UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeDwarha 2025
Kutheni iNkosi ineBandla?
Injongo yeBandla likaKrestu “kukwenza abantu ngabanye neentsapho zincedise uThixo ekuzalisekiseni umsebenzi waKhe wosindiso nowokuphakanyiswa.” IBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela linceda “abantwana [bakaThixo] bafanelekele elona qondo liphakamileyo lozuko, elikukuphakanyiswa okanye ubomi banaphakade.”
“UMsindisi … wayalela [iBandla] ukuba liphumeze iinjongo zaKhe—ukushumayela ivangeli yaKhe, enikela ngemimiselo yaKhe neminqophiso, kwaye esenza ukuba kwenzeke ukuba amandla aKhe asigwebele kwaye asingcwalise.”
Amalungu eBandla anokufikelela kumandla kaYesu Krestu neentsikelelo ngegunya lobubingeleli nezitshixo, iminqophiso nemimiselo, isikhokelo sesiprofeto, izibhalo ezingcwele, noluntu lwabaNgcwele.
IBandla kananjalo liyalelwe: “Phakamani nize niqaqambe ngaphambili, ukuze ukukhanya kwenu kube kuya kuba ngumlinganiselo wezizwe” ( IMfundiso neMinqophiso 115:5 ).
Amalungu eBandla azama “ukuqaqamba ngaphambili” ngokuphila ivangeli, ngokumema bonke ukuba bamkele ivangeli, ngokumanyanisana iintsapho ngonaphakade, kwaye ngokukhathalela amahlwempu nabasweleyo. Lo ngumsebenzi kaThixo wosindiso nowokuphakamisa.
© 2025 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eUSA. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, October 2025. Xhosa. 19624 774