“AbaNgcwele Baya eNtshona,” Umhlobo, EyoMnga 2025, 26–28.
Umyalezo weNyanga uMhlobo, EyoMnga 2025
AbaNgcwele Baya eNtshona
Emva kokuba uJoseph Smith eswelekile, uBrigham Young nabanye abaPostile bakhokela iBandla. UBrigham wayesazi ukuba abaNgcwele kufuneka bashiye iNauvoo kuba yayingakhuselekanga. Kodwa iNkosi yayifuna ukuba bagqibezele ukwakha itempile kuqala.
Xa itempile yayilungile, amawaka abaNgcwele benza iminqophiso neNkosi baza batywinwa njengeentsapho.
Ngoku yayilixesha lokuqala uhambo lwabo oluya entshona. Imozulu yayibanda, kwaye abantu babegula kwaye belambile.
UBrigham wathandazela uncedo. INkosi yathi mabancedane, kwaye Yona yayiza kubasikelela kwaye ibancede.
Uhambo lwalusenzima kakhulu. Abanye abantu bafa. Kodwa ngenxa yeminqophiso yabo yetempile, abaNgcwele babesazi ukuba baza kuphinda babone amalungu osapho lwabo.
AbaNgcwele bokuqala bafika kwiSalt Lake Valley ngo-1847. Apha babenokunqula iNkosi kwaye benze umsebenzi waYo ngoxolo.
Kwiminyaka edlulileyo, abaNgcwele abaninzi bafika baza bakha iitempile ezingakumbi. Abafundisi bevangeli bahamba kwihlabathi liphela ukufundisa ivangeli likaYesu Krestu. IBandla loMsindisi laqhubeka likhula, lisikelela abantwana bakaBawo waseZulwini kuyo yonke indawo.
Iphepha lokufakela Imibala
Yena Ukukukhanya, uBomi, nethemba leHlabathi.
Umzobo nguCorey Egbert
Yintoni oyenzayo ngeKrisimesi ukukhumbula uYesu Krestu?
© 2025 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, December 2024.Xhosa19350 774