“UJane Manning Uhambela eNauvoo,” Umhlobo, EyeDwarha 2025, 26–28.
UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, EyeDwarha 2025
UJane Manning Uhambela eNauvoo
Apho uJane Manning wayehlala khona, abanye abantu bamphatha kakubi ngenxa yebala lakhe lolusu. Ngenye imini, weva imfundiso yomfundisi wevangeli. Kungekudala wabhaptizwa.
Intsapho kaJane nayo yabhaptizwa. Bonke babefuna ukuba kunye nabaNgcwele eNauvoo. Baluqalisa ke uhambo lwabo.
Intsapho kaJane yayifuna ukuhamba ngephenyane inxalenye yohambo, kodwa yayingenayo imali eyaneleyo. Ngoko kwakufuneka bahambe i800 yeemayile (1,300 km).
Kwakufuneka bawele umsinga onzulu baze balale phandle kubanda. Kodwa babezimisele ukufikelela eNauvoo. Bazivuyisa ngokucula njengoko babehamba.
Intsapho kaJane yahamba de zaguga izihlangu neenyawo zayo zenzakala. Kodwa xa bathandaza kuThixo becela uncedo, Yena waziphilisa iinyawo zabo.
Babenceda abantu ababedibana nabo endleleni. Bade banceda nokuphilisa umntwana ogulayo ngenxa yokholo lwabo.
Ekugqibeleni, uJane nosapho lwakhe bafika eNauvoo! Wathi uJoseph Smith akuva zonke izinto ababetyhubele kuzo, wathi kuJane, “UThixo akusikelele. Uphakathi kwabahlobo ngoku.”
Iphepha Lokufakela Imibala
UYesu Ufuna Mna ndithande Wonke Umntu.
Umzobo nguCorey Egbert
Ulubonisa njani uthando kwabanye?
© 2025 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eUSA. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, October 2025. Language. 19630 774