“UJoseph Smith Ufumana Amacwecwe eGolide,” Umhlobo, EyoMdumba 2025, 26–28.
“Ndingaba liNgqina lokuba iNcwadi kaMormoni Iyinyani, ” Umhlobo, EyoMdumba 2025, 48.
UMyalezo wangeNyanga Umhlobo, EyoMdumba 2025
UJoseph Smith Ufumana Amacwecwe eGolide
Ungalifunda eli bali ku IMbali—kaJoseph Smith 1:28–60.
Kwiminyaka emithathu emva koMbono wokuQala, uJoseph Smith waziva kakubi malunga neempazamo awayezenzile. Wathandaza kuBawo waseZulwini ngazo.
Ngelixa uJoseph wayethandaza, ukukhanya kwazalisa igumbi. Wabona ingelosi ime emoyeni. Igama lengelosi lalinguMoronayi.
UMoronayi wathi kwakukho incwadi eyenziwe ngamaphepha egolide, okanye amacwecwe. Yayingcwatywe kwinduli ekufutshane kwikhaya likaJoseph. Le ncwadi yayithetha ngabantu ababehlala eMelika kudala. UMoronayi wathi uThixo uya kumnceda uJoseph aguqulele incwadi.
UJoseph Smith waya endulini waza wafumana amacwecwe ngaphantsi kwelitye elinzima. UMoronayi weza waza wathi uJoseph akakakulungeli ukuwathatha okwangoku.
Akuba uJoseph emdala, uMoronayi wadibana naye endulini waza wamnika amacwecwe. UMoronayi waxelela uJoseph ukuba awagcine ekhuselekile.
UJoseph waqalisa ukuguqulela amacwecwe esiNgesini. Wasebenzisa izixhobo ezikhethekileyo ezisuka kuThixo ukuze zimncede. Incwadi yapapashwa ngowe-1830 njengeNcwadi kaMormoni. Ifundisa ngoYesu Krestu nevangeli yaKhe.
Iphepha lokufakela Imibala
Ndingaba liNgqina lokuba iNcwadi kaMormoni iyinyani.
Umzobo nguCorey Egbert
Ungabanceda njani abanye ukuba bafunde ngoYesu Krestu kwiNcwadi kaMormoni?
© 2025 by Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe e-USA. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, February 2025. Xhosa. 19641 774