2025
Ukwakha iNauvoo
UCanzibe 2025


“Ukwakha iNauvoo,” UMhlobo, EyoMsintsi 2025, 26–28.

UMyalezo weNyanga UMhlobo, EyoMsintsi 2025

Ukwakha iNauvoo

AbaNgcwele bantlandlolo kwiintente ezinxuse unxweme lweMississipi River

INkosi yaxelela abaNgcwele ukuba bahlangane kwindawo entsha. Yayikufuphi nomlambo omkhulu, apho umhlaba wawumanzi khona kwaye unodaka. Yayingakhangeleki njengendawo ekulungeleyo ukwakhiwa kwesixeko. Kodwa uMprofeti uJoseph Smith wayesazi ukuba ngoncedo lweNkosi, bona bangayenza ibentle.

Indoda ixwaye iziqobo emagxeni ayo, ihashe neqegu elinezinto zokwakha, kunye nezindlu zezigodo
UJoseph Smith namanye amadoda bebeka izitena ngelixa besakha indlu.

AbaNgcwele basebenza nzima ukuze bayenze ibe yindawo ekulungeleyo ukuhlala. UJoseph wayithiya idolophu ngokuba yiNauvoo, ethetha “indawo entle.”

UJoseph Smith esalatha indawo ekwinduli eyenzelwe itempile

INkosi yayifuna ukuba abaNgcwele baYo bakhe itempile eNauvoo. Abantu baqalisa ukusebenza ngephanyazo.

UJoseph Smith efundisa abanye abaNgcwele endlini

INKosi yayineentsikelelo ezithe xhaxha eyayiza kuzinika abantu baYo. Etempileni, babeya kwenza iminqophiso, okanye izithembiso ezikhethekileyo, kunye neNkosi. Babeya kubanako nokufunda ngecebo likaBawo waseZulwini elenzelwe bonke abantwana baKhe.

Itempile yaseNauvoo egqityiweyo

AbaNgcwele basebenza nzima ekwakheni itempile. Yona yathatha ixesha elide, kodwa bona babenemincili yokufunda ngezithembiso ezikhethekileyo iNkosi eyayizenzele bona kwitempile yaYo.

Iphepha lokufakela Imibala

ITempile yindlu yeNkosi.

Iphepha lokufakela Imibala yePDF yoMsebenzi wetempile

Umzobo nguCorey Egbert

Uziva njani xa ubona itempile?