“ULucy Ufumana Inyaniso,” Umhlobo, Tshazimpuzi 2025, 26–28.
UMyalezo weNyanga Umhlobo, Tshazimpuzi 2025
ULucy Ufumana Inyaniso
Ngenye imini, uLucy Morley oneminyaka eli-15 ubudala wayenceda ummelwane wakhe, u-Abigail Daniels, uluka amalaphu. Njengoko babesebenza, abafundisi bevangeli bankqonkqoza emnyango. Bathi babethunywe nguYesu Krestu ukuba babelane ngomyalezo.
Amadoda axelela u-Abigail noLucy ukuba uYesu wabiza uJoseph Smith ukuba abe ngumprofeti. Kananjalo babaxelela ngeNcwadi kaMormoni.
Okwamothusayo uLucy, kukuba u-Abigail waba nomsindo. Yena wenza ukuba abafundisi bevangeli bahambe.
ULucy wayesazi ukuba abafundisi bevangeli ngabakhonzi bakaThixo. Wabaxelela ukuba batyelele usapho lwakhe ezantsi kwendlela.
Abafundisi bevangeli baya kwikhaya likaLucy. Abazali bakaLucy bamema abafundisi bevangeli ukuba babafundise nabahlobo babo.
Ngobo busuku, kwaphaptizwa abantu abali-17. Kwintsuku ezimbalwa ezilandelayo, abantu abangakumbi abangama-50 beva abafundisi bevangeli baza babhaptizwa. Kwanommelwane kaLucy u-Abigail watshintsha ingqondo yakhe. Yena nomyeni wakhe, uLucy namalungu osapho lwakhe, bakhetha ukulandela uYesu Krestu ngokubhaptizwa.
Iphepha lokufakela Imibala
Ngenxa kaYesu Krestu, ndiya kuvuswa ekufeni
Umzobo nguCorey Egbert
Umkhumbula njani uYesu ngexesha lePasika?
© 2025 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, April 2025. Xhosa. 19631 774