UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha , EyoMqungu 2025
Khangelani kuKrestu
IMfundiso neMinqophiso 6:36
Umxholo woLutsha ka-2025 uya kukunceda ukhethe ukuthemba ngaphezu kwamathandabuzo kunye nokholo ngaphezu koloyiko.
UKailey oneminyaka elishumi elinesixhenxe ubudala wayekwiqela eliculayo de kwabakho ingozi ebangele ukwenzakala kwengqondo. Ukuchacha kwakhe kwamthintela ukuba angayi esikolweni, yaye waqalisa ukuziva elilolo kwaye eyedwa. Wayetsala nzima ngokweemvakalelo kwaye engazi ukuba uncedo alukhangangele phi. Umhlobo wakhe wamcebisa ukuba aphulaphule abafundisi bevangeli. Bamfundisa ngeNtlawulo kaYesu Krestu. Ukufunda ngakumbi ngoKrestu kwamnika ithemba, kwaye waziva ngathi uThixo ngokwakhe wayesolula isandla sakhe kuye.
UKailey wathi kumama wakhe: “Andizange ndicinge ukuba uThixo uyandithanda. Kodwa ngoku ndiyazi ukuba uyandithanda.”
Umama wakhe, uMichelle, wothuka kancinane. Yena nomyeni wakhe, uBrock, babeshiye iBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela xa uKailey wayeneminyaka esixhenxe ngenxa yemibuzo eyahlukahlukeneyo, amathandabuzo, kunye neenkxalabo. Bacinga ukuba intombi yabo iya konwaba ngakumbi ngaphandle kwazo zonke iintlanganiso kunye nemiyalelo. Abazange bacinge ukuba ukhetho lwabo luya kuthintela uKailey kunxibelelwano olusondeleyo noThixo. Njengoko uMichelle noBrock babebukele indlela uKailey atshintshe ngayo, baqonda ukuba kwakusele kukudala beziva besondele kuThixo, yaye bafuna ukuphinda bazive ngaloo ndlela.
Badibana nobhishophu wabo, kwaye ngokukhawuleza usapho, kuquka umntakwabo Kailey uBraeden, babuyela ebandleni. Ukuziva besondele kuThixo nokunxibelelana naye kwakhona—ingakumbi ngomthandazo—kwalubuyisela ukholo lwabo. Ukubuyela ecaweni akuzange kuyisombulule yonke imibuzo okanye inkxalabo zabo, kodwa baqonda ukuba ukuba nolwalamano lobuqu olomeleleyo noThixo kwakubaluleke ngakumbi kunokungakholelwa kwabo.
Konke oku kwaqala xa umhlobo—okwishumi elivisayo njengawe—wamema uKailey ukuba akhangele kuKrestu. Kwaye wenza njalo!
UYesu Krestu uthe, “Khangelani kum kuyo yonke ingcinga; ningathandabuzi, ningoyiki” (Imfundiso neMinqophiso 6:36). Le yinkuthazo emva koMxholo woLutsha ka-2025. Sivumele sabelane ngendlela onokukhetha ngayo ukuthembela ngaphezu kwentandabuzo kunye nokholo ngaphezu koloyiko njengoko ukhangela kuKrestu:
Ekhohlo ukuya ekunene: UDade uRunia, uMongameli uFreeman, uDade Spannaus
Tamara W. Runia
Xa nditsala nzima, isoloko indinceda ukuba nomfanekiso kaYesu Krestu esolule iingalo zakhe. Xa ndijonga kuYe, ndikhumbula amazwi engoma ethi, “I Will Walk with Jesus” (“Ndiyakuhamba noYesu”): “Akasayi kundishiya, nokuba ndiwile.”
Emily Belle Freeman
Xa ndifunda esi sibhalo siyintloko, ndikhumbula uPetros kuLwandle lwaseGalili. Ukugxininisa kwisaqhwithi kwandisa uloyiko namathandabuzo akhe, nto leyo eyabangela ukuba azike kumaza aqhwithelayo. Kodwa ukugxila kuMsindisi kwamenza ukuba afeze into angazange abenayo ngaphambili: wahamba phezu kwamanzi! Kuyaphawuleka, ngokwenene. Yintoni onokuyifeza njengoko ukhangela kuYe?
UAndrea Muñoz Spannaus
Xa ndiqala ukuziva ndinoloyiko, nokuba ndiphi okanye ndikweyiphi na imeko, ngabom ndicinga ngobudlelwane bam noBawo waseZulwini kunye noYesu Krestu. Ndiphinda engqondweni yam amaxesha amaninzi: NDIYINTOMBI KATHIXO Ndiqhubeka ndikwenza oku de ndiqalise ukuziva ngcono. Ihlala isebenza!
Ekhohlo ukuya ekunene: uMzalwana uWilcox, uMongameli uLund, uMzalwana uNelson
Bradly R. Wilcox
Zibuze ukuba ngubani okukhathaleleyo nokuthanda kakhulu. Ngaba ngabazali bakho kunye neenkokeli zeCawa? Ngaba ngabantu kwimidiya yoluntu onokuthi ube yinombolo kubo? Khangela kuBawo oseZulwini nakuKrestu. Bakhathala ngokwenene!
USteven J. Lund
Khumbula ukuba ukhunjuzwa ntoni xa ucengceleza imixholo yeQumrhu yoBubingeleli buka-Aron kunye nemixholo yaManina Amatsha; Ungunyana oyintanda okanye intombi kaThixo. Yiba nokholo lokuba uBawo wethu unecebo ngawe. Ukukhangela kuKrestu kuthetha ukubona ukuba iNtlawulo Yakhe isembindini welo cebo.
Michael T. Nelson
Ukufunda izibhalo kukukhangela kuKrestu! Amathandabuzo noloyiko luyaphela ngokwemvelo njengoko sikhunjuzwa ngemimangaliso neemfundiso zikaYesu. Sinethamsanqa elikhulu lokufikelela kumazwi aKhe. Asebenza kuzo zonke iimeko esijamelana nazo ebomini bethu.
© 2025 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe e-USA. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo yo Myalezo weNyanga we-Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, kweyoMqungu ka-2025. Xhosa. 19615 774