Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha
Emva Kweempazamo Zakho—Nkqu Nezinkulu
Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha Tshazimpuzi 2025


UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, Tshazimpuzi 2026

Emva Kweempazamo Zakho—Nokuba Zinkulu

Singafunda lukhulu kuPetros ngoMsindisi, iNtlawulelo yaKhe, nokuzama kwakhona.

UPetros ekhanyela uKrestu

Ukukhanyela kukaPetros, nguCarl Bloch

Uninzi lwethu lukhe lwenza inkumbulo enye esinqwenela ukuba singayilibala. Nokuba yayilixesha lokuphoxeka nje, ingozi ebuhlungu emzimbeni, okanye ingxabano xa wawuthetha amazwi onqwenela ukuwarhoxisa, kukho amaxesha amaninzi ebomini apho iqhosha elithi "yenza kwakhona" okanye iqhosha elithi "cima" livakala linomtsalane kakhulu.

Isiprofeto Esikrakra Sizalisekisiwe

Umpostile uPetros wayengumntu onomdla kwiTestamente eNtsha. Wayenokholo nesibindi sokuhamba phezu kwamanzi esiya kuYesu, kodwa emva kwemizuzu embalwa wavumela uloyiko lwakhe ukuba lumnqobe waza waqalisa ukutshona, ekhala eNkosini ukuba imncede (bona Mateyu 14:28–31). Nangona singazazi zonke iinkcukacha zobomi bukaPetros, siyazi ngesinye isihlandlo xa walila kabuhlungu.

Kwiiyure ezimbalwa ngaphambi kokuba uYesu Krestu abanjwe, waprofeta ukuba uPetros wayeza kumkhanyela kathathu ngaphambi kokuba inkuku ikhale kabini. UPetros wala ukukholelwa eso siprofeto waza “wathetha wancamisa esithi, Ndingafanelana ndimelwe kukufa nawe, andingekhe ndikukhanyele konke” (Marko 14:31).

Kakade ke, isiprofeto soMsindisi saba yinyaniso. Ngenxa yoloyiko olwalujikeleze ukubanjwa koMsindisi, ubugorha bukaPetros bamshiya. Emva kokuba sele ekhanyele ukuba uyamazi uMsindisi kabini, waza wacinezelwa okwesithathu, uPetros “waqala ke ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi lo mntu nimthethayo” (Marko 14:71).

Xa inkuku yakhala kabini waza uPetros wakhumbula isiprofeto soMsindisi, “walila kabuhlungu” (Mateyu 26:75).

Kodwa ayikokuphela kwebali lakhe elo!

Ikona Ejikiweyo, Ngonaphakade

Ngokuphathelele konke esinokukufunda kwizibhalo, uloyiko lukaPetros aluzange luphinde ludlule ubungqina bakhe ngoYesu Krestu. Wangqina ngesibindi ngoMsindisi ngalo lonke ithuba, nokuba wayenomngcipheko wokwenza njalo. Khumbula, uPetros wayefundisa abantu ababesandul’ ukubethelela uYesu Krestu emnqamlezweni! Ingozi yayiyinyani.

Xa uPetros waphilisa indoda eyayisisiqhwala kwasekuzalweni kwayo, wayiyalela wathi, “Egameni likaYesu Krestu umnaNazarete, vuka uhambe.” (Izenzo 3:6), wabanjwa kunye noYohane waza wabuzwa ukuba uwenze njani lo mmangaliso.

UPetros waphendula ngesibindi wathi, “Makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwaSirayeli, ukuba kusegameni likaYesu Kristu waseNazarete, enambethelelayo emnqamlezweni nina, athe uThixo wamvusa kwabafileyo; kungaye lowo, ukuba lo mntu eme apha phambi kwenu ephilile.”

“Nguye lo ilitye elenziwa into engento nini bakhi, elisuke laba yintloko yembombo. Kananjalo usindiso alukho kuwumbi; kuba akukho gama limbi phantsi kwezulu, linikiweyo phakathi kwabantu, esimele ukusindiswa ngalo” (Izenzo 4:10–12).

Hayi indlela ekhaliphe ngayo impendulo! Nobungqina obucacileyo beenkolelo zakhe.

Izicaka Ezingafezekanga, Ezikwaziyo Ngokugqibeleleyo Ukukhonza

Ngamnye wethu uza kona kobu bomi. Ngaphandle kwemizamo yetthu emihle kakhulu siya kusilela kumathemba neenjongo zethu ngamaxesha athile. Njengoko uMongameli Jeffrey R. Holland (1940–2025), UMongameli weQumrhu labaPostile Abalishumi elinambini, wakha wafundisa, “Ngaphandle kwemeko yoNyana waKhe Okuphela kwakhe ogqibeleleyo, abantu abangafezekanga ngabona kuphela uThixo awakha wasebenza nabo.”

Ixabiso lakho lokomoya alichazwa okanye lilinganiselwe ziimpazamo zakho—nokuba zezona zinkulu! Ngenxa yokuba waguquka waza uKrestu wamxolela, ukukhanyela kukaPetros uKrestu akuzange kumthintele ekubeni kamva angqine, afundise, aze aguquke ngamandla amakhulu. Izibhalo zizele yimizekelo yabanye abafundi abonayo, baguquka, baza baqhubeka benokholo kuKrestu.

USathana uya kusoloko ezama ukukweyisela ekubeni iimpazamo zakho ziyanda kwaye awusoze ukwazi ukuzoyisa. Ungabuhoyi ubuxoki bakhe!

UDade Tamara W. Runia, uMcebisi wokuQala kuBongameli Jikelele Wamantombaza Abaselula, wafundisa: “Kufuneka ukuve oku, ngoko ke ndiza kuthetha la mazwi ngokuvakalayo: Awulilo ilizwi elisengqondweni yakho okanye iimpazamo ozenzileyo. Kusenokufuneka ukutsho oko ngokuvakalayo. Xelela uSathana, ‘Hayi namhlanje.’ Mbeke ngasemva kwakho.

“Yiva loo mtsalane, intlungu yobuthixo ekukhokelela kuMsindisi wakho, kwaye ubukele ubabalo lwaKhe lungena ebomini bakho nakubomi babo ubathandayo. Ndiyathembisa ukuba ngomzuzu nje sisizisa intliziyo ephukileyo ngesibindi kuYe, Yena ukhona ngoko nangoko..”

UYesu Krestu

Christus Consolator, nguCarl Bloch

Iintsuku Zakho Eziqaqambileyo Ngaphambili

Ngeli xesha lePasika, njengoko ucingisisa ngakumbi ngeNtlawulelo yoMsindisi, khumbula ukuba ukukwazi ukuguquka nokuzama kwakhona sesinye sezipho ezinkulu onokuzifumana. Ngenxa kaYesu Krestu, iimpazamo zakho ezimbi kakhulu zinokuxolelwa zize zilahlwe njengemixokelelwane enzima.

“UMsindisi ukhanya ngonaphakade kunobumnyama behlazo,” uDade Runia ufundisile.

Ngenxa kaYesu Krestu, ithemba lingahlala likhanya ngakumbi njengoko uhlala ugxile kuYe.

Amanqaku

  1. Jeffrey R. Holland, Apr. 2013 general conference (Ensign or Liahona, May 2013, 94).

  2. Tamara W. Runia, Apr. 2025 general conference (Liahona, May 2025, 91).

  3. Tamara W. Runia, Apr. 2025 general conference (91).