“UMoses Umprofeti,“ UMhlobo, EyoKwindla 2026, 46–48.
Umyalezo weNyanga Umhlobo, EyoKwindla 2026
UMoses uMprofeti
UMoses wayeliSirayeli, kodwa wayekhuliswe yintombi kaFaro eYiputa. UMoses wayebuhlungu kukuba amaYiputa ayebaphatha kakubi amaSirayeli aze abenze amakhoboka.
Ngenye imini uMoses waye wabona umYiputa ebetha umSirayeli. UMoses ekhusela umSirayeli.
Xa uFaro wakuva oko, wayefuna ukubulala uMoses, kodwa uMoses wayebalekile eYiputa.
UMoses wafika kwindawo ebizwa ngokuba yiMidiyan, apho waye wadibana nomfazi owayegama linguTsipora. Baye batshata baze baba nabantwana.
Ngexesha wayehlala eMidiyan, uMoses waye wabona ityholo elalivutha, kodwa umlilo lowo wawungalitshisi liphele ityholo. INkosi yavela emlilweni kwaye yathetha noMoses.
INkosi yathi Yona yayisazi ukuba amaSirayeli ayehlupheka eYiputa. Yona yayalela uMoses ukuba abuyele eYiputa aze axelele uFaro ukuba akhulule amaSirayeli. INkosi yathi yayiya kumnceda uMoses akhulule amaSirayeli kwaye awakhokelele kwilizwe lesithembiso.
Iphepha lokufakela Imibala
Ndinokuba Nobubele kwaBanye.
Umfanekiso ka-Audrey Day. Ingakopishwa ukuze isetyenziswe eBandleni kuphela.
Ungenza ntoni kule veki ukuba nobubele?
© 2025 ngu Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, March 2026. Xhosa. 19938 774