“Isihlomelo A: EyaBazali—Ukulungiselela Abantwana Benu Ubomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo,” Yizani, Nindilandele—EyeKhaya neBandla: ITestamente eNdala 2026 (2026)
“Isihlomelo A,” Yizani, Nindilandele: ITestamente eNdala 2026
Isihlomelo A
EyaBazali—Ukulungiselela Abantwana Bakho Ubomi Bonke kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo
Ngenxa yokuba Yena ekuthanda, ekuthembile, kwaye ewazi amandla akho aleleyo, uBawo waseZulwini ukunike ithuba lokunceda abantwana bakho bangene kwaye baqhubele phambili kwindlela yaKhe yomnqophiso, indlela eya kubomi banaphakade (bona IMfundiso neMinqophiso 68:25–28). Oku kuquka ukubanceda balungiselele ukwenza kwaye bagcine iminqophiso engcwele, efana nomnqophiso wobhaptizo neminqophiso eyenziwa etempileni. Ngale minqophiso, abantwana bakho bayakuzibophelela kuMsindisi, uYesu Krestu.
Zininzi iindlela zokulungiselela abantwana bakho oluhambo kwindlela yomnqophiso, kwaye uBawo waseZulwini uyakukunceda ufumane eyona ndlela ingcono yokubanceda. Njengoko ufuna impembelelo, gcina engqondweni ukuba asikuko konke ukufunda okwenzekayo ngexesha lezifundo ezicwangcisiweyo. Enyanisweni, enye into eyenza ukufunda ekhaya kube namandla kangaka lithuba lokufunda ngomzekelo namathuba amacinane, alula okufundisa—uhlobo olwenzeka ngokwemvelo kubomi bemihla ngemihla. Njengokuba ukulandela indlela yomnqophiso kuyinkqubo engaguqukiyo, yobomi bonke, kukwanjalo ukufunda ngendlela yomnqophiso. (Bona “Ikhaya noSapho,” Ukufundisa ngeNdlela yoMsindisi [2022], 30–31.)
Ngezantsi zizimvo ezinokukhokelela kwimpembelelo engakumbi. Unokufumana izimvo ezongezelelweyo zokufundisa abantwana abakwiminyaka yePrayimari ku “Isihlomelo B: EyePrayimari—Ukulungiselela Abantwana Bakho Ubomi kwiNdlela yoMnqophiso kaThixo
Ubhaptizo noQinisekiso
UNifayi wafundisa ukuba “isango [thina] esinokungena ngalo” indlela yomnqophiso “yinguquko nobhaptizo ngamanzi” (2 Nifayi 31:17). Iinzame zakho zokunceda abantwana bakho balungiselele ubhaptizo noqinisekiso inokumilisela iinyawo zabo kuloo ndlela. Ezi nzame ziqala ngokufundisa ngokholo kuYesu Krestu nenguquko. Zikwaquka nokufundisa ngendlela esiwuhlaziya ngayo umnqophiso wethu wobhaptizo ngokuthatha umthendeleko qho ngeveki.
UNifayi wafundisa ukuba “isango [thina] esinokungena ngalo” indlela yomnqophiso “yinguquko nobhaptizo ngamanzi” (2 Nifayi 31:17).
Nazi ezinye izixhobo ezinokukunceda: 2 Nifayi 31; uhlelo olukhethekileyo lwemagazini yoMhlobo malunga nobhaptizo; Imixholo Nemibuzo, “Ubhaptizo,” Ithala Leencwadi ZeVangeli.
-
Nanini na xa unamava omeleza ukholo lwakho kuBawo waseZulwini noYesu Krestu, yabelana ngawo nomntwana wakho. Bacende baqonde ukuba ukholo yinto enokukhula kwaye enokukhula yomelele ngokomelela ubomi bonke. Zeziphi ezinye izinto anokuzenza umntwana wakho ukuze abe nokholo olomeleleyo kuKrestu ngaphambi kokuba abhaptizwe?
-
Xa umntwana wakho esenza ukhetho olungalunganga, thetha ngovuyo ngesipho senguquko. Kwaye xa wena wenze ukhetho olungalunganga, yabelana ngovuyo oluza xa uguquka ezonweni zakho yonke imihla. Ngqina ukuba ngenxa yokuba uYesu Krestu wabandezeleka kwaye wafela izono zethu, singaguquka mihla le, sixolelwe, kwaye samkele amandla okutshintsha. Xa umntwana wakho efuna ukuxolelwa nguwe, mxolele ngokukhululekileyo nangovuyo.
-
Xelela umntwana wakho ngobhaptizo lwakho. Bonisa imifanekiso kwaye wabelane ngeenkumbulo. Thetha ngendlela owaziva ngayo, ukuba ukugcina umnqophiso wakho wobhaptizo kukuncede njani ukuba wazane noYesu Krestu ngcono, kwaye iminqophiso yakho iqhubekeka njani ukusikelela ubomi bakho. Khuthaza umntwana wakho ukuba abuze imibuzo.
-
Xa kukho ubhaptizo kusapho lwakho okanye kwisebe lakho, thatha umntwana wakho ayokulubona. Thethani kunye ngoko wena nomntwana wakho enikubonileyo kwaye nenikuvileyo. Ukuba kunokwenzeka, thetha nomntu obhaptizwayo uze umbuze imibuzo enjengale: “Usenze njani esi sigqibo? Uzilungiselele njani?”
-
Nanini na ubona umntwana wakho esenza into athembise ukuyenza, mncome ngokunyanisekileyo. Chaza ukuba ukugcina izibophelelo kuyasinceda ukuba silungiselele ukugcina iminqophiso esiyenzayo xa sibhaptizwa. Simthembisa ntoni uThixo xa sibhaptizwa? Yena usithembisa ntoni thina? (Bona Mozaya 18:8–10, 13.)
-
Thetha ngendlela ukuqinisekiswa nokuba lilungu leBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela kukusikelele njani. Ngokomzekelo, usondele kufuphi njani kuBawo waseZulwini noYesu Krestu njengokuba ukhonza abanye nanjengoko abanye bekukhonza? Nceda umntwana wakho acinge ngeendlela zokukhonza nokomeleza abanye njengelungu leBandla. Kananjalo bancede babe namava kwaye babone uvuyo oluvela enkonzweni.
-
Xa wena nomntwana wakho ninamava angcwele kunye (njengasecaweni, ngelixa nifunda izibhalo, okanye ngelixa nikhonza omnye umntu), baxelele ngeemvakalelo zomoya okanye iimpembelelo onazo. Mema umntwana wakho ukuba achaze indlela abaziva ngayo. Qaphela iindlela ezahlukeneyo anokuthetha ngazo uMoya ebantwini, kuquka neendlela Yena athetha ngazo nawe buqu. Nceda umntwana wakho abone amaxesha apho anokuba namava empembelelo yoMoya oyiNgcwele.
-
Bukelani kunye iividiyo ezimbalwa ezikwiThala Leencwadi zeVangeli ezinomxholo othi “Hear Him!” Thethani kunye ngeendlela ezahlukeneyo izicaka zeNkosi eziliva ngayo ilizwi laYo. Mema umntwana wakho azobe umfanekiso okanye enze umboniso bhanya-bhanya malunga nendlela aliva ngayo ilizwi loMsindisi.
-
Yenza umthendeleko ube sisiganeko esingcwele nesilulonwabo kusapho lwakho. Yabelana nomntwana wakho ukuba ugqalisela njani kuYesu Krestu ngexesha lomthendeleko. Nceda umntwana wakho enze isicwangciso sokubonisa ukuba umthendeleko ungcwele kubo. Umzekelo, ukumamela amazwi omthandazo womthendeleko kungasikhumbuza ngomnqophiso wethu wobhaptizo.
-
Ukhutsho oluninzi lwencwadi Umhlobo iquka amanqaku, amabali, nemisebenzi yokunceda abantwana balungiselele ubhaptizo noqinisekiso. Vumela umntwana wakho azikhethele ethile yokuyifunda kwaye ayonwabele kunye nawe.
Amandla oBubingeleli, iGunya, neZitshixo
Ububingeleli ligunya namandla kaThixo athi ngawo asikelele abantwana baKhe. Ububingeleli bukaThixo busemhlabeni namhlanje kwiBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. “Onke amalungu eBandla agcina iminqophiso yawo—abafazi, amadoda, kunye nabantwana— basikelelwe ngamandla kaThixo obubingeleli emakhayeni abo ukuze bomeleze bona kunye neentsapho zabo” (General Handbook: Serving in The Church of Jesus Christ of Latter-day Saints, 3.6, Ithala leVangeli). La mandla ayakunceda amalungu ekwenzeni umsebenzi kaThixo wosindiso nowokuphakamisa kubomi bawo bobuqu kunye neentsapho zabo (bona General Handbook2.2
Xa amadoda nabafazi bekhonza kubizo lweBandla, bakwenza oko ngegunya lobubingeleli, phantsi kwesikhokelo sabo baphethe izitshixo zobubingeleli. Bonke abantwana bakaBawo waseZulwini—oonyana baKhe neentombi zaKhe—baya kusikelelwa njengokuba besiya ekuqondeni ngcono ububingeleli baKhe.
Sifumana imimiselo ngegunya lobubingeleli. “Amalungu eBandla angamadoda afanelekileyo afumana igunya lobubingeleli ngokunikezelwa kobubingeleli kunye nokumiselwa kwiiofisi zobubingeleli” (General Handbook, 3.4). Abo banee-ofisi zobubingeleli banokugunyaziswa ngumntu ophethe izitshixo zobubingeleli ukuba enze imimiselo yobubingeleli.
Ukufunda ngakumbi ngobubingeleli, bona Russell M. Nelson, “Spiritual Treasures,” Liahona, EyeNkanga 2019, 76–79; Russell M. Nelson, “The Price of Priesthood Power,” Liyahona, UCanzibe 2016, 66–69; “Priesthood Principles,” chapter 3 kwi General Handbook.
-
Yenza imimiselo yobubingeleli ibe yinxalenye engaguqukiyo yobomi bosapho lwakho. Ngokomzekelo, nceda umntwana wakho ukuba alungiselele ngokomoya umthendeleko ngeveki nganye. Khuthaza umntwana wakho ukuba afune iintsikelelo zobubingeleli xa egula okanye efuna intuthuzelo okanye ulwalathiso. Kwenze umkhwa ukukhomba iindlela iNkosi elusikelela ngayo usapho lwakho ngamandla aYo.
-
Njengoko nifunda izibhalo kunye, khangelani amathuba okuxoxa ngendlela uThixo abasikelela ngayo abantu ngamandla aKhe. Yabelana ngamava akho xa uThixo ekusikelele ngobubingeleli baKhe. Ngokwemizekelo yentsikelelo esizifumanayo kuThixo ngobubingeleli, bona General Handbook, 3.2, 3.5.
-
Fundisa umntwana wakho ukuba emva kokuba ebhaptiziwe, angafumana amandla kaThixo ngokugcina umnqophiso wobhaptizo. Xelela umntwana wakho ukuba imimiselo yobubingeleli iwazise njani amandla kaThixo ebomini bakho. Ukufumana uluhlu lwezinye zeendlela esisikelelwe ngazo ngamandla kaThixo, bona General Handbook, 3.5.
-
Xoxa ngombuzo othi “Sinjani isicaka seNkosi?” Fundani kunye IMfundiso neMinqophiso 121:36–42, kwaye nikhangele iimpendulo. Nanini na ubona umntwana wakho (okanye omnye umntu) esebenzisa omnye wemigaqo okanye iimpawu ezikule miqolo, yilathe.
-
Xa wena okanye umntwana wakho esebenzisa izitshixo ukuvula ucango okanye ukudumisa imoto, thatha umzuzwana uthelekise ezo zitshixo kwizitshixo eziphethwe ziinkokeli zababingeleli. (Ngenkcazelo yezitshixo zobubingeleli, bona General Handbook, 3.4.1). Izitshixo zobubingeleli “zisivulela” okanye “zisiqalela” ntoni thina?
2:51Where Are the Keys?
UkuBhaptizelwa nokuQinisekiselwa Izinyanya
Iitempile ziyinxalenye yecebo likaBawo waseZulwini ngabantwana baKhe. Kwindlu yeNkosi, senza iminqophiso engcwalisekileyo kunye noBawo waseZulwini njengokuba sithatha inxaxheba kwimimiselo engcwalisekileyo, yonke eyalatha kuYesu Krestu. UBawo waseZulwini ulungiselele indlela kubo bonke abantwana baKhe ukuba benze iminqophiso kwaye bathabathe inxaxheba kwimimiselo, kuquka nabo bangazange bayifumane kobu bomi. Ekuqaleni konyaka xa egqiba iminyaka eli-12, badala ngokwaneleyo ukuba angabhaptizelwa aze aqinisekiselwe etempileni izinyanya ezingasekhoyo (bona kananjalo KwabaseKorinte I 15:29).
-
Yiya endlwini yeNkosi kangangoko iimeko zakho zikuvumela. Thetha nomntwana wakho malunga nokuba kutheni uhamba kwaye itempile ikunceda njani ukuba uzive ukufutshane noBawo waseZulwini noYesu Krestu.
-
Hlola kwaye nixoxe ngemibuzo yemvume yokungena etempileni kunye. Unokuzifumana kwiphepha 36–37 ye For the Strength of Youth: A Guide for Making Choices. Thetha nomntwana wakho malunga nokwenzeka kudliwano-ndlebe lwemvume yokungena etempileni. Yabelana ngokuba kutheni ukuba nemvume yokungena etempileni kubalulekile kuwe.
-
Fundani kunye UMalaki 4:6. Thethani ngokuba iintliziyo zenu zingaguqukela kwizinyanya zakho njani. Funda ngakumbi malunga nezinyanya zakho ngokujonga imbali yosapho lwakho kunye kwi FamilySearch.org. Khangela izinyanya ezidinga ukubhaptizwa noqinisekiso. Umcebisi wembali yosapho wetempile nowewadi angakunceda.
Ukufumana Intsikelelo kaSolusapho
Intsikelelo kasolusapho inokuba ngumthombo wesikhokelo, intuthuzelo, nempembelelo. Iqulethe ingcebiso yobuqu evela kuBawo waseZulwini kuthi kwaye isinceda ukuba siqonde ubuni bethu banaphakade nenjongo yethu. Nceda umntwana wakho alungiselele ukufumana intsikelelo kasolusapho ngokumfundisa ukubaluleka nobungcwele beentsikelelo zikasolusapho.
-
Yabelana nomntwana wakho ngamava akho okufumana intsikelelo kasolusapho. Ungabelana ngezinto ezifana nendlela olungiselele ngayo ukuyifumana, indlela ekuncede ngayo ukuba usondele kufuphi kuThixo, nendlela Yena aqhubeka ngayo ukukusikelela ngale ntsikelelo. Ungamema kananjalo umntwana wakho ukuba athethe namanye amalungu osapho afumene iintsikelelo zawo zikasolusapho.
-
Yabelanani omnye nomnye ngento eniyifundayo kule miyalezo ngokuba kutheni uBawo waseZulwini efuna ukuba sifumane intsikelelo kasolusapho. Ukufunda ngenkqubo yokufumana intsikelelo kasolusapho, bona General Handbook, 18.17.
-
Ukuba unezinyanya ezafumana iintsikelelo zikasolusapho, kungayinkuthazo ukufunda ezinye zazo kunye nomntwana wakho. Ukucela iintsikelelo zezinyanya ezingasekhoyo, ngena ku ChurchofJesusChrist.org, cofa Uphawu kwikona ephezulu ngasekunene kwesikrini, kwaye ukhethe Intsikelelo kaSolusapho
-
Emva kokuba umntwana wakho efumene intsikelelo kasolusapho, mema nawaphina amalungu osapho awayekhona ukuba abhale iimvakalelo zabo kwaye abelane ngazo nomntwana wakho.
Ukufumana iSipho Esisesakho
UThixo ufuna ukunika, okanye ukusikelela, bonke abantwana baKhe “ngamandla avela phezulu” (IMfundiso neMinqophiso 95:8). Siya etempileni ukuze sifumane isipho esisesethu kube kanye kuphela, kodwa iminqophiso esiyenzayo kunye noThixo namandla omoya Yena asinika wona njengenxalenye yesipho esisesethu angasisikelela yonke imihla yobomi bethu.
-
Bonisa umfanekiso wetempile kwikhaya lakho. Xelela umntwana wakho malunga neemvakalelo ozifumanayo endlwini yeNkosi. Thetha rhoqo ngothando lwakho lweNkosi nendlu yaKhe neminqophiso oyenzileyo pha. Khangela amathuba okuya etempileni kunye nomntwana wakho ukwenza ubhaptizo noqinisekiso lwezinyanya zabo.
-
Hlolani temples.ChurchofJesusChrist.org kunye. Vumela umntwana wakho ukuba abuze nayiphi na imibuzo anayo ngetempile.
-
Njengokuba wena nomntwana wakho nithatha inxaxheba okanye nibone eminye imimiselo (efana nomthendeleko okanye intsikelelo yempiliso), thathani umzuzwana nixoxe ngomfuziselo obandakanyekayo kummiselo. Imela ntoni imifuziselo? Ingqina njani ngoYesu Krestu? Oku kungamnceda umntwana wakho ukuba alungiselele ukuphonononga ngentsingiselo yomfuziselo wemimiselo yasetempileni, engqina kananjalo ngoYesu Krestu.
-
Nceda umntwana wakho aqaphele indlela abawugcina ngayo umnqophiso wobhaptizo ochazwe kuMozaya 18:10, 13 (bona kananjalo imiqolo 8–9, echaza iziqhamo zaloo mnqophiso). Kananjalo nceda umntwana wakho abone indlela iNkosi ebasikelela ngayo. Yakha ukuzithemba komntwana wakho kumandla akhe okugcina iminqophiso.
-
Thetha ngokuphandle kwaye rhoqo malunga nendlela iminqophiso yakho yetempile ekhokela ngayo ukhetho lwakho kwaye ikuncede ukhule kufutshane noYesu Krestu. Ungasebenzisa General Handbook, 27.2, ukuhlola iminqophiso esiyenza etempileni.
4:12Sacred Temple Clothing
Ukukhonza uBufundisi
Umdala uDavid A. Bednar wafundisa: “Eyona nto ibalulekileyo ongayenza ukulungiselela ubizo lokukhonza kukuba ubengumfundisi wevangeli kwakudala phambi kokuba uye ebufundisini. … Umba ayikokuya ebufundisini; endaweni yoko, umba kukuba ngumfundisi wevangeli kwaye sikhonze ubomi bethu bonke ngentliziyo yethu yonke, ngamandlakazi, ngengqondo nangokomelela. … Ulungiselela umsebenzi wokufundisa ivangeli ubomi bakho bonke” (“Becoming a Missionary,” Liyahona, EyeNkanga. 2005, 45–46). Amava umntwana wakho abenawo xa engumfundisi ayakubasikelela ngonaphakade, hayi nje ixesha lokuba basebenze ebufundisini.
-
Bonisa indlela yokwabelana ngevangeli ngeendlela zendalo. Soloko uphaphamele amathuba okwabelana nabanye ngeemvakalelo zakho ngoBawo waseZulwini noMsindisi neentsikelelo ozifumanayo kuMsindisi kunye njengelungu leBandla laKhe. Mema abanye ukuba bangene nosapho lwakho kwimisebenzi enxulumene neBandla nosapho.
-
Khangela amathuba okuba usapho lwakho lusebenzisane nabafundisi bevangeli. Bameme ukuba bafundise abahlobo bakho, okanye ubavumele bafundise abantu ekhayeni lakho. Buza abafundisi bevangeli ngamava abawafumanayo nangendlela inkonzo yomsebenzi wobuvangeli ebanceda ngayo basondele kufuphi kuYesu Krestu. Kananjalo buza ukuba yintoni abayenzileyo (okanye abanqwenela ukuba ngebabeyenzile) ukulungiselela ukuba ngabafundisi bevangeli.
-
Ukuba usebenze ebufundisini, thetha ngokuphandle kwaye rhoqo malunga namava akho. Okanye umeme abahlobo okanye amalungu osapho abasebenze ebufundisini ukuba bathethe ngawabo. Ungathetha kananjalo ngeendlela owabelane ngazo nabanye ngevangeli ebomini bakho bonke. Nceda umntwana wakho acinge ngeendlela anokwabelana ngazo ngevangeli.
-
Nika umntwana wakho amathuba okufundisa usapho lwakho imigaqo yevangeli. Umntwana wakho kananjalo usenokuziqhelanisa ngokwabelana nabanye ngeenkolelo zakhe. Ngokomzekelo, ungaxoxa ngemibuzo efana nale, “Singayazisa njani iNcwadi kaMormoni kumntu ongazange eve ngayo?” okanye “Singayichaza njani imfuneko yoMsindisi kumntu ongengomKrestu?”
-
Nceda umntwana wakho akhululeke ukuthetha nabantu. Zeziphi iindlela ezilungileyo zokuqalisa incoko? Khuthaza umntwana wakho ukuba afunde indlela yokuphulaphula oko abanye bakutshoyo, ukuqonda okusezintliziyweni zabo, kwaye babelane ngeenyaniso zevangeli ezinokusikelela ubomi babo.
-
Khangela amathuba okuba umntwana wakho afunde ngezinye iinkcubeko neenkolo. Mncede aqaphele kwaye ahlonele imigaqo elungileyo neyinyaniso kwiinkolelo zabanye.
Ukufumana Ummiselo woTywino
Etempileni, indoda nomfazi banokutshata ngonaphakade. Oku kwenzeka kummiselo obizwa ngokuba “kukutywinwa kwetempile.” Nangona lo mmiselo usenokuba usekude ngeminyaka emininzi kunyana okanye intombi yakho, izinto ezincinane, ezilula, nezingaguquguqukiyo enizenzayo kunye ebudeni baloo minyaka zinokubanceda balungiselele le ntsikelelo imangalisayo.
-
Fundani kunye “USapho: Isibhengezo kwiHlabathi” (Ithala lwencwadi leVangeli). Esi sibhengezo sifundisa ntoni ngolonwabo kubomi bosapho kwaye nangemitshato ephumeleleyo? Ukunye nomntwana wakho, khetha omnye wemigaqo edweliswe kwisibhengezo ukuyikufunda. Usenokukhangela izibhalo ezinxulumene naloo mgaqo kuso IsiKhokelo kwiZibhalo. Unokuzibekela kananjalo iinjongo zokusebenzisa lo mgaqo ngokuzele ngakumbi kusapho lwakho. Njengoko nisebenza kwiinjongo zenu, xoxani kunye ngemiphumela ebangwa kukuphila lo mgaqo kubomi bosapho.
-
Kunye nomntwana wakho, funda umyalezo kaMongameli Dieter F. Uchtdorf “In Praise of Those Who Save” (Liyahona, Ucanzibe 2016, 77–80). Xa ufika kwicandelo elinomxholo othi “A Society of Disposables,” usenokukhangela izinto ezisendlwini yakho ezilahlwayo nezinye ezingezizo. Thetha ngendlela oziphatha ngayo izinto ngendlela eyahlukileyo xa ufuna ukuba zihlale ixesha elide. Oku kucebisa ntoni ngendlela esifanele siwuphathe ngayo umtshato nobudlelwane bosapho? Yeyiphi enye into esiyifundayo kumyalezo kaMongameli Uchtdorf malunga nendlela uMsindisi angasinceda ngayo sakhe imitshato eyomeleleyo kunye neentsapho?
-
Vula umntwana wakho malunga nezinto wena neqabane lakho enizifundayo malunga nokuba nomtshato ongunaphakade ogxile kuKrestu kunye neendlela enizama ukuziphucula ngazo. Ukuba wena neqabane lakho nitywinwe etempileni, bonisa umntwana wakho ngomzekelo ukuba nizama kanjani ukugcina iminqophiso yenu kunye neNkosi. Xelela umntwana wakho ukuba uzama njani ukwenza uBawo oseZulwini noMsindisi umbindi wobudlelwane bakho kwaye Bona baninceda njani (bona kananjalo Ulisses Soares, “In Partnership with the Lord,” Liyahona, EyeNkanga. 2022, 42–45).
-
Xa kufuneka kwenziwe izigqibo zosapho, yiba namabhunga osapho neengxoxo. Qinisekisa ukuba zonke izimvo zamalungu osapho ziyaviwa kwaye zixatyisiwe. Sebenzisa ezi ngxoxo njengethuba lokumisela unxibelelwano olunempilo nobubele kubudlelwane bosapho, nkqu naxa ingenguye wonke ubani obona ngokufanayo.
-
Xa kukho ukungavisisani okanye ingxabano kusapho, bonakalisa umonde novelwano. Nceda umntwana wakho abone indlela ukusingatha ingxabano ngeendlela zobuKrestu zinokumnceda ngayo alungiselele umtshato owonwabileyo. Fundani kunye IMfundiso neMinqophiso 121:41–42, kwaye nithethe ngendlela imigaqo ekule miqolo engasetyenziswa ngayo emtshatweni.