Izixhobo Ezongezelelweyo zokuFundisa Abantwana
Isihlomelo B: EyePrayimari—Ukulungiselela Abantwana Bakho Ubomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo


“Isihlomelo B: EyePrayimari—Ukulungiselela Abantwana Ubomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso KaThixo,” Yizani, Nindilandele— EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)

“Isihlomelo B,” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026

A man baptizing a young girl.  They are standing in the font.

Isihlomelo B

EyePrayimari—Ukulungiselela Abantwana Bakho Ubomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo

Ngeenyanga ezineeCawe ezintlanu, ootitshala beeklasi zePrayimari bayakhuthazwa ukuba bathathe indawo yolwandlalo olucwangcisiweyo luka Yizani, Nindilandele ngeCawe yesihlanu omnye okanye ngaphezulu yale misebenzi yokufunda.

Imigaqo neMimiselo yeVangeli kaYesu Krestu

Imfundiso kaKrestu isifundisa indlela yokubuyela kuThixo.

Xa uYesu Krestu wabonakala ebantwini eMelika, Yena wabafundisa imfundiso yaKhe. Yena wathi singangena ebukumkanini bukaThixo ukuba sinokholo, siguquka, sibhaptizwe, samkele uMoya oyiNgcwele, kwaye sinyamezele kude kube sekupheleni (bona 3 Nifayi 11:31–40; bona kananjalo IMfundiso neMinqophiso 20:29). Imisebenzi engezantsi ingakunceda ufundise abantwana ukuba le migaqo nemimiselo iyakusinceda ukuba sisondele kufuphi kuMsindisi kubomi bethu bonke.

Ukufunda ngakumbi ngemfundiso kaKrestu, bona 2 Nifayi 31.

Imisebenzi Enokwenzeka

  • Nika abantwana imifanekiso emele ukholo kuYesu Krestu, inguquko, ubhaptizo, noqinisekiso (boma Incwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, amanani 1, 111, 103, and 105). Funda okanye ucengceleze nabantwana isivumo sokholo sesine, kwaye ubacele ukuba baphakamise imifanekiso yabo xa lo mgaqo okanye ummiselo ukhankanywa. Nceda abantwana baqonde indlela nganye yale migaqo nemimiselo esinceda ngayo ukuba sifane ngakumbi noBawo waseZulwini noYesu Krestu.

  • Ungabanceda njani abantwana baqonde ukuba ukholo, inguquko, ubhaptizo, noqinisekiso ayizoziganeko zexesha elinye kodwa ziphembelela ukukhula kwethu kwasemoyeni kubomi bethu bonke? Unokubabonisa umfanekiso wembewu kunye nomthi omkhulu (okanye uzobe ezi zinto ebhodini). Bancede bacinge ngezinto ezinceda imbewu ikhule ibe ngumthi omkhulu, njengamanzi, umhlaba nokukhanya kwelanga. Bancede babone ukuba ezi zifana nezinto esizenzayo ukuze sisondele ngakumbi kuThixo kubo bonke ubomi bethu—sakha ukholo lwethu kuYesu Krestu, siguquke yonke imihla, siphile umnqophiso wethu wobhaptizo, sithabathe umthendeleko, kwaye sisamkele uMoya oyiNgcwele.

  • Kutheni sisiva uvuyo xa siguquka? Yabelana nabantwana ngovuyo kunye nothando oye waluva xa wawucela uBawo waseZulwini ukuba akuxolele.

    4:36

    Repentance: A Joyful Choice

Ubhaptizo

UYesu Krestu wamisela umzekelo kum xa Yena wayebhaptizwa.

Nangona uYesu wayengenasono, wabhaptizwa ukuze amisele umzekelo ogqibeleleyo wokuthobela uBawo waseZulwini (bona 2 Nifayi 31:6–10).

Ukufunda ngakumbi ngobhaptizo, bona IMfundiso neMinqophiso 20:37; Topics and Questions, “Baptism,” Ithala Leencwadi zeVangeli.

Imisebenzi Enokwenzeka

  • Bonisa umfanekiso wobhaptizo loMsindisi kunye nobhaptizo lomnye umntu (okanye bona INcwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, no. 35 kunye nokuba nguno. 103 okanye no. 104). Cela abantwana babelane ngento eyahlukileyo kwaye nento efanayo phakathi kwemifanekiso emibini. Fundani kunye uMateyu 3:13–17 Vumela abantwana bakhombe kwizinto ezikule mifanekiso abaziva kula mabali. Xelela abantwana ngothando lwakho loMsindisi nomnqweno wakho wokulandela Yena.

    1:52

    Chapter 10: Jesus Is Baptized

  • Phulaphula okanye ucule ingoma ethetha ngobhaptizo, njengokuthi “When Jesus Christ Was Baptized” (Children’s Songbook, 102). Sifunda ntoni ngobhaptizo kule ngoma? Funda 2 Nifayi 31:9–10, kwaye umeme abantwana ukuba baphulaphule ukuba kwakutheni ukuze uYesu Krestu abhaptizwe. Bameme ukuba bazobe umfanekiso wabo ngosuku lokubhaptizwa kwabo.

Ndingakhetha ukwenza umnqophiso noThixo kwaye ndibhaptizwe.

Ukulungiselela ukubhaptizwa kuthetha okungakumbi kunokulungiselela isiganeko. Kuthetha ukulungiselela ukwenza umnqophiso nokugcina loo mnqophiso ubomi bakho bonke. Cingisisa ukuba ungabanceda njani abantwana baqonde umnqophiso abaya kuwenza noBawo waseZulwini xa bebhaptizwa, oquka izithembiso Yena azenza kubo nezithembiso abazenzayo kuYe.

Imisebenzi Enokwenzeka

  • Cacisa ukuba umnqophiso sisithembiso phakathi komntu noBawo waseZulwini. Njengoko sizabalazela ukugcina izithembiso zethu kuThixo, uThixo uthembisa ukusisikelela. Bhala ebhodini iZithembiso Zam kuThixo kunye neZithembiso zikaThixo Kum. Fundani kunye uMozaya 18:10, 13 kunye neMfundiso neMinqophiso 20:37, kwaye nincede abantwana benze uluhlu lwezithembiso abazifumanayo phantsi kwezihloko ezifanelekileyo (bona kanjalo Dallin H. Oaks, “Your Baptism Covenant,” Umhlobo, Feb. 2021, 2–3). Yabelana ngendlela uBawo waseZulwini akusikelele ngayo njengokuba uzama ukugcina umnqophiso wakho wobhaptizo.

  • Bonisa abantwana imifanekiso yezinto uYesu Krestu awazenzayo ngexesha lobufundisi baKhe (ngeminye imizekelo, bona INcwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, amanani 33–49). Vumela abantwana bathethe ngoko kwenziwa nguYesu kumfanekiso ngamnye. Funda uMozaya 18:8–10, 13, kwaye umeme abantwana ukuba bamamele iindlela abanokugcina ngazo umnqophiso wobhaptizo Umnqophiso wobhaptizo unokuba nefuthe njani kwizenzo zethu yonke imihla? Mema abantwana bazobe umfanekiso wabo benceda omnye umntu ngendlela uYesu ebeya kwenza ngayo.

Uqinisekiso

Xa ndibhaptizwa kwaye ndiqinisiwe, ndiba lilungu leBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela.

Ukuba lilungu leBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela kuzisa iintsikelelo ezininzi, kuquka namathuba okuba abantwana babe ngabathathi-nxaxheba abakhutheleyo emsebenzini kaThixo.

Imisebenzi Enokwenzeka

  • Mema umntu osandula ukubhaptizwa kwaye waqinisekiswa ukuba eze eklasini kwaye abelane ngokuba bekunjani ukuqinisekiswa. Cela lo mntu ukuba athethe malunga nokuba kuthetha ukuthini kuye ukuba lilungu leBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Nceda abantwana bacinge ngeendlela abanokugcina umnqophiso wabo wobhaptizo njengamalungu eBandla. Yabelana ngendlela ukwenza ezi zinto kukuncede ngayo uve uvuyo lokuba lilungu leBandla likaKrestu.

  • Bonisa umfanekiso wabantu kuManzi eMormoni (bona Incwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, inani. 76), kwaye ucele abantwana bachaze into abayibonayo emfanekisweni. Balisa ibali lika-Alma nabantu bakhe bebhaptizwa apho (bona Mozaya 18:1–17; “Alma kuManzi eMormoni,” kwi Ncwadi kaMormoni yamabali). Cinga kwakhona u Mozaya 18:8–9 kwaye umeme abantwana ukuba benze izenzo zokubanceda bakhumbule izinto abantu ababezimisele ukuzenza njengamalungu eBandla likaKrestu. Yabelana ngamava xa ubone amalungu eBandla ekhonza ngezi ndlela.

    2:41

    Alma at the Waters of Mormon

Xa ndiqinisekisiwe, ndifumana isipho soMoya oyiNgcwele.

Xa sibhaptizwa kwaye siqinisekiswa, uBawo waseZulwini uyasithembisa ukuba “singasoloko sinawo uMoya wakhe ukunye [nathi]” (IMfundiso neMinqophiso 20:77). Esi sipho simangalisayo sivela kuThixo sibizwa ngokuba sisipho soMoya oyiNgcwele.

Imisebenzi Enokwenzeka

  • Funda IMfundiso neMinqophiso 33:15, kwaye ucele abantwana bamamele isipho esikhethekileyo uBawo waseZulwini asinika sona xa sibhaptizwa kwaye siqinisekiswa. Ukubanceda bafunde ngakumbi malunga nendlela isipho soMoya oyiNgcwele esiza kubanceda ngayo, cingani kunye kwakhona Yohane 14:26; AmaGalati 5:22–23; 2 Nifayi 32:5; 3 Nifayi 27:20.

  • Ngaphambi kweklasi, cela abazali bomntwana omnye okanye ngaphezulu ukuba babelane ngendlela abasikelelwe ngayo ngenxa yokuba benesiphiwo soMoya oyiNgcwele. Yena ubanceda njani? Baliva njani ilizwi laKhe?

  • Culani kunye ingoma engoMoya oyiNgcwele, efana no “The Holy Ghost” (Hymns and Children’s Songs, 105). Nceda abantwana baqonde ukuba iculo lisifundisa ukuba uMoya oyiNgcwele angasinceda njani.

UMoya oyiNgcwele angathetha nam ngeendlela ezininzi.

Abantwana abanako ukuliqonda ilizwi loMoya bayakulungela ukufumana isityhilelo sobuqu ukubakhokela kubo bonke ubomi babo. Bancede baqonde ukuba zininzi iindlela uMoya oyiNgcwele anokuthetha nathi.

Imisebenzi Enokwenzeka

  • Nceda abantwana bacinge ngeendlela ezahlukeneyo esinokuthetha ngazo nomhlobo wethu ohlala kude, ezinjengokubhala ileta, ukuthumela i-imeyile, okanye ukuthetha efowunini. Bafundise ukuba uBawo waseZulwini angathetha nathi ngeendlela ezahlukeneyo ngoMoya oyiNgcwele.

  • Yabelana ngamava xa uMoya oyiNgcwele wayenxibelelana nawe, mhlawumbi ngeengcinga zakho okanye ngemvakalelo esentliziyweni yakho (bona IMfundiso neMinqophiso 6:22–23; 8:2–3 Ngqina ebantwaneni ukuba uMoya oyiNgcwele unako ukubanceda ngeendlela ezifanayo.

  • Nceda abantwana baqaphele amaxesha apho bava khona uMoya—ngokomzekelo, xa becula ingoma ngoMsindisi okanye xa besenzela abanye into yobubele. Bancede babone iimvakalelo zomoya eziziswa nguMoya oyiNgcwele, ngakumbi iimpembelelo zaKhe ukuba benze. Kutheni ucinga ukuba uMoya oyiNgcwele usinika ezi mvakalelo? Nceda abantwana bacinge ngezinto ekufuneka sizenze ukuze sive uMoya oyiNgcwele ethetha nathi. Thethani ngezinto enizenzayo ukuze nive uMoya ngokucacileyo ngakumbi.

UMthendeleko

Xa ndithatha umthendeleko, Ndikhumbula idini loMsindisi kwaye ndenze umnqophiso kunye naYe.

Xa sithatha umthendeleko, senza umnqophiso wokuhlala sikhumbula uMsindisi, sithathele igama laKhe kuthi, kwaye sigcine imiyalelo yaKhe.

Ukufunda ngakumbi, bona UMateyu 26:26–30; 3 Nifayi 18:1–12; IMfundiso neMinqophiso 20:77, 79.

Imisebenzi Enokwenzeka

  • Mema abantwana ukuba bafake umbala ku “Jesus Introduced the Sacrament to the Nephites” in Scripture Stories Coloring Book: Book of Mormon (2019), 26. Bacele ukuba bakhombe kwinto abantu abacinga ngayo emfanekisweni. Fundela abantwana iinxalenye 3 Nifayi 18:1–12 okanye “UYesu Wabelana ngoMthendeleko,” kwi Ncwadi kaMormoni yamabali. Yintoni esinokuyenza ukukhumbula uYesu Krestu ngexesha lomthendeleko?

  • Cela abantwana ukuba bakuxelele izinto ezithile ekufuneka besoloko bekhumbula ukuzenza, njengokubopha izihlangu zabo okanye ukuhlamba izandla zabo phambi kokuba batye. Kutheni kubalulekile ukukhumbula ezi zinto? Funda Moronayi 4:3 ebantwaneni, kwaye ubameme ukuba baphulaphule oko sithembisa ukusoloko sikukhumbula xa sithatha umthendeleko. Kutheni kubalulekile ukukhumbula uYesu Krestu? Nceda abantwana baqonde indlela isonka namanzi somthendeleko asinceda ngayo ukuba sikhumbule into asenzele yona uYesu (bona Moronayi 4:3; 5:2).

  • Bhala ebhodini “Ndithembisa uku …” Funda imithandazo yomthendeleko ebantwaneni (bona IMfundiso neMinqophiso 20:77, 79). Xa besiva isithembiso esisenza kuThixo, nqumama uze ubancede bagqibezele isivakalisi esisebhodini kunye nesithembiso abasivileyo.

  • Kuthetha ukuthini ukuthabathela kuthi igama likaYesu Krestu? Ukunceda abantwana baphendule lo mbuzo, yabelana ngomzekelo wento esibeka kuyo amagama ethu. Kutheni sibeka amagama ethu kwezi zinto? Kutheni le nto uYesu Krestu efuna ukubeka igama laKhe phezu kwethu? Cinga ngokwabelana ngale ngcaciso evela kuMongameli uRussell M. Nelson: “Ukuthabatha igama loMsindisi phezu kwethu kubandakanya ukubhengeza nokungqina kwabanye—ngezenzo zethu nangamazwi ethu—ukuba uYesu unguKrestu” (“The Correct Name of the Church,” Liahona, EyeNkanga. 2018, 88).

Amandla oBubingeleli, iGunya, neZitshixo

UThixo uyabasikelela abantwana baKhe ngamandla obubingeleli.

Bonke abantwana bakaThixo—abafazi namadoda, abancinane nabadala—bafumana amandla kaThixo njengokuba begcina iminqophiso abayenzileyo kunye naYe. Senza le minqophiso xa sifumana imimiselo yobubingeleli efana nobhaptizo (bona General Handbook: Serving in The Church of Jesus Christ of Latter-day Saints, 3.5, 3.6, Ithala leencwadi zeVangeli). Ukufunda ngakumbi, bona uRussell M. Nelson, “Spiritual Treasures,” Liahona, EyeNkanga. 2019, 76–79; “Priesthood Principles,” isahluko 3 kwi General Handbook.

Imisebenzi Enokwenzeka

  • Nceda abantwana baqaphele iintsikelelo abazifumanayo ngenxa yobubingeleli. Ukuze ubanike amacebiso, unokubabonisa ividiyo ethi “Iintsikelelo zoBubingeleli” (Ithala leencwadi zeVangeli). Cinga ngokudwelisa ezi ntsikelelo ebhodini. Kutheni zibalulekile nje ezi ntsikelelo kuthi? Ngqina ukuba ezi ntsikelelo ziza kuthi ngenxa kaYesu Krestu namandla obubingeleli baKhe.

    3:5

    Blessings of the Priesthood

  • Nceda abantwana bafumane imifanekiso ebonisa indlela uThixo asebenzisa ngayo amandla aKhe ukusisikelela. Umzekelo, banokufumana umfanekiso wehlabathi Awasidalela lona, imizekelo yokuphilisa abagulayo, kunye nemimiselo engcwalisekileyo Asinike yona (bona Incwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, amanani 3, 46, 104, 105, 107,120). Yabelana ngokuba kutheni unombulelo ngobubingeleli neentsikelelo obuzizisayo. Nceda abantwana bacinge ngamava xa babesikelelwa ngamandla obubingeleli bukaThixo.

  • Enye yeendlela eziphambili esizifumana ngazo iintsikelelo zamandla kaThixo ebomini bethu kungokwenza imimiselo yobubingeleli (bona IMfundiso neMinqophiso 84:20). Ukunceda abantwana bafunde le nyaniso, ungadwelisa ezi zibhalo zilandelayo ebhodini: 3 Nifayi 11:21–26, 33 (ubhaptizo); Moronayi 2 (uqinisekiso); Moronayi 4–5 (umthendeleko). Abantwana banokukhetha ngamnye kwezi zicatshulwa kwaye bachonge ummiselo owuchazayo. Mema abantwana ukuba babelane ngendlela abasikelelwe ngayo ngokufumana imimiselo yobubingeleli.

  • Nceda abantwana baqonde ukuba bayakufumana amandla kuThixo xa bebhaptizwa kwaye begcina umnqophiso wabo wobhaptizo. Buza abantwana ukuba la mandla anokubanceda njani.

Umsebenzi kaThixo ukhokelwa zizitshixo zobubingeleli kwaye uphunyezwe ligunya lobubingeleli.

Nanini na xa umntu ekhethelwe ubizo okanye ukwabelwa ukunceda emsebenzini kaThixo, unokusebenzisa igunya lobubingeleli abalinikiweyo. Ukongeza, amalungu eBandla afanelekileyo angamadoda anganikwa ububingeleli kwaye amiselwe kwi-ofisi yobubingeleli. Ukusetyenziswa kwalo lonke igunya lobubingeleli eBandleni kulawulwa ziinkokeli eziphethe izitshixo zobubingeleli, ezinje ngomongameli wesiteki, ubhishophu, nomongameli beQumrhu. Izitshixo zobubingeleli ziligunya lokukhokela ukusetyenziswa kobubingeleli, okufana nokunika imvume yokwenza imimiselo.

Imisebenzi Enokwenzeka

  • Funda kunye nabantwana UMarko 3:14–15, uze ubabonise umfanekiso wesiganeko esichazwe apho (enje nge Incwadi yoMsebenzi woBugcisa yeVangeli, amanani 38). Buza abantwana ukuba bakhe bambona umntu othile osikelelwe bucala ubizo okanye emiselwa kwi-ofisi yobubingeleli (okanye ubaxelele ngamava okhe wabanawo). Oku kufana njani noko uMsindisi wakwenzayo nabaPostile baKhe? Nceda abantwana badwelise ebhodini ubizo okanye ii-ofisi zobubingeleli ezinokunikwa amalungu eBandla, njengotishala okanye inkokheli embuthweni. Ecaleni kobizo ngalunye okanye i-ofisi, ungabhala ukuba umntu onaloo bizo okanye i-ofisi unegunya lokwenza ntoni. Xelela abantwana ukuba ukusikelelwa bucala ngumntu phantsi kwesikhokelo sezitshixo zobubingeleli kukuncede njani ukuba ukhonze.

  • Mema abantwana ukuba bacinge ngento edinga isitshixo sayo, njengemoto okanye ucango. Kwenzeka ntoni ukuba awunaso isitshixo? Fundani kunye IMfundiso neMinqophiso 65:2, kwaye wabelane ngobungqina bakho ngokubaluleka kokuba nezitshixo zobubingeleli. Unokubukela nevidiyo ethi “Ziphi Izitshixo?” (iThala leeNcwadi zeVangeli) kwaye ujonge oko uMdala uGary E. Stevenson akufundisayo malunga nezitshixo zobubingeleli.

    2:51

    Where Are the Keys?

ITempile neCebo loLonwabo

ITempile yindlu yeNkosi.

Iitempile ziyinxalenye yecebo likaBawo waseZulwini ngabantwana baKhe. Ezitempileni, senza iminqophiso engcwalisekileyo kunye naYe, sinikwa amandla obubingeleli, sifumana isityhilelo, senzela izinyanya zethu ezingasekhoyo imimiselo, kwaye sitywinelwe kwiintsapho zethu ngonaphakade. Konke oku kuye kwenzeka ngenxa kaYesu Krestu nedini laKhe lentlawulelo.

Ungabanceda njani abantwana obafundisayo babone ubungcwele bendlu yeNkosi kwaye bazilungiselele ukuba bafanele ukuthatha inxaxheba kwimimiselo yasetempileni?

ulutsha etempileni

Iitempile ziyinxalenye yecebo likaBawo waseZulwini ngabantwana baKhe.

Imisebenzi Enokwenzeka

  • Bonisa umfanekiso omnye okanye ngaphezulu weetempile. Buza abantwana ukuba yintoni eyenza itempile ibe yindawo ekhethekileyo. Chaza ukuba kwitempile nganye kukho lo mbhalo: “Ubungcwele eNkosini—Indlu yeNkosi.” Buza abantwana ukuba bacinga ukuba “ubuNgcwele eNkosini” bunokuthetha ntoni. Kutheni itempile ibizwa ukuba yindlu yeNkosi? Oku kusifundisa ntoni ngetempile? Ukuba kukho nabaphi na abantwana abakhe baya etempileni, nabo bangabelana ngendlela ababeziva ngayo xa babelapho. Ukuba ubukhe waya etempileni, yabelana ngendlela obuve ngayo ubukho beNkosi apho, kwaye uthethe ngokuba kutheni itempile iyindawo engcwele kuwe.

  • Fundani kunye IMfundiso neMinqophiso 97:15–17. Cela abantwana ukuba bajonge oko iNkosi ikulindeleyo ebantwini abangena endlwini yaYo engcwele. Kutheni le nto sidinga sikufanelekele ukungena endlwini yaKhe? Njengenxalenye yale ncoko, thetha nabantwana malunga neemvume zetempile, kuquka nendlela yokuzifumana. Ungamema ilungu lobubhishophu ukuba labelane nabo ukuba lunjani udliwano-ndlebe lwemvume yasetempileni nemibuzo ebuzwa kuyo.

Etempileni, senza iminqophiso noThixo.

UMongameli uRussell M. Nelson wafundisa, “UYesu Krestu usimema ukuba sithabathe indlela yomnqophiso ebuyela ekhaya kuBazali bethu Basezulwini kwaye sibenabo sibathandayo” (“Come, Follow Me,” Liahona, May 2019, 91). Nceda abantwana baqonde ukuba indlela yomnqophiso ibandakanya ubhaptizo, uqinisekiso, nesiphiwo setempile nokutywinwa.

Imisebenzi Enokwenzeka

  • Cela abantwana bakuncede uphonononge iminqophiso esiyenzayo noThixo xa sibhaptizwa kwaye naxa sithatha umthendeleko (bona Mozaya 18:10, 13; IMfundiso neMinqophiso 20:77, 79). Bonisa umfanekiso wetempile, kwaye ucacise ukuba uBawo waseZulwini uneentsikelelo ezininzi afuna ukusinika zona etempileni.

  • Zoba isango elikhokelela endleleni. Buza abantwana ukuba kutheni becinga ukuba kuluncedo ukuba nendlela yokuhamba. Fundani kunye 2 Nifayi 31:17–20, apho uNifayi ethelekisa umnqophiso wobhaptizo nesango kwaye esimema ukuba siqhubeke endleleni emva kobhaptizo. Kukho iminqophiso emininzi ekufuneka yenziwe emva kobhaptizo, kuquka iminqophiso eyenziwa etempileni. Cacisa ukuba uMongameli uNelson uyibize le ndlela “indlela yomnqophiso.”

Etempileni, singabhaptizwa kwaye siqinisekiselwe izinyanya ezingasekhoyo.

Ivangeli likaYesu Krestu yenza ukuba kwenzeke kubo bonke abantwana bakaThixo ukuba babuye bahlale kunye naYe, nokuba bayafa bengayazi ivangeli. Etempileni, singabhaptizwa kwaye siqiniswe egameni labo.

Imisebenzi Enokwenzeka

  • Thetha ngexesha apho umntu othile wakwenzela into ongenakuzenzela yona. Mema abantwana ukuba babelane ngamava afanayo. Cacisa ukuba xa sisiya etempileni, singafumana imimiselo engcwalisekileyo efana nobhaptizo lwabanye abangasekhoyo. Sifana njani noYesu xa sisenzela umsebenzi abafileyo? Yintoni Yena asenzele yona ebesingenako ukuzenzela yona ngokwethu?

  • Mema ulutsha omnye okanye ngaphezulu oye wabhaptizelwa izinyanya zakhe ukuba abelane ngamava akhe. Babuze ukuba kwakunjani etempileni. Bakhuthaze ukuba babelane ngendlela abavakalelwa ngayo xa bewenza lo msebenzi besenzela izinyanya zabo.

  • Zoba umthi ebhodini, kuquka iingcambu namasebe. Cela abantwana ukuba bacinge ngendlela usapho olufana ngayo nomthi. Faka amagama kwiingcambu Izinyanya, bhala amasebe iNzala, uze ubhale isiqu somthi othi Wena. Fundani kunye esi sivakalisi kuyo IMfundiso neMinqophiso 128:18: “Kuba ngaphandle kwabo [izinyanya zethu] asinako ukwenziwa sigqibelele; bengenako nabo ukwenziwa bagqibelele ngaphandle kwethu.” Buza imibuzo efana nale ilandelayo: “Kutheni sidinga izinyanya zethu? Kutheni izinyanya zethu zisidinga? Baye basinceda njani abazali, oomakhulu nootatomkhulu nezinye izinyanya zethu?” Mema abantwana ukuba bakhangele kuyo yonke IMfundiso neMinqophiso 128:18 ibinzana elichaza indlela esinokunceda ngayo izinyanya zethu.

  • Cinga ngokusebenza nabazali bomntwana ngamnye ukufumana igama lesinyanya esidinga imimiselo etempileni (bona FamilySearch.org).