Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha
Ufuna Ukonwaba Ngakumbi? Zama Umbulelo
Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha EyoMdumba 2026


UMyalezo wangenyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoMdumba 2026

Ufuna Ukonwaba Ngakumbi? Zama Umbulelo

Xa ubomi bakho buzele ziinguqu, umbulelo unokukunceda ugxile kwizinto ezintle kwaye uhlale unethemba.

umntu ongaphantsi kwamafu emvula nomntu ojikelezwe ziintaka, amabhabhathane neentyatyambo

Imizobo nguMaggie Stephenson

Awusoze wonwabe ngaphezu kokuba unombulelo.”

Njengoko esi sicatshulwa esivela kuMdala uGary B. Sabin wamaShumi asixhenxe sisitsho, indlela onoyolo ngayo ichaphazeleka ngokuthe ngqo yindlela onombulelo ngayo. Kuyavakala—xa unombulelo, ugxila kwizinto ezintle endaweni yezinto ezingalunganga.

Sekunjalo, ubomi abuhlali buhamba njengoko bucebiwe. Iinguqu ezingalindelekanga zinokukwenza uxinzeleke, udane, okanye ukhathazeke kunokuba wonwabe. Kodwa xa izinto zinzima, umbulelo unokukunceda uhlale unethemba. Zama ezi ndlela zintathu zokuzisa umbulelo ongakumbi ebomini bakho.

1. Khangela Okuhle

Amaxesha amaninzi, kuba nzima ukuba nombulelo xa uziva ngathi kukho into oswele yona. Kodwa zeziphi iintsikelelo onokuthi uzilibale xa ugxila koko ongenako kunoko unako?

Njengoko ukhangela okuhle ebomini bakho, ngokuhamba kwexesha kuya kuba lula ngakumbi ukukufumana.

2. Bonisa Umbulelo kuLowo Unikayo

Xa ubala iintsikelelo zakho, musa ukulibala apho zivela khona.

Ukubulela uBawo waseZulwini ngezipho zaKhe—kuquka isipho soNyana waKhe—kunokwenza nzulu uthando lwakho nokholo lwakho kuYe. UMongameli D. Todd Christofferson, uMcebisi weSibini kuBongameli bokuQala, kananjalo ucacisile, “Ukuva nokubonisa umbulelo kuThixo … kuzalisa ukunqula ngomoya wokuhlaziywa kovuyo,” okukuzisela uvuyo namandla kwaye kuncede ubungqina bakho buhlale buqinile.

3. Gxila kwiCwebo likaBawo waseZulwini

Ngokuqinisekileyo, ukuba nombulelo akuthethi ukungahoyi izinto ezinzima ebomini okanye ukuhlala wonwabile ngalo lonke ixesha. KwanoYesu Krestu waziva waza wazivuma iintlungu (bona Alma 7:11; IMfundiso neMinqophiso 19:18–19). Usizi yinxalenye eqhelekileyo yobomi basemhlabeni.

Kodwa nokuba kwenzeka ntoni, into enye ayitshintshi: icebo lenceba likaBawo waseZulwini. Lonke usizi nentlungu oyivayo ebomini ziya kulungiswa ngenxa kaYesu Krestu neNtlawulelo yaKhe (bona IsiTyhilelo 21:4).

UMdala uDieter F. Uchtdorf weQumrhu labaPostile abaLishumi elineSibini wachaza wathi: “Ukuba nombulelo ngamaxesha oxinzelelo akutsho ukuba siyayonwabela imeko esikuyo. Kodwa kuthetha ukuba ngamehlo okholo sijonga ngaphaya kwemingeni yethu yangoku.”

Amanqaku

  1. Gary B. Sabin, Oct. 2023 general conference (Liahona, Nov. 2023, 58).

  2. D. Todd Christofferson, Apr. 2025 general conference (Liahona, May 2025, 77).

  3. Dieter F. Uchtdorf, “Grateful in Any Circumstances,” Apr. 2014 general conference (Ensign or Liahona, May 2014, 76).