Ulutsha
Siyakubulela, Owu Thixo, ngoMprofethi
Umprofethi wethu, uThomas S. Monson ukuchukumise njani? Yintoni eyona uzakuyikhumbula ngamandla ngaye? Cingisisa ngokubhala kwiJenali yakho malunga noMongameli Monson kunye nobomi bakhe—kangangoko ecacisa kulomyalezo impembelelo yomprofethi ngamnye yena ayikhumbulayo.
Wena usenokufuna ukukhetha isicatshulwa osithandayo esisuka kuye kwaye usibhale apho uzakusibona khona rhoqo, njengakwibhayinda yesikolo okanye iphetshana kwigumbi lakho. Wena usenokwenza nomfanekiso wesicatshulwa ngaso kwaye uyenze ibe ngasemva apha kubuso befowuni. Ngaxesha ngalinye ubona isicatshulwa eso, usenokucinga ngokubaluleka komprofethi ophilayo kwaye ukhumbule ukuba yena ulapha ukuze asithande kwaye asikhokele namhla.