UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, EyeSilimela 2025
Ukwakha iTempile yaseKirtland
INkosi yaxelela uJoseph Smith ukuba yayilixesha lokwakha itempile eKirtland, e-Ohio, eMelika. Yayiza kuba yindawo ekhethekileyo apho iNkosi yayiza kutyelela abantu baYo kwaye yenze izithembiso nabo.
AbaNgcwele baqalisa ukwakha itempile. Yayibiza imali eninzi kwaye ithathe umsebenzi omninzi. Kodwa babevuyiswa kukufumana iintsikelelo zeNkosi.
Njengokuba abaNgcwele babesebenza etempileni, baqalisa ukuphelelwa yimali. Baye bathandezela uncedo kuThixo.
Owasetyhini ogama linguCaroline Tippets nosapho lwakhe babegcine imali eninzi. Bavumela iCawa ukuba iboleke imali yokuncedisa ekwakheni itempile.
Abangcwele basebenza nzima. Abanye babeqhuba iinqwelo ezizele ngamatye. Abanye babesenzela abasebenzi iimpahla nokutya.
Abantwana baqokelela iingceba zeeglasi ezaphukileyo ukuze bazicole babeke kwiindonga zetempile ukuze zimengezele kukukhanya kwelanga.
Kungekudala itempile yagqitywa! AbaNgcwele babenovuyo lokungena endlwini yeNkosi ukuya kufumana iintsikelelo eyayibathembise zona.
Iphepha lokufakela Imibala
INkosi Iyandazi Ukuba Ndingubani na Kwaye Iyandithanda
Umzobo nguCorey Egbert
Zoba ubuso bakho kwi-ovali. Wazi njani ukuba uYesu Krestu uyakuthanda?
© 2025 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, June 2025. Xhosa. 19643 774