UMyalezo weNyanga Umhlobo, EyeKhala 2025
AbaPostile Bakhonza kuBufundisi baseBritane Enkulu
INkosi yaxelela uJoseph Smith ukuba athumele abanye baBapostile kubufundisi kwiBritane Enkulu. Kwakunzima kubapostile ukushiya iintsapho zabo, kodwa iNkosi yathembisa ukubasikelela.
UHeber C. Kimball nomfazi wakhe, uVilate, babenosapho oluncinane. Abaninzi kubo babegula kakhulu.
UBrigham Young naye wayegula, kwaye usapho lwakhe lwaluhlupheka. Kodwa inkosikazi kaBrigham, uMary Ann, yamxelela, “Hamba uyokuzalisekisa ubufundisi bakho, kwaye iNkosi iya kukusikelela.”
UHeber noBrigham babangcono, kodwa babebuthathaka kakhulu. Babefuna ukushumayela ivangeli, ngoko bavalelisa kwiintsapho zabo baza bakhwela ngasemva enqwelweni ukuze baqalise uhambo lwabo.
Emva kohambo olude olunqumla ulwandle, uHeber noBrigham bafika kwiBritane Enkulu. Bekunye nabanye abapostile, bafundisa abantu abaninzi ivangeli. Amawakawaka abantu abhaptizelwa kwiBandla likaYesu Krestu. Uninzi lwabo lwawela ulwandle ukuya kuzimanya nabaNgcwele eMelika.
INkosi yasigcina isithembiso saYo sokukhathalela usapho lukaHeber noBrigham ngelixa babekhonza Yena njengabafundisi bevangeli.
Iphepha lokufakela Imibala
UThixo Wadala Zonke Izidalwa Ezisemhlabeni.
Umzobo nguCorey Egbert
Sesiphi isidalwa osithandayo?
© 2025 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe e-Amerika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, July 2025. Xhosa. 19639 774