazi oluthe vetshe malunga neentlanganiso zequmrhu labadala noMbutho waManina, bona General Handbook: Serving in The Church of Jesus Christ of Latter-day Saints, 8.2.1.2, 9.2.1.2, ChurchofJesusChrist.org.

Ukuceba Ukufundisa

Le mibuzo ilandelayo inganceda ootitshala njengoko beceba ukusebenzisa umyalezo wenkomfa yajikelele ukufundisa. Njengoko kuyimfuneko, ootitshala bacebisana nabongameli bequmrhu labadala okanye boMbutho waManina njengokuba bephonononga le mibuzo.

  • Kutheni ubongameli bequmrhu labadala okanye boMbutho waManina bekhethe lo myalezo ukuba kuxoxwe ngawo? Yintoni abanethemba lokuba amalungu aya kuyazi kwaye ayenze emva kokuxoxa ngalo myalezo?

  • Isithethi sifuna ukuba amalungu aqonde ntoni? Zeziphi iimfundiso zevangeli azifundisayo? Ingaba ezimfundiso zisebenza njani kwiqumrhu lam labadala okanye kuMbutho waManina?

  • Zeziphi izibhalo ezisetyenziswe sisithethi ukuxhasa umyalezo waso? Ingaba zikhona ezinye izibhalo amalungu anokuzifunda ezinokuthi zenze nzulu ukuqonda kwawo? (Usenokuzifumana ezinye kumanqaku okugqibela omyalezo okanye kwiSikhokelo seZibhalo [scriptures.ChurchofJesusChrist.org].)

  • Yeyiphi imibuzo endinokuyibuza eya kunceda amalungu aphonononge kwaye asebenzise iimfundiso ezikumyalezo? Yeyiphi imibuzo eya kubanceda babone okuphathelele ebomini babo kwezi mfundiso, kwiintsapho zabo, kunye nasemsebenzini weNkosi?

  • Ndingenza ntoni ukumema uMoya kwintlanganiso yethu? Yintoni endinokuyisebenzisa ukuze ndiphucule ingxoxo, kuquka amabali, izifaniso, umculo, okanye umsebenzi wobugcisa? Senze ntoni isithethi ukunceda amalungu ukuba aqonde umyalezo waso?

  • Ngaba ziye zabakho izimemo isithethi esithe sazenza? Ndingawanceda njani amalungu ukuba ave umnqweno wokwenza ezo zimemo?

Iingcebiso Zomsebenzi

Zininzi iindlela ootitshala abanokunceda ngazo amalungu ukuba afunde kuyo kwaye asebenzise imiyalezo yenkomfa yajikelele. Nantsi imizekelo embalwa; ootitshala banokuba nezinye iingcinga eziya kusebenza ngcono kwiqumrhu labo labadala okanye kuMbutho waManina.

  • Sebenzisa iinyaniso kubomi bethu. Mema amalungu ukuba ahlole kwakhona umyalezo wenkomfa ekhangela iinyaniso ezinokubanceda baphumeze umsebenzi uThixo abanike wona ngabantu ngabanye okanye njengequmrhu labadala okanye uMbutho waManina. Umzekelo, yintoni esiyifundayo enokusinceda njengabalungiseleli? njengabazali? njengamalungu angabafundisi? Lo myalezo uziphembelela njani iingcinga, iimvakalelo, kunye nezenzo zethu?

  • Xoxani kumaqela. Yahlula amalungu abe ngamaqela amancinci, kwaye wabele iqela ngalinye icandelo elahlukileyo lomyalezo wenkomfa ukuba lifunde kwaye lixoxe. Emva koko cela iqela ngalinye ukuba labe ngenyaniso abayifumeneyo nendlela esebenza ngayo kubo. Okanye ungadala amaqela enziwe ngamalungu afunde amacandelo ahlukeneyo omyalezo kwaye ubavumele babelane ngento abayifumeneyo.

  • Khangela iimpendulo zemibuzo. Mema amalungu ukuba aphendule imibuzo efana nale ilandelayo malunga nomyalezo wenkomfa: Zeziphi iinyaniso zevangeli esizifumana kulo myalezo? Sinokuzisebenzisa njani ezi nyaniso? Zeziphi izimemo neentsikelelo ezithenjisiweyo ezinikelweyo? Lo myalezo usifundisa ntoni ngomsebenzi uThixo afuna siwenze? Okanye udale imibuzo embalwa eyeyakho ekhuthaza amalungu ukuba acinge nzulu ngomyalezo okanye asebenzise iinyaniso ozifundisayo wona. Vumela amalungu ukuba akhethe omnye wale mibuzo kwaye afumane iimpendulo kumyalezo.

  • Yaba ngeenkcazelo ezisuka kumyalezo. Mema amalungu ukuba abelane ngeenkcazelo eziphuma kumyalezo wenkomfa eziwachukumisela ukuba afezekise uxanduva lwawo kumsebenzi wosindiso nokuphakanyiswa. Bakhuthaze ukuba bacinge ngendlela abanokwabelana ngayo ngezi nkcazo ukuze basikelele umntu, kuquka ababathandayo kunye nabantu abalungiselela kubo.

  • Yabelana ngesifundo esifundwa ngomzekelo. Kwangaphambili, mema amalungu ambalwa ukuba aze nezinto ezisuka ekhaya abanokuthi bazisebenzise ukufundisa ngomyalezo wekomfa. Ngexesha lentlanganiso, cela amalungu ukuba achaze ukuba ezo zinto zinxulumana njani nomyalezo kunye nendlela umyalezo osebenza ngayo kubomi babo.

  • Lungiselela isifundo oza kufundisa ngaso ekhaya. Cela amalungu ukuba asebenze ngambini acebe isifundo sangokuhlwa sasekhaya esisekelwe kumyalezo wenkomfa. Asenokuphendula imibuzo efana nale: Singenza njani ukuba umyalezo uphathelele kwintsapho zethu? Sinokwabelana njani ngalo myalezo nabantu esilungiselela kubo?

  • Yabelanani ngamava. Fundani kunye iinkcazelo ezininzi zomyalezo wenkomfa. Cela amalungu ukuba abelane ngemizekelo esuka kwizibhalo ezingcwele kunye nakubomi babo ebonisa okanye ebethelela imfundiso efundiswa kwezi nkcazelo.

  • Fumana ibinzana. Mema amalungu ukuba akhangele umyalezo wenkomfa ekhangela amabinzana anentsingiselo kuwo. Wacele ukuba abelane ngamabinzana kunye noko akufundayo kuwo. Wacele ukuba abelane ngendlela ezi mfundiso eziwanceda ngayo aphumeze umsebenzi weNkosi.

Ngezimvo ezithe vetshe malunga nendlela yokufunda nokufundisa kwimiyalezo yenkomfa yajikelele, bona “Amacebo wokuFunda nokuFundisa okusuka kwiNkomfa Yajikelele.” (Cofa “Amacebo okuFunda” phantsi ko “INkomfa Yajikelele” kwiThala Leencwadi zeVangeli.)