UMyalezo weNyanga Okwenzelwe uKomeleza uLutsha, EyoMsintsi 2025
UYesu Krestu uNgowayo Nayo iMihla eLungileyo
Xa izinto zihamba kakuhle, singahlala sigxile njani kuMsindisi? Nazi ezinye iimbono.
Khawucinge ukuba umhlobo wakho wayechitha ixesha kunye nawe kuphela xa esentlungwini aze akuphephe xa onwabile. Bubudlelwane obuphilileyo? Hayi ngokwenene.
Ingaba sikhe sikwenze oko kuMsindisi wethu—simfune Yena ngamaxesha anzima size simlibale Yena ngamaxesha obumnandi?
Sithetha kakhulu ngokuba usinceda njani uYesu Krestu kumaxesha wethu anzima, kuse nokuba ngenxa yokuba umntu wonke, ngelinye ixesha okanye xesha limbi, ujongana nezinto ezinzima.
Kodwa zikhona iintsuku ezithile—iiveki okanye nkqu neminyaka, ukuba sinentlantla—apho izinto ziye zihambe kakuhle ngokwenene. Ngamanye amaxesha siye simlibale uMsindisi kuloo maxesha. Abantu beNcwadi kaMormoni benjenjalo. Baphunyelelisa ziintsikelelo zikaThixo okwexeshana kodwa baphela bengamaxhoba ekratshi bakumlibala Yena.
Amaxesha amahle alungileyo akathethi into yokuba thina ngesiquphe asisamdingi uYesu Krestu. Amaxesha empumelelo angamaxesha agqibeleleyo okugcobisana noMsindisi, hayi ukumlibala Yena.
Ngoko sihlala njani siqhagamshelene noYesu Krestu kunye noBawo oseZulwini xa ucikido lungasikhumbuzi ukuba siguqukele kuBo.
Hlala uThobekile
Xa izinto zihamba kakuhle, kulungile ukuvuyela iintsikelelo kunye neempumelelo zakho. Kodwa musa ukulibala ukuba ngubani okwenze ukuba kwenzekele ukuba ube kulendawo ukuyo. Ukumkani Bhenjamin uyibeka ngale ndlela kwintshumayelo yakhe yeNcwadi kaMormoni:
“Kuba qaphelani, asingabangqibi sonke na? Asixhomekekanga sonke kwa kwesi Siqu na kwa naye uThixo, kubo bonke ubutyebi esinabo, ngokutya nezambatho, nangegolide, nangesilivere, nangabo bonke ubutyebi esinabo balo lonke uhlobo?” (Mozaya 4:19).
Ukuthobeka ngempumelelo yakho ngokukhumbula oko uBawo waseZulwini noYesu Krestu bakwenzele kona yindlela elungileyo yokubaquka Bona kumaxesha alungileyo.
Hlala uNombulelo
Umbulelo ulelinye lamachiza abalaseleyo ngokubhekisele kwikratshi nokulibala. Ukubulela kuThixo kuya kukunceda umkhumbule Yena nako konke okulungileyo akwenzayo Yena ekunye noNyana waKhe kubomi bakho. Oku kusebenza ngokufanayo ngamaxesha alungileyo nangoko injalo ngamaxesha anzima.
Hlala uLumkile
Enye yeendlela zokuhlasela azithanda kakhulu uSathana “ku[ku]thoboza, aze a[ku]zolisele kude kukhuseleko lwasenyameni” (2 Nifayi 28:21). Ngamanye amazwi, yena angakuthanda okokuba wena uzive waneliseke kwaye ukhuseleke ngamaxesha alungileyo ude ulibale neyona nto ibaluleke ngokuthe xhaxha. Ngoko, musa ukulibala uThixo! Xa uhlala uwazi amaqhinga otshaba kwaye uwaxhathise nangamaxesha akho amnandi, ungahlala kufutshane noBawo waseZulwini kunye noYesu Krestu.
The Good Shepherd [UMalusi oLungileyo], nguMichael Malm
Hlala uGxile kuKrestu
UMongameli Russell M. Nelson wafundisa: “Xa umgqaliselo wobomi bethu ukwicebo likaThixo losindiso … kunye noYesu Krestu nevangeli yaKhe, singeva uvuyo nokuba kwenzeka ntoni na—okanye akwenzeki nto na—kubomi bethu. UVuyo lusuka kwaye luza ngenxa yaKhe. Yena ungumthombo walo lonke uvuyo.”
Uyicinga kangaphi lenyaniso emalunga novuyo xa ubomi buhamba kakuhle? Le ayiyongcebiso nje ethuthuzela xa izinto zilukhuni. Iyinyani ngalo lonke ixesha, iquka nemihla yakho ebalaseleyo. Ngoko yenza koknke onako ukuze ugxile kuKrestu, kusiza ububi okanye ubuhle.
© 2025 ngu Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, September 2025. Xhosa. 19626 774