2025
INtolongo yaseLiberty
UCanzibe 2025


“iNtolongo yaseLiberty,” Umhlobo EyeThupha 2025, 26–28.

Umyalezo weNyanga Umhlobo, EyeThupha 2025

INtolongo yaseLiberty

Izindlu ezitshayo kunye namadoda aphethe imipu

Abantu abaninzi eMissouri babengabathandi abaNgcwele. Irhuluneli yathuma amajoni ukuba ibenze bahambe.

Indoda ekhwele ihashe ikhombe kuJoseph Smith ngekrele

Amajoni abamba uJoseph Smith nezinye iinkokeli zeBandla. Ngobunye ubusuku, abalindi babehleka ngezinto ezimbi ababezenzile kwabaNgcwele.

UJoseph Smith enamatyathanga ezihlahleni zakhe, ephakama kwaye ethetha namadoda

UJoseph Smith waphakama, wadanduluka wathi, “Yithini tu!” Wayethetha ngamandla kaThixo. Abalindi bathi bayaxolisa, kwaye bayeka ukuthetha.

UJoseph Smith namanye amadoda kwiNtolongo yaseLiberty ekhangeleka engonwabanga kwaye egodola

Emva koko, uJoseph nabahlobo bakhe bavalelwa entolongweni kwidolophu ekuthiwa yiLiberty. Intolongo yayibanda, incinane, kwaye imnyama. Baye benomququ wodwa wokulala. Ukutya ababekunikwa kwakubagulisa.

UJoseph Smith elila kwaye indoda imthuthuzela

UJoseph wayenexhala ngabaNgcwele. Kodwa wayengenakwenza nto ukuze abancede.

UJoseph Smith eguqile ukuze athandaze entolongweni

UJoseph wathandaza kakhulu. Wabuza ukuba uThixo ulibele na ngaye nangamalungu eBandla.

UJoseph Smith eguqile entolongweni, ejonge phezulu ekukhanyeni kwelanga kwifestile encinane

UThixo wawuphendula umthandazo kaJoseph. Wathi, “Nyana wam, uxolo malube semphefumlweni wakho.” UThixo waxelela uJoseph ukuba imicelimngeni yakhe yayingayi kuhlala ngonaphakade yaye yayiya kuba yingenelo kuye. Wathembisa ukuba uya kuba noJoseph “ngonaphakade kanaphakade” (IMfundiso neMinqophiso 121:7, 46).

Iphepha lokufakela Imibala

Ndinokuba Njengokukhanya kwaBanye.

Umsebenzi wephepha lokufakela imibala onendlu yesikhanyisi, unxweme olunamatye, kunye nesikhephe elwandle

Umzobo nguCorey Egbert

Ungumzekelo omhle njani kwabanye?